






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > R &gt Izizathu Ezilishumi Zokuxhasa Ugonyo

Izizathu Ezilishumi Zokuxhasa Ugonyo



2004

Isebe Lezempilo (The Government of South Africa)






1. Ipoliyo nemasisi zizifo ezosulela kakhulu nezibeka ubomi emngciphekweni yaye amaxesha amaninzi zisoloko zibangela umonakalo omkhulu nokukhubazeka.


2. Ugonyo olu licebo elisebenza kakhulu nelifikelelekayo nangemali lokuthintela ezi zifo kwanokukhusela abantwana bethu.


3. Ugonyo olu lukwakhuselekile. Umngcipheko wokungamelani namchoza ogonyo mncinci kakhulu kunobangelwa ngamanye amayeza. Ayifane yenzeke loo nto.


4. Amaphulo amakhulu achonga abantwana abangakhange bakwazi ukuya eziklinikhi ngamanye amaxesha abebelindeleke ngawo ukuze baye kufumana ugonyo. Ngale ndlela ke kukhuseleka abantwana abaninzi.


5. Akukwazi kugonya umntwana ngaphezu komlinganiselo. Nkqu nabantwana abagonywe ngokufanelekileyo bafumana inzuzo eyongezelekileyo kumaphul amakhulu okugonywa kwabantwana.


6. Isisongelo sepoliyo nemasisi sihlala sihleli sona. Nangona uMzantsi Afrika ukhe awafumana kuhlaselwa yile poliyo isithuba seminyaka evisayo nje, esi sifo siseyingxaki kumazwe amaninzi yaye singeza apha nomtyeleli osuka kwilizwe esigqugqisayo kulo.


7. Uninzi lwabantwana bethu baphila nentysholongwane kaGawulayo yaye basemngciphekweni wokosuleleka lula ingakumbi zizifo ezosulelayo. Kubakhusela nangakumbi ke abantwana ukubagonya.


8. Ugonyo olu luxanduva loluntu jikelele. Singazikhusela kuphela kwimasisi nepoliyo xa bonke abantwana begonyiwe.


9. Uninzi lwamazwe akhuseleke ngokugqibeleleyo kwipoliyo. UMzantsi Afrika nawo usondele ekuthatyathweni njengelizwe eliphume ngokuqibeleleyo kumngcipheko wokosuleleka yipoliyo nguMbutho Wehlabathi Wezempilo. Ukugqabhuka kwesi sifo kungagxobha-gxobha iminyaka emininzi yokusebenza nzima kwiinzame zokuthintela ukugqabhuka kwesi sifo.


10. Izifo ezi zingapeliswa kwihlabathi liphela. Ugonyo olu lwasinceda saphumelela ekupheliseni ingqakaqa. Ngumnqweno onokufezekiseka owo. Masisebenzisane ke ngoko nezinye izizwe ekufikeleleni kulo mnqweno.








This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 23 uJanuwari 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





