﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > Izikhokelo, Incwadi yezikhokelo & Imiyalelo > M &gt Ukulawula ishishini elincinci: Ucwangciso Loshishino

Ukulawula ishishini elincinci: Ucwangciso Loshishino




Department of Economic Development and Tourism (Provincial Government of the Western Cape)




UCWANGCISO LOSHISHINO

Kubaluleke kakhulu ukwenza izicwangciso ngekamva leshishini lakho.

Ukuba akujongi ngaphambili, kunokubakho iziganeko eziza kuwe onokungakwazi ukumelana nazo. Xa oku kusenzeka, ingxaki uphela uyithatha ngenye indlela engayilungelanga endaweni yokujongana nayo ngendlela epholileyo nelungele ingxaki efana naleyo. Iingxaki ezininzi zoshishino zingasonjululwa ukuba unokunciphisa ukuza kweengxaki ube ungazilindelanga.

Ukujongana nengxaki sele ikho ungayilindelanga endaweni yokuba nesicwangciso esiphangaleleyo kwangexesha kungakhokelela kwizigqibo ezingalilungelanga ishishini nezinokulibulala ishishini lakho kwisithuba esisezayo. Kuyo nayiphi na imeko yoshishino ungathanda ukuba kwimeko apho unokuwasebenzisa amathuba avelayo, ungabi semva uzamana nokusombulula iingxaki ezadlulayo ongazange umelane nazo ngela xesha zazisavela nezazinokuthintelwa ngokuthi ucwangcisele ishishini lakho ngendlela eyiyo.

IMIBUZO EBUZWA RHOQO

Ingaba kufuneka zenziwe emva kwexesha elingakanani izicwangciso zoshishino?

Ngokubanzi, ucvwangciso loshishino yinto eqhubekekayo. Le nkqubo kufuneka yenziwe phambi kokuqala kwenyanga nganye.

Ingaba ishishini ngalinye lizenza njani izicwangciso?

Bhala phsntsi ukuba ufuna iintengiso zakho zime phj na ngenyanga kunye nezinye iinjongo odinga ukuzizuza ukuze uphucule ishishini lakho.

Xa oku sele kudwelisiwe, futhi nenyanga iphelile, ungathelekisa ukuba uzizuzile na ezi ntengiso nezinye iinjongo ekupheleni kwenyanga nganye.

Kungenzeka njsni ukuba ndikhokele kuhlobo lweshishini lam, nokuba sele ndilishishini elisakhasayo?

Nokuba sele ulishishini elincinci kangakanani na, kungumbono omhle ukuhlola iintshukumo zakho zonyaka kwicandelo loshishino okulo, ze ujonge nokuba linempumelelo kangakanani na ishishini lakho unyaka nonyaka, leliphi icebo elisebenzileyo nokuba kufuneka kutshintshe ntoni na.

Ungalwenza olu hlolo namanye amalungu abasebenzi okanye umcebisi oyingcali kwicandelo leshishini lakho. Ukufumana ulwazi olubanzi ukusuka ekuqaleni kokusebenza kweshishini lakho kululutho futhi kunceda ekukunikeni iingcinga ngekamva leshishini lakho ebezingenakuza xa ubuqhuba nje ishishini lakho njengesiqhelo. Uhlolo ekupheleni konyaka ngamnye ngumsebenzi onzima kodwa kumaxesha amaninzi luza amathuba. Oku kuyinyaniso kakhulu ukuba unqwenela ukulikhulisa ishishini lakho, okanye ulinwenwisele nakumazwe angaphandle.

IMIBA EBALULEKILEYO KUCWANGCISO LOSHISHINO

Ingqesho

Umzekelo: "Yintoni iminqweno yakho ngokwabasebenzi?"

Kubaluleke kakhulu ukwenza izicwangciso ngabasebenzi obadingayo - kwenzeka ntoni ukuba abona basebenzi bakho babalulekileyo bathi bahlaselwe kukugula okanye bakushiye, ingaba ishishini lakho lingakwazi ukuqhubekeka lisebenza xa kungekabikho mntu wokungena endaweni yalowo ungekhoyo kwisikhundla esibalulekileyo? Kwakhona, kungakuthabatha ixesha elingakanani ukufumana umntu onezakhono ezifanele eso sithuba - oku kuba njalo ingakumbi xa izithuba ezo zifuna abasebenzi abaziincutshe kwimisebenzi yabo.

Kukwafuneka wazi apho unokumelana neendleko zokuqesha abanye abasebenzi nokuba ungakwazi ukubahlawula malini na.

Imalana Yokukugcina Usebenza

Imali yokusebenza ziimali ezikhoyo kwishishini lakho ukumelana neendleko zemihla ngemihla ngelixa kusetyenzwa njengesiqhelo, ingakumbi ukuba uhlawulwa emva kokuba umsebenzi uqoshelisiwe kunokuhlawulwa ngenyanga nganye. Kumanye amashishini, ingakumbi kumashishini asakhasayo, kubalulekile ukuxoxa nabathengi bakho ukuba bazahlule iintlawulo (umzekelo, uhlawulwe ishumi leepesenti ekuqaleni, amashumi amathathu eepesenti wakugqiba isiqendu sokuqala selo phulo ze intsalela uyifumane xa iphulo uliqpshelise lonke). Oku kukunceda ekubeni nemalana yokuqhuba uhlawule neendleko zomsebenzi ekufuneka uwenzile.

Iintengiso

Kufuneka wazi xa iintengiso zihamba kancinci kwishishini lakho. Kuba kaloku kumanye amashishini, oku kunokuba ngeenyanga zasebusika, kumanye ixesha lasebusika linokuba lelona loshishino. Ukuqinisekisa ukuba uyahlala kushishino - futhi uchume - minyaka le, kuya kufuneka wazi iindlela eziqhuba ngayo iintengiso zakho phakathi enyakeni, ukuze ube nokuwalindela uxhobile nawaphi na amaxesha xa isehla imali engenayo kunaleyo yesiqhelo isuka kwiintengiso (ukuhla nokwenyuka kweentengiso). Ukuba oku akwenziwanga ngendlela efanelekileyo, ishishini aliyi kuba nakho ukuhlawula amatyala alo futhi liya kuba semngciphekweni. Ukuba uzicwangcisa ngendlela eyiyo iintengiso zakho, ukuhla nokwenyuka kwazo, uya kuba nayo imali eya kukunceda kwiinyanga ezinzima.





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 29 uNovemba 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





