






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Amaphulo > URhulumente & Nolawulo Ngentando Yesininzi > Uphuhliso Loorhulumente Bamakhaya > Izithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhaya Lethu Sonke

Izithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhaya Lethu Sonke




ISIQALO:

28 uMeyi 2004


ISIPHELO:

7 uSeptemba 2004


UMGANGATHO:

Liqoshelisiwe


INKCAZELO:




INtshona Koloni yaphakanyiswa njengekhaya lethu sonke kwiintsuku ezilikhulu zokuqala, ngokuthi:
* Kwenziwe ulwazi ngeenkonzo zikarhulumente luvuleleke kakhulu kuthi sonke
* Kuphakanyiswe ze kwenziwe ngokukhawuleza inkqubo yokuwiswa kwemithetho kusenzelwa uMthwetho Osaqulunqwayo ongokusekwa kweKomishoni Yolutsha yeNtshona Koloni kunye noMthetho Osaqulunqwayo Wophuhliso Lwephondo
* Kungenelelwe ukuqinisekisa ukuphinda kuvulwe umzi-mveliso iNovel e-Atlantis



I-CAPE ACCESS


I-Cape Access le ijolise ekuboneleleni abantu abahluphekayo beli phondo lethu (abangenakumelana nokuthenga iikhompyutha) ngendlela yokufikelela kwiikhompyutha, I-internet, I-email kwanolwazi ngeenkonzo zikarhulumente, ekungoku nje luyafumaneka kwiwebsite yeCape Gateway. I-Cape Access inamaphulo amabini anethemba lokwenza oku:
* IPhulo Lokufikelela Kubantu Beengingqi Ezisemaphandleni
* IPhulo Lamathala Eencwadi


Amalinge angaphambili okuziswa kweekhompyutha ne-internet kwiingingqi ezisemaphandleni okanye ezihlelelekileyo zaphanza, azakwazi nokufumana kuqala umdla notyalo lwezi ngingqi kanye zincedwayo, oko ke kwakhokelela ekungasetyenzisweni ngendlela kwezo zibonelelo.

I-Cape Access ithabatha indlela yexesha elide ngokusebenzisa eli Phulo Lokufikelela Kwiingingqi kubantu Beengingqi Ezisemaphandleni ngokuthi kuqala kusekwe amabhunga okujongana nokunxibelelana ngeekhompyutha kwezo ngingqi kujoliswe kuzo. La mabhunga neendibano zabameli beengingqi zonke ezinomdla ekufikeleleni kwezi zibonelelo.

La mabhunga onxibelelwano ngeekhompyutha angathi akhe amakhonco entsebenziswano ze agxininise ekulondolozeni ezo khompyutha nezixhobo ze-internet sele zikho, umzekelo, ezo zisezikolweni nezo zikumaziko okubambela imicimbi eyahlukeneyo yasekuhlaleni, ze futhi aqinisekise ukuziswa kwezixhobo ezintsha nezisebenzisekayo eluntwini, ngokusetyenziswa kwamanyathelo afana nePhulo Lamathala Eencwadi.

Amabhunga amathandathu okunxibelelana ngeekhompyutha, asebenza kwiingingqi ezibanzi, asekwa kwezi ntsuku zilikhulu zokuqala, ezizezi:
* iBitterfontein
* iVan Rhynsdorp
* iElim
* iStruisbaai
* iBongaletu
* iGeorge


Ukusetyenziswa kwezibonelelo ezisele zikho akuyi kusoloko kwanele ingakumbi kwiinginqi apho kukho izibonelelo ezimbalwa. IPhulo Lamathala Eencwadi ngoko ke lijoliswe ekuzisweni kwendlela yokufikelela kumathala eencwadi.

Amathala eencwadi amathathu, aneempawu zeengingqi ezikumagqagala amaphandle, zeengingqi ezisezidolophini kodwa ezingadanga zagqibelela, nezo zineempawu zeengingqi ezisezidolophini zakhethwa. Ezi ndawo zathi zahlolwa kusetyenziswa ubuchwepheshe bobugcisa bale mihla ukuqinisekisa ukulungelelana kwazo namaphulo la. Izifundo ezinokuba lulutho kakhulu kumele zifundwe ekuhlolweni kwala maphulo amathala eencwadi, aza kukhokelela ekunabeni kwephulo lamathala eencwadi. Amathala eencwadi awathi ahlolwa ze akhethwa kweli khulu leentsuku zokuqala ngala:


Premier Rasool encourages citizens to use Cape Gateway to access government information and services
* iBhongoletu
* iStruisbaai
* neBitterfontein


I-Cape Access yinkqubo yexesha elide. Abemi abangakwazi kufikelela kwi-internet, sele belufumana ulwazi ngeenkonzo zikarhulumente kwiwebsite yeCape Gateway ngomnxeba kule nombolo: 0860 142 142, okanye banokuya nakwiziko labatyeleli kwa-142 kwisitalato iLong, Ekapa.


UWISO-MTHETHO


UMthetho Osaqulunqwayo ongokusekwa kweKomishoni Yolutsha yeNtshona Koloni wanikezelwa kwiPalamente yePhondo ngomhla weshumi elinesixhenxe kwinyanga yeThupha apha ku-2004, kwakwesi sithuba seentsuku ezilikhulu zokuqala.

Lo Mthetho Usaqulunqwayo wathi wapapashwa kwiphepha-ndaba likarhulumente ukuze uluntu lufake izimvo. Xa ithuba eliziintsuku ezingamashumi amabini ananye lokufakwa kwezimvo sele ligqithile, iKomiti ephethe lo mcimbi iya kuqwalasela izmvo ezingenileyo, phambi kokuba kudliwane iindlebe ze kuphunyezwe umthetho osaqulunqwayo wokugqibela.

Uxanduva lwale Komishoni Yolutsha isacetywayo luya kuba kukunceda urhulumente acwangcise, abe liliso, ze avavanye iinkqubo zikarhulumente ngokubhekiselele kwiziphumo nanjengokuba zichaphazela ulutsha. Amashumi amathandathu anesihlanu eepesenti zabemi beli phondo bangaphantsi kwamashumi amathathu anesihlanu eminyaka ubudala.

Le Komishoni iya kuba nolunye uxanduva lokuphakamisa umanyano loluntsha nokuthandwa kweli lizwe kwanokunceda njengekhonco eliqhaqamshela le Komishoni neKomishoni Yesizwe Yolutsha kunye namanye amaqumrhu ephondo nawamakhaya olutsha.

Eli qumrhu lisacetywelwa le Komishoni ngamalungu amathathu asisigxina kunye namalungu angagqithanga kwisithandathu angeso sigxina, kunye neGosa Lolawulo Eliyintloko.

UMthetho Osaqulunqwayo ongokusekwa Kwebhunga Lophuhliso loMthetho wePhondo wangeniswa kwiPalamente yePhondo ze wapapashwa kwiphepha-ndaba likarhulumente ukuze uluntu lufake izimvo ngomhla weshumi elinesibhozo kwinyanga yeSilimela ngo-2004, konke oku kusenzeka kwakwezi ntsuku zokuqala zilikhulu.

IBhunga Lophuhliso lwePhondo yibhodi enguvuka wokuwiswa komthetho enoxanduva lokujongana, ukuqala nokuba liliso kwizivumelwano phakathi bathabathai inxexheba kweli phondo. Umthetho olungisa longaphambili kuyanyanzeleka ukho ukuze kuhlaziywe umthetho osemva ngemiba elawula eli bhunga.


UMZI-MVELISO INOVEL


Ukuvalwa komzi-mveliso iNovel e-Atlantis, anasebenzi abangamakhulu amathathu kwanyanzeleka ukuba baphelelwe yimisebenzi. I-Ofisi yeNkulumbuso yazibandakanya ukuzama ukuqinisekisa ukuxhaswa ngezimali ukuthengwa nokuphinda kuvulwe kwalo mzi-mveliso yinkampani yophuhliso loqoqosho lwabamnyama.


Ukubuyela Kwizithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhadi Lengxelo >




IXHASWA NGEZIMALI YI-:

Isebe leNkulumbuso (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)




This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 17 uSeptemba 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





