






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > Izikhokelo, Incwadi yezikhokelo & Imiyalelo > U &gt Ukulawula ishishini elincinci : Amarekodi

Ukulawula ishishini elincinci : Amarekodi




Department of Economic Development and Tourism (Provincial Government of the Western Cape)





* Yintoni Amarekodi?
* Ziintoni Iimpepha Ezixhasayo Neevawutsha?
* Kufuneka Agcinwe Ixesha Elingakanani Amarekodi?
* Ukungabi Nakuwagcina Amarekodi
* Zeziphi Iincwadi Ezigcinwayo Ngendlela Esisiseko Yogcino-ncwadi?


Yintoni Amarekodi?


* Ezi ziincwadi zamashishini okanye zabathengisi ezichaza ngokucacileyo yonke imiba yogcino-zincwadi
* Iimpepha ezikhutshwe kwikhompyutha
* Iitshati nemimiselo yee-akhawunti, izikhokelo zemiyalelo yogcino-zincwadi kwakunye neempepha zeendlela neenkqubo, ezichaza indlela yogcino-zincwadi esetyenziswa ngumntu oqhuba ishishini okanye ishishini elo
* Iimpepha ezixhasayo neevawutsha


Yintoni Iimpepha Ezixhasayo eevawutasha?

Ishishini kufuneka ligcine zonke iirekodi zazo zonke iimveliso neenkonzo elizinikiweyo okanye elinikezele ngazo lona ngokweenkcukacha ezaneleyo ukuze iReceiver of Revenue ibe nokukwazi ukuchonga iimveliso okanye iinkonzo kwaneenkampani ezinikezela ngazo okanye abathunywa bazo.

What types of documentation can be kept?


* Iziqinisekiso zentengo
* Iziqinisekiso zokuhlawula irhafu
* Iincwadi zeenkampani ezikutyalayo
* Iincwadi zeenkampani ozityalayo
* Iimpepha ezichaza ingeniso
* Iimpepha zeeBhanki
* Iziqinisekiso Zeentengiso
* Iziqinisekiso zokufumana iimveliso neenkonzo
* Iziqinisekiso Zokufakwa Kweemali
* Iitsheki ezihlawulweyo
* Iimpepha ezingiqina iimveliso neenkonzo
* Naziphi na iimpepha eziqinisekisa intsebenziswano okawaphi na amangeno kuyo nsyiphi na incwadi okanye iakhawunti
* Dwelisa bonke abantu okanye iinkampani ezikutyalayo nozityalayo ubuncinci ixesha eliyiminyaka emihlanu
* Ubungqina obhaliweyo obamkelekayo kwiReceiver of Revenue nobuqinisekisa ubunini bomthengisi lowo ukuze angenzi nampazamo inye kwiimveliso nakwiinkonzo ezenziwe nguye.
* Onke amarekodi anento yokwenza kwizinto ezithengwe kubavelisi bamanye amazwe.


Ingaba Kufuneka Agcinwe Ixesha Elingakanani Amarekodi?

Amarekodi aziincwadi kufuneka egciwe ubuncinci ixesha eliyimnyaka emihlanu ukususela kumhla wengenelo lokugqibela kuloo ncwadi.

Amarekodi angagcinwa ngokohlbo lwencwadi, afana neempepha neevawutsha, kufuneka agcinwe ubuncinci ixesha eliyiminyaka emihlanu ukususela kumhla wokugqitywa kwentsebenziswano, kwentshukumo opkanye intsebenzo anento yokwenza nawo.

Ukungabi Nkawuwagcina Amarekodi

Ukuba akuzigcini iincwadi zee-akhawunti zakho amarekodi njengoko kusitshiwo, oko kusisono ngokomthetho iVAt Act. Esi sono sinesohlwayo esiyintlawulo okanye ukubanjwa uvalelwe emjiva.

Zeziphi Iincwadi Ezigcinwa Ngokohlobo Logcino-zincwadi Olusisiseko?


* Iimpepha eziziziqinisekiso
* Iimpepha ezishicilelweyo
* Incwadi Yemali Eziinkozo
* Iincwadi yeemali ezincinci
* Impepha ezinamaxwebhu okuthenga
* Iimpepha zeentengo
* Iimpepha zokubuyiswa kweentengo
* Iincwadi zamashishini owatyalayo
* Imivuzo Neentlawulo
* Iimpepha ezineentengiso eziphangaleleyo
* Incwadi eneemali ezisekhoyo
* Incwadi yengeniso
* Incwadi yeemali ekusetyenzwa ngazo
* Iphepha leemali zeshishini
* Iimpepha zeenengo
* Iimpepha zokubuyiswa kwemveliso
* Iimpepha ezigcina iinkcukcha zamashishini akutyalayo


Zisuka kwincwadana: iSARS VAT 404 Guide for Vendors

Return to > Ukulawula ishishini elincinci.





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 21 uNovemba 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





