






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa > Ukhuseleko Ekuhlaleni > Ukufumanela Amaphulo Okhuseleko Loluntu Inkxaso-mali

Ukufumanela Amaphulo Okhuseleko Loluntu Inkxaso-mali




INKCAZELO:

iSebe Lephondo Lokhuseleko Loluntu linikezela ngenkxaso-mali kumaphulo alwa nolwaphulo-mthetho aqhutywa yimibutho engekho phantsi kolawulo lukarhulumente ebhalisiweyo kwakunye namabutho Asekuhlaleni Alwa Nolwaphulo-mthetho. Ukuze inkxaso-mali le ibe nokufikeleleka, amaphulo kufuneka abe ajoliswe:
* ekunciphiseni ulwaphulo-mthetho olunobundlobongela (umzekelo, ilinge lokubulala)
* ekunciphiseni ulwaphulo-mthetho lwasekhaya (umzekelo: ubundlobongela basekhayeni)
* ekunciphiseni ulwaphulo-mthetho olwenziwa empahleni (umzekelo: ubusela)
* ekunciphiseni ulwaphulo-mthetho kwicandelo loshishino (umzekelo: ubuqhetseba)
* ekuxhaseni iintshukumo zeSAPS ezichasene neentshukumo zolwaphulo-mthetho ezingabandakanyi maxhoba (umzekelo: ukushishina ngokuthubelezisa iziyobisi).



IMIYALELO:

Ukuze ube nokufikelela kule nkxaso-mali, iphulo lakho kufuneka liqhutywe ngumbutho ongekho phantsi kolawulo lukarhulumente okanye iButho Lasekuhlaleni Elilwa Nolwaphulo-mthetho. Ukuba umbutho wakho awubhaliswanga, kufuneka uqale uwubhalise.

Emva koko ke kuya kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo, phetshana elo lifumaneka kwiSebe Lokhuseleko Loluntu okanye kwizikhululo zamapolisa okanye ke kwakhona kule website, ze ulingenise kweli Sebe.

Eli Sebe lenza uphando lokufumanisa ukuba ngaba la maphulo aya kusebenza ngokwenyani na ze iqulunqe izibhambathiso ezidingekayo ukuba isicelo esithile siye saphumelela. Xa iphulo elo sele liqoshelisiwe, liye liphicothwe ukufumanisa ukuba yintoni na esebenzayo.
Qhagamshelana:
Theresha Hanekom
weSebe Lokhuseleko Loluntu
Inombolo Yomxeba: 021 483 5717
Inombolo Yefeksi: 021 483 3485
I-email: thanekom@pgwc.gov.za


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* Izikhululo Zamapolisa


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lokhuseleko loLuntu (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English

YAYAMENE

* Application form for Project Financing 2003/2004 (IFomu) (File type: pdf; size: 39 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Ukuba Ngumntu Osebenzela Uxolo (IiNkonzo)
* Ukuseka iNkampani Yokuphuculwa Kwesixeko (IiNkonzo)
* Manual of Community Policing (Izikhokelo/Incwadi yezikhokelo/Imiyalelo) (File type: pdf) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 11 uOktobha 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





