






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa > Ukhuseleko Ekuhlaleni > Ukuqhagamshelana neForum yamaPolisa Yasekuhlaleni

Ukuqhagamshelana neForum yamaPolisa Yasekuhlaleni




INKCAZELO:

IForum yamaPolisa yasekuhlaleni (i-CPF) iqulethe imibutho namaziko anjengezikolo, imibutho yabahlawuli-rhafu, imibutho yoluthu, amashishini kunye namaziko enkolo, asebenzisana namapolisa engingqi. Injongo ye-CPF kukudala nokugcina indawo ekhuselekileyo nenokhuselo kubemi abahlala kummandla waloo CPF.

I-CPF iphuhlisa izicwangciso zokhuseleko loluntu ekuhlaleni rhoqo ngonyaka nezithi ziphawule izinto eziphambili neemfuno zasekuhlaleni. Ezi zinto ziphambili neemfuno zisekwa luluntu kwimimandla kwi-CPF, ze zibe yinxenye yesicwangciso somsebenzi wesikhululo samapolisa kwingingqi. I-CPF ingaphinda icwangcise futhi izalisekise iiprojekthi ezizezayo zokhuseleko kwaye ingenza isicelo senkxaso-mali yale misebenzi kurhulumente wephondo (fundile please put this linke around the correct wordsinputter: link to URL for a href="http://www.capegateway.gov.za/xho/directories/services/11459/9518").
Amalungu eqela eligunyazisiweyo kwizikhululo zamapolisa kwingingqi, anoxanduva lokuseka iiCPF kwiindawo ahlala kuzo. Phantse yonke imimandla enezikhululo zamapolisa eNtshona Koloni inayo iCPF. I-CPF nganye inomgaqo-siseko wayo (osekelwe kumgaqo-siseko ofanayo) kunye neenjongo, kwaye inganazo neeForum ezingaphantsi nezineenjongo ezizodwa. IKomiti yeSigqeba esiLawulayo ye-CPF kufuneka yonyulwe rhoqo ngonyaka. Ilungu leqela eligunyazisiweyo kufuneka rhoqo libe lilungu leKomiti yeSigqeba esiLawulayo, kodwa usihlalo kunye nesekela-sihlalo ingabililo ipolisa.


IMIYALELO:

Ungaqhagamshelana ne-CPF yakho ngokuqhagamshelana nesikhululo samapolisa esikwingingqi yakho. Ungajonga ukuba isikhululo samapolisa kwindawo yakho sinayo na i-CPF ngokujonga kolu luhlu.


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* Izikhululo Zamapolisa


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lokhuseleko loLuntu (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Ukuqhagamshelana, Ukubhalisa okanye Ukufumana Uqeqesho Nezixhobo Lweqela Elilwa uLwaphulo-mthetho Ekuhlaleni (IiNkonzo)
* Community Police Forum Toolkit (IiNkcukacha Zoluntu) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 6 uEpreli 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





