﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa > Amapolisa > Ukucela Uncedo Olungxamisekileyo

Ukucela Uncedo Olungxamisekileyo




INKCAZELO:

Okwangoku, akukabikho nombolo inye yexesha likaxakeka eMzantsi Afrika. Ngoko ke kufuneka utsalele uthotho lweenombolo ezahlukeneyo xa ufuna iinkonzo ezahlukeneyo zikarhulumente zamaxesha kaxakeka, ngaphandle kokuba ke ukwingingqi yenqila yeSixeko saseKapa, esele inayo inombolo yayo enye yamaxesha kaxakeka engu-107.


IMIYALELO:

Ngexesha likaxakeka elifuna impendulo yamapolisa, kufuneka utsalele umnxeba kule nombolo: 10111. Ngexesha likaxakeka elifuna inqwelo yezigulana, kufuneka utsalele umnxeba kule nombolo: 10177. Kwezi nombolo zombini, kufuneka ukwazi ukuchaza ukuba uphi na kwaye kutheni na ufuna impendulo engxamisekileyo. Zombini ezi nombolo zitsalelwa simahla.

Kummandla wolawulo lwenqila yeSixeko saseKapa, ungatsalela kule nombolo: 107 (simahla xa utsalela kumnxeba wasekhayeni okanye komnye weminxeba kawonke-wonke) NGALO NALIPHI NA ixesha likaxakeka okanye lentlekele. Kufuneka uchaze ukuba yintoni na ingxaki (ngumlilo, ukuhlangulwa entabeni, ingozi kwizithuthi, ulwaphulo-mthetho, njalo-njalo.), umntu okuncedayo uya kuqinisekisa ukuba impendulo echanekileyo kweli xesha lale ngxaki iya kunceda. Kufuneka kwakhona ukwazi ukuchaza ukuba iphi na le ngxaki.

Ukutsalela inombolo u-107 kumnxeba wesandla akusayi kusebenza. Ukutsalela inombolo yexesha likaxakeka yaseKapa enye kumnxeba wesandla, tsalela kule nombolo: 021 480 7700. Oku kuya kukudla intlawulo eqhelekileyo yomnxeba wesandla.

Kodwa ke, ukuba utsalela umnxeba kumnxeba wesandla, ungatsalela u-112 kwaye uya kudityaniswa neziko lenkampani yakho yoqhagamshelwano ngexesha likaxakeka. Umnxeba oya ku-112 kumnxeba wesandla awuhlawulelwa kwaye uyakwazi ukuyitsalela nakumnxeba wesandla ongenamali yakwenza mnxeba (oku kungenzeka naxa ungenalo ikhadi iSIM). Iminxeba yexesha likaxakeka kujongwana nayo kuqala kwaye xa olu thungelwano luxakekile, eminye iminxeba engenayo iya kubekwa phantsi ukuze kuthathwe lo wakho ungxamisekileyo. Olu thungelwano kufuneka, ngokwamaphepha-mvume alo, lunikezele ezi ngxelo kwiinkonzo ezintlanu zexesha likaxakeka (umlilo, inqwelo-mafutha yezigulana, amapolisa, ukuhlangulwa elwandle kwanakwizithuthi).
Uthungelwano ngomnxeba wesandla nalo luneenkonzo ezizodwa ezahlukeneyo zexesha likaxakeka onokuthi uzitsalele ukongeza ku-112 okanye njengengxenye yokutsalela u-112. Buza kwiziko lakho lothungelwano (uCell C, uMTN okanye uVodacom) ukuze wazi ukuba zithini na ezi nombolo. Nceda uqaphele ukuba nangona iminxeba engenayo kolu thungelwano ingahlawulelwa, kuya kufuneka uhlawulele naluphi na unyango okanye iinkonzo ezizezinye ezithe zanikezelwa ziinkampani zabucala ezithungelana nothungelwano onokuthi ulusebenzise.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:


* Isixeko saseKapa
* Isebe Lokhuseleko loLuntu (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Indlela yokuhambisa abagulayo engxamisekileyo nohlangulo (IiNkonzo)
* iZiko Lonxibelelwano Olukhawulezileyo Noluntu lweSixeko saseKapa (IiNkonzo)
* Arrive Alive Website (Qhagamshela) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Iinombolo Zoqhagamshelwano Ezibalulekileyo (IiNkcukacha Zoluntu)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 2 uNovemba 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





