






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > I > Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu &gt Bobuphi Ubungqina Obukhoyo bokuba Ukutya Okusempilweni Buhlala Buyiphucula Indlela Amajoni Omzimba Asebenza Ngayo?

Bobuphi Ubungqina Obukhoyo bokuba Ukutya Okusempilweni Buhlala Buyiphucula Indlela Amajoni Omzimba Asebenza Ngayo?



Umbuzo:Ndinqwenela ukubuza ngokutya "okwachongwa okanye okwamiselwa" ngumphathiswa wezempilo nokube ngundaba-mlonyeni kwezosasazo mvanje. Ndiyabhidwa ziingxelo ezibetha-bethanayo ngeempembelelo kwakunye noncedo oluhlala ixeshana elide lweentlobo ezithile zokutya kubantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo noGawulayo esele zibaliwe. Besimana ukuxelelwa ngamajelo osasazo ukuba ezi ntlobo zokutya kufuneka zibe luhlobo lonyango esilusebenzisayo nesazi lukhulu ngalo kubantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo noGawulayo, ngokungafaniyo namachiza alwa nentsholongwane kaGawulayo. Bobuphi ubungqina obukhoyo obungqina ukuba naziphi na ezinye zezi ntlobo zokutya ziyakuphucula ukusebenza kwamajoni omzimba? Ingaba kukhe kwenziwa luphando ngoluntu, iintlobo zokutya emazikhethwe kunye nale ntsholongwane? Ingaba isebenza kakuhle kangakanani ilemon ecoliweyo, yaxutywa nene-oli eyangeziweyo yomthi womnquma namanzi, ikonofile ecoliweyo nejinja, isipinatshi, ibhitruthi, kwakunye namachiza anezakhi-mzimba?

Impendulo: Apho bekusele kwenziwe uphando ngoluntu, iziphumo ngeenkqubo zeentlobo zokutya emazikhethwe njengamacabo aphuma kumaziko empilo zisabetha-bethana futhi azinakuthatyathwa njengezipheleleyo.  Iingcali kwinzululwazi zicebisa ukuba kutyiwe ukutya okusempilweni kwakunye namachiza alwa nentsholongwane kaGawulayo.

Ingaba zithini izibhalo ngezi ntlobo zokutya?
Ikonofile ephuma entsha inamandla agqwesayo okulwa nokungunda, alwa neentsholongwane kwakunye namagciwane; ikwamisa ngedlela uxinzelelo lwegazi ze yehlise nekholesteroli. Nangona nje ezinye izibhalo zidiza ukuba ikonofile ikhuselekile ukuba isetyenziswa kakhulu.

Izazi kwinzululwazi zicebisa ukuba umgubo wekonofile ungonakalisa inwebu kaxakaxa esesiswini futhi amachiza ekonofile, asetyenziswe ixesha elingaphaya kweenyanga ezimbini, angalandisa ixesha lokopha (angaphazamisana nokoma kwegazi) ze futhi asebenzisane namachiza alwa nentsholongwane kaGawulayo.sup>

Njengekonofile, amatswele nawo ayanceda ekulweni izifo. Kolunye uphando, amatswele ne-oli yomthi womnquma azizange ziphumelele ekuboniseni ubungcono kwindlela yokusebenza kwamajoni emizimba yabantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo noGawulayo, ze zabonakala zikukhawulezisa ukukhulela kuGawulayo kwale ntsholongwane. Izifundo zithi amatswele amaninzi atyiweyo angabangela ukurhuda okunobuzaza kwanokudumba kwamathumbu. Amatswele ndawonye namazambane ase-Afrika awayesakudizwa njengalicebo elihle ekulweni intsholongwane le, akhangeleka engasakhankanywa kwiintlobo zokutya ezidweliswe kumbuzo wakho.


Izambane lase-Afrika (iHypoxis) yaba neempumelelo ezingacacanga. Uphando lokuqala lwafumanisa iziphumo ezithembisayo kubantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo noGawulayo ngokuthi le ntsholongwane ingenyukeli ibe nguGawulayo buqu. Kuphando ngokhuseleko noncedo lwale Hypoxis, uninzi lwezigulana lwakhula uxinzelelo lomongo wethambo onobungozi ze kwanyanzeleka ukuba olo phando luyekwe emva kweeveki ezisibhozo. 

Ukusela incindi yelemon (amacephe amancinci abe mabini) kwakunye ne-oli yomthi womnquma (icephe elincinci libe linye), ezixutywe namanzi, kanye ngosuku, kuvakala ukuba ziyawanyusa amazinga okuba nomdla wokutya namanqanaba amandla ze zinciphise nokudumba kwamadlala enkovu.

Izazi ezininzi zicebisa ukuba umntu afumane amachiza anikezela ngezakhi-mzimba ezininzi ingakumbi ukuba akukwazi kutya kutya kwanele iimfuno zomzimba wakho. Ngenxa yesicefu-cefu okanye ukurhuda. Ukutya okunazo zonke iimfuno zomzimba - iziqhamo nemifuno (kuquka ibhitruthi, ispinatshi nejingja), iinqoba, neengcambu, iinkozo, ukutya okuzizilwanyana nezityalo zaselwandle, inyama, inyama yenkukhu, kwakunye neemveliso zobisi - zisezezona nto zingcono ekunokufunyanwa kuzo iivithamini nezakhi-mzimba, noxa kunjalo. Nceda uqinisekise ukuba inyama nentlanzi ziphekisisiwe phambi kokuba zityiwe ngabantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo.

Iintlobo ezininzi zokutya zinezakhi-mzimba, kodwa ke iintlobo zokutya ezinika amajoni omzimba amandla, iivitamini, kwakunye namachiza akha umzimba, ukuba asetyenziswe kakhulu, anganefuthe elibi nakoyena mntu usempilweni ngokugibeleleyo. Amajoni omzimba womntu ophila nentsholongwane kaGawulayo abaleka ngesantya esingummangaliso, yaye nefuthe loko lingayinto ebingalindelekanga. Ezinye izakhi-mzimba zinika amajoni omzimba amandla ngelixa zisandisa nokuphinda-phindana kwentsholongwane kaGawulayo emzimbeni. Amachiza azizakhi-mzimba nawo angaphazamisana namachiza alwa nentsholongwane kaGawulayo futhi kubaluleke ngokugqibeleleyo ukwazisa iqela lakho lononophelo lwempilo ngawo nawaphi na amachiza, amachiza owafumana kumaxhwele, amachiza enziwe ekhayeni, okanye ke nawaphi na amachiza owasebenzisayo. Ngelixa indlela yokubala yesihlunu seCD4 ichaza nje isimo samajoni omzimba, ingxelo yesihlunu seCD4 ibala ukuphucuka kwemiba emibini kwezi ntlobo zezidlo zingentla apha isenokuba inikezele iiingcinga ezingezizo. Ukubala kweCD4 kwehla kusenyuka ngamanqaku afikelela kumashumi asibhozo nakuliphi na icala lesi sibalo ngenxa yefuthe lezinto ezifana nexesha losuku, isidlo ezingaphambili, isigulo okanye ukutshintsha kwemo yakho. Kuyo yomibini le miba, indlela yokubala yeCD4 entsha iphucuke ngamanqaku angaphantsi nje kwamashumi asibhozo.

Kuyacaca ke ukuba kubalulekile ukuzikhusela, ze uzame ukufumana eyona ndlela iyiyo yokutya, futhi leyo ifanele iimfuno zakho, ukuze ibe nokumelana nesi sifo. Kubalulekile ukuqinisekisa ukuba konke ukutya okwenzelwe abantu abaphila nentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu kuphathwa ngendlela esempilweni ukuthintela izifo.

 Iziko Elinikezela Amacebiso Ngeentlobo Zokutya, leD yunivesithi yaseStellebosch (iNICUS ngamafuphi), ngo-2003
 I-Positive Health ka-Neil M. Orr. [2000]. Eziswa kuwe nguMetropolitan, waseKapa
 I-HIV/AIDS Primary Health Care kaClive Evian. 4th ed. Eshicilelwe eRhawutini: Jacana Educational, ngo-2003.


UMTHAMO | < Icandelo Elingaphambili | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Imibuzo Ebuzwa Rhoqo Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo buqu

* Ndingaqala Njani Ukuxelela Intwazana Yam Ngesimo Sam kwiNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kubalulekile Ukuba Ufumane Iingcebiso Ngaphambi Kokuvavanyelwa Iintshongwane kaGawulayo?
* Ndingakwazi Ukondla Usana Lwam Ngobisi Lwebele Xa Ndiphila neNtsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Kuyenzeka Ukuba Wosuleleke yiNtsholongwane kaGawulayo Xa Usabelana Ngesondo Usebenzisa Nomlomo?
* Ingaba Umntu Angakwazi Ukuthintela Ukosulelwa Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuthi Abelane Ngesondo Esebenzisa Umlomo?
* Yintoni Unyango Ngamachiza Alwa nentsholongwane kaGawulayo: Lusebenza Njani?
* Kutheni Nje Amanina Amnyama aseMzantsi Afrika Kukhangeleka Ngathi Akowona Mngcipheko Wokuhlaselwa Yintsholongwane kaGawulayo Kunaye Wonke Omnye Umntu?
* Ingaba Angosuleleka na Umntu Yintsholongwane kaGawulayo Ngokuhlangana nje Noluntu?
* Bobuphi Ubungqina Obukhoyo bokuba Ukutya Okusempilweni Buhlala Buyiphucula Indlela Amajoni Omzimba Asebenza Ngayo?
* Ndingakwazi Ukunyanzelisa Ukuba Umntu Othile Aye Kuvavanyelwa Intsholongwane kaGawulayo phambi kokuba Ndimnike Isithuba Somsebenzi?
* Ndingamnceda Njani Ngeyona Ndlela Umhlobo Wam Ophila Nentsholongwane kaGawulayo okanye uGawulayo buqu?
* Ndingamelana Nokulahlekelwa Sisihlobo Esisenyongweni Ngokuthi Sibulawe nguGawulayo?
* Yintoni Ekufuneka Ndiyiqwalasele Phambi Kokuba Ndiveze Ukosuleleka kwam Yintsholongwane kaGawulayo Kwizihlobo Nezalamane Ezisenyongweni
* Kutheni Kufuneka Ndisoloko Ndisebenzisa Iintsilathi nje Naxa sebenzisa Amachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Zeziphi Iingcebiso Noncedo Ezinokunikezelwa Kumashishini Asakhasayo Nakhulayo Ngomba Wentsholongwane kaGawulayo noGawulayo Buqu?
* Ingaba Kufuneka Ndiye Ndodwa Na okanye Neqabane Lam Xa Ndisiya Kuvavanyo Lwentsholongwane kaGawulayo?
* Ingaba Iya Kusebenza Njani iNkqubo kaRhulumente Yokunikezela Ngamachiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo yaye Ndingawafumana Phi La Machiza?
* Ndafunyaniswa Ndiphila Nentsholongwane kaGawulayo ngo-1998 Xa Ndandiphila Nesifo Sephepha, Ingaba Kufuneka Ndiqalise Ukusebenzisa La Machiza Adodobalisa Ulwamvila Lwentsholongwane kaGawulayo Ngoku?
* Ndiqala Phi, Njani Ukuncokola Nabantwana Bam Ngentsholongwane kaGawulayo noGawulayo?
* Ingaba Abantwana Bam Bangayifumana Intsholongwane kaGawulayo Ngeendlela Nje Ezilula?
* Athini Amathuba Okosuleleka Komntwana Wam Yintsholongwane kaGawulayo/nguGawulayo Xa Adlalayo Esikolweni?





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 2 uJuni 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





