






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Iinkonzo Zoluntu > Intsholongwane kaGawulayo/uGawulayo > Ithala Leencwadi Lezibonelelo ze-ATICC

Ithala Leencwadi Lezibonelelo ze-ATICC




INKCAZELO:

Ithala Leencwadi le-ATTIC livulelekile kulunt yaye liqulethe ulwazi kuzo zonke iinkalo ezinento yokwenza nentsholongwane kaGawulayo/uGawulayo/izifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo nesifo sephepha. Eli thala leencwadi ke liqulethe uluhlu olugqibeleleyo lwemifanekiso bhanya-bhanya, amaphepha-ndaba aphuma ngamaxesha athile, imihlathi, iincwadi ezinikezela ngoqeqesho, iimpepha eziqulethe uphando, iingxelo, izintlu, amaphetshana aneenkcukacha ezithile, imihlathana esikwe kumaphepha-ndaba kwakunye neetshati. Eli ke lithala leencwadi ekuthunyelwa kulo abantu nelikwaziyo ukubolekisa ngemifanekiso bhanya-bhanya yalo eluthotho eluntwini.

Amacandelo eligqwesa kuwo eli thala leencwadi aquka la:
* Ukunikezela ngeengcebiso nangoncedo
* Ukudluliselwa kwentsholongwane kaGawulayo ngunina elusaneni
* Unonophelo lwasekhayeni
* Izifo ezingoozungez' ichele
* Amachiza adodobalisa ulwamvila lwentsholongwane kaGawulayo
* Ukjuphila nentsholongwane
* Indawo yokusebenzela
* Ifuthe ebantwaneni
* Iinkalo ezithile zezonyango nezomthetho
* Ifuthe loqoqosho
* Ulawulo lwezinga lokosuleleka kwabantu
* 
  Ithala Leencwadi Lezibonelelo ze-ATICC

  Ukufundisa ngobuni
* Imiba yobuni
* Imiba yenkcubeko
* Umkhwa wokudlwengua nentsholongwane kaGawulayo
* Iinkcukacha-manani zentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo

La maphepha-ndaba anezi zihloko zilandelayo ayafumaneka:

* AIDS
* AIDS Action
* AIDS Bulletin
* AIDS Care
* AIDS Treatment News
* AJAR
* Analysis Africa
* BETA Network
* HealthLink Bulletin
* IAVI Report
* NAM Bulletin
* Perspective
* SAFAIDS News
* Sexual Health Exchange
* Southern African Journal of HIV Medicine
* WHR Review
* WORLD: Women Organized to Respond to Life Threatening Diseases
Amaphepha athile angomba wentsholongwane kaGawulayo/uGawulayo/izifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo nesifo sephepha angafumaneka kwiziko lokwamkela abantu leli thala.


IMIYALELO:


* Amaxesha okuvula: ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu, ukusukela nge-07h30 - 16h00.
* Iincwadi zingakotshwa okanye ke kwenziwe uphando kuzo kwakweli thala.
* Ixesha lokubolekisa ngemiboniso bhanya-bhanya liba yiveki. Le miboniso bhanya-bhanya ke ingacelwa kwangaphambili ukuqnisekisa ukuba iyafumaneka.
* Ukuze ukwazi ukwenza uphando olululo noluneziphumo ezibonakalayo, nceda uqhagamshelane nomsebenzi weli thala ngaphambi kokuba utyelele.
Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha ke tsalela kule nombolo yomnxeba 021 763 5333.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

iZiko leNtshona Kapa Loqeqesho kuGawulayo, Kulwazi Neengcebiso (iATICC) (Isebe Lezempilo, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)


IXABISO:

Ukungena kweli thala leencwadi kusimahla
Iphepha ngalinye lekopi ekhutshiweyo: 20c.




This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Izibonelelo Ezinikezelwa yi-ATICC (IiNkonzo)
* Ukuziyela Kuvavanyo ze Ufumane Neengcebiso (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 17 uMeyi 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





