






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Amaphulo > Ezokuzonwabisa & Nezemidlalo > Ukuzonwabisa > Izithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhaya Esinokuphilisana Kulo Sonke

Izithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhaya Esinokuphilisana Kulo Sonke




ISIQALO:

28 uMeyi 2004


ISIPHELO:

7 uSeptemba 2004


INKCAZELO:




Imidlalo yakhuthazwa yaphuhliswa kwikhulu lokuqala leentsuku, ngokuthi:
* Kuxhaswe ngezimali amaziko nezixhobo zemidlalo kwiingingqi ezisemaphandleni
* Kudalwe futhi kunikezelwe ngezixhobo zemidlalo kwiimbumba ezihlanganisiweyo zezikolo ezithile kwimidlolo yazo
* Kuphuhliswe amabala emidlalo kwizikolo ezihlelelekileyo
* Kwakhiwe ngokutsha nokuphuculwa kuphuhliswe izakhono zolawulo zamabhunga ezemildlalo



IZIXHOBO NAMAZIKO EZEMIDLALO KWIINGINGQI EZISEMAPHANDLENI


Abantu abahlala kwiingingqi ezisemaphandleni baqhele ukufikelela kwizixhobo namaziko amidlalo ambalwa xa bethelekiswa nabo bakwiingingqi ezisezidolophini - kodwa ke mhlawumbi sele iqosheliswa loo ngxaki apha eNtshona Koloni.

Inkqubo edle ishumi elinanye lezigidi zeerandi yokuphucula nokwakha izixhobo namaziko ezemidlalo kwishumi loomaspala, ingakumbi abo bakwiingingqi ezisemaphandleni zaseNtshona Koloni, yaphehlelelwa yiNkulumbuso noMphathiswa weSebe Lemicimbi Yenkcubeko, Imidlalo Nokuzonwabisa, uMnumzana Chris Stali, ngenyanga yeThupha apha ku-2004.



Imibhiyozo Kumcimbi Obuchukumisa Umxhelo eKayamandi
Lo mcimbi ubuchukumisa umxhelo ububanjelwe eKayamandi (ilokishi engaphandle nje kweStellenbosch) eyenye yeendawo ezichongiweyo. Iindawo zokuhlala ezichongiweyo azinazo tu kwaphela okanye zikwimeko engaginyisi mathe izixhobo namaziko azo ezemidlalo,futhi uninzi lukwiingingqi ezisemaphandleni.

Inkqubo Yokwakhiwa Kwezixhobo Zezemidlalo Nezokuzonwabisa (iBSRP) yanikezela ngesithoba sezigidi namakhulu amathathu amawaka eerandi kweli phulo, ngelixa uhlahlo-lwabiwo mali lwephondo lona longezelele kweso sixa ngesigidi esinamakhulu asixhenxe amakhulu amawaka eerandi. I-BSRP le yinkqubo yokupheliswa kwentlupheko yeSport and Recreation South Africa ejoliswe ekudaleleni uluntu oluhlelelekileyo amaziko nezixhobo zemidlalo, ngelixa ikwabonelela ngengqesho yethutyana elingephi kubakhi kwanaleyo yethuba elide eyayanyaniswa nezixhobo namaziko ezemidlalo nokuzonwabisa esandula ukwakhiwa.

Ukuthunyelwa kwentlawulo koomaspala abachongiweyo sele kuqoshelisiwe futhi ulwakhiwo lona lungaqala ekupheleni kwenyanga yoMsintsi. Kangangamashumi amabini anesibhozo ezixhobo namaziko ezemidlalo koomaspala abalishumi aya kwakhiwa okanye aphuculwe. Oomaspala abafumene le nkxaso-mali ngaba:
* Umaspala waseBhobhofolo (eRustedene naseNelspoort) isigidi esinamakhulu amathandathu amawaka eerandi sokwakhiwa kwenkundla yebhola yomnyazi, izakhiwo zokuhlambela kunye nesakhiwokazi sezemidlalo nebala lebhola yombhoxo
* Umaspala waseKannaland (eVan Wyksdorp, eCalitzdorp naseLadismisth) isigidi esinamakhulu amabini anamashumi amahlanu amawaka sokuphuhliswa kwebala lebhola yombhoxo, ukugqityezelwa kwebala lweentlobo ezahlukeneyo zemidlalo nokulungiswa kwamadama okuqubha
* Umaspala waseLaingsburg (eVleiland naseMatjiesfontein) isigidi seerandi
* Umbindi Karoo (eMurrayburg) amakhulu amathathu anamashumi amahlanu eerandi okugqityezelwa kwesakhiwokazi semidlalo
* Umaspala waseKnysna yena ufumene isiqingatha sesigidi seerandi ukuze agqibezele isakhiwokazi seentlobo ezahlukeneyo zemidlalo.
* Umaspala waseMossel Bay (eBrandwacht) ufumene amakhulu amathandathu anamashumi amahlanu amawaka eerandi ukuze akhe isakhiwokazi seentlobo ezahlukeneyo zemidlalo
* OwaseStellensbosch (eKayamnandi) yena ufumene izigidi ezimbini zeerandi ukuze kwakhiwe isakhiwokazi seentlobo ezahlukeneyo zemidlalo
* Isixeko saseKapa (eMaccassar) sifumene isigidi seerandi ukuze kwakhiwe isakhiwokazi seentlobo ezahlukeneyo zemidlalo
* I-Prince Albert-Klaarstroom yona ifumene amakhulu amathathu amawaka eerandi ukuze kwakhiwe izikhanyisi kuqinisekiswe nokhuseleko kwezo zakhiwo zintsha zemidlalo
* Ze yona iSwartland-Kalbakraal yafumana amakhulu amathandathu amawaka eerandi ukuze yakhe iziko leentlobo ezahlukeneyo zemidlalo kwaneenkonzo yokunkcenkceshelwa kwebala.




IMIDLALO YEZIKOLO EZIKWIINGINGQI EZISONDELELENEYO KWIINGINGQI EZINE


Xa kukho iinkqubo zemidlalo phakathi kwamaqela ezikolo ezihlelelekileyo ezikudeleneyo, izikolo ezininzi zisuka zikhethe ukungathathi nxaxheba kolo khuphiswano ngenxa yeengxaki zokungabi nazithuthi. Ngenxa yoko ke, abadlali abasebatsha abafumani mathuba akukhuphisana nabanye.

"Iinkqubo zemidlalo yamaqela ahlanganisiweyo" zithe zaziswa kwiingingqi ezine ezihlelelekileyo ukudlalisa izikolo ezikwingingqi enye kunye, ukuze ke izicwangciso zemidlalo ezizizo zibe nokuqulunqwa phakathi kwezikolo ezikwingingqi enye, ukuze kuvuswe neentshukumo zokhuphiswano phakathi kwezikolo. Amaziko, izixhobo, ukuzilolonga noqeqesho kwabelwana ngako zizikolo ngokweengingqi ezikuzo.

Indlela yezicwangciso zemidlalo ngokweengingqi izikolo ezikuzo sele iphunyeziwe eHanover Park, eBonteheuwel, eGugulethu, eNyanga nasePhillippi, apho umbhoxo, ibhola yomnnyazi, ibhola ekhatywayo nechess zidlalwa ngempumelelo ngokwezi zicwangciso. Le mbumba yezikolo ibidlala ebusika icwangciselwe ukuba iqoshelise imidlalo yayo ekupheleni kwenyanga yoMsintsi ukuze ingaphazamisani neemviwo zezikolo. Izixhobo zemidlalo ezixabisa ngaphaya kwamakhulu amahlanu amawaka eerandi, yanikezelwa kwezi zikolo ngokweengingqi ezikuzo nguMphathiswa uStali ngenyanga yeKhala ngo-2004. Ezi zixhobo zanikezelwa kwiikomiti zemidlalo yezikolo ngokweengingqi kunokuba zinikezelwe kwisikolo ngasinye, ukuqinisekisa ukuba abantwana abaninzi bayafikelela kuzo futhi bakwazi nokuzisebenzisa. Izixhobo zemidlalo ezi beziquka iibhola zomnyazi, amaphini neebhola zomdlalo weqakamba, iibhola zentenetya, izixhobo zomdlalo wehockey, iincebetha zokuzilolonga, iiseti zomdlalo wechess kwakunye nezixhobo zomdlalo wentenetya yetafile. Enye ithenda ngokongezelelwa kwezixhobo zemidlalo ezixabisa amakhulu amathathu anamashumi amathandathu amawaka eerandi iya kukhutshwa ngenyanga yoMsintsi apha ku-2004.


AMABALA EMIDLALO EZIKOLWENI


Ngaphandle kwebala lokudlala, izikolo azinakuba nakho ukunikezela imidlalo emininzi yasemabaleni. Izikolo ezisixhenze ezihlelelekileyo zathi ke zanikwa ikhulu elinamashumi asibhozo nesine samawaka eerandi sisinye ngenyanga yeThupha ku-2004 ukuze ziphucule amabala azo emidlalo, kuquka neentlawulo zokulungiselela ulwakhiwo lwala mabala, ukutyalwa kwengca kwanokunkcenkceshela ngendlela yamanzi aphuma ngaphantsi komhlaba. Ezi zikolo zachongwa ngokuthi kujongwe izidingo - kuba ezinye sithetha nje azinamabala akudlala konke konke.

Eli phulo yintsebenziswano phakathi kweSebe Lemicimbi Yenkcubeko, Imidlalo Nokuzonwabisa, iphulo iSafer Schools Project, iSebe Lokhuseleko Loluntu kwakunye neMulti-Agency Delivery Action Mechanism (iMADAM ngamafuphi), nto leyo ehlanganisa amaqumrhu ahlukeneyo ekulweni ulwaphulo-mthetho. Izikolo ezifumene le nkxaso-mali kumcimbi obubanjelwe eMitchell's Plain zezi:
* I-AZ Berman Primary, Mitchell's Plain
* iLuhlaza High, Khayelitsha
* Isalathiso Primary, Mossel Bay
* iDr Van der Ross, Belhar
* iSwartberg High, Caledon
* iP.W. De Bruin Primary, West Coast, Winelands
* iCathkin High, Heideveld


Kuchongwe futhi kwanikwa inkxaso-mali izikolo ezisixhenxe kuphela, kunezo zilishumi bezicwangcisiwe ngenxa yokunganeli kwemali.


UKWAKHIWA NGOKUTSHA NOKUPHUCULWA KWEZAKHONO ZOLAWULO KUMABHUNGA EZEMIDLALO


Kungenelelwe amatyeli amabini malunga namabhunga ezemidlalo kwezi ntsuku zilikhul zokuqala - "Umcimbi Ongokusonjululwa Kweempixano" Nomhlangano Webhola Ekhatywayo".

Umcimbi Ongokusonjululwa Kwempixano wona wawubanjwe ngenyanga yeKhala ngo-2004. BAya kufikelela kwikhulu elinamashumi asixhenxe abathunywa abasuka kwiimbumba ezilawula imidlalo ezingamashumi amane zaseNtshona Koloni ezazithabatha inxaxheba apho. Lo mcimbi wabanjwa ngezizathu zokufumana iindlela zokunciphisa imithwalo yabalawuli kwiinkundla zeempixano zemidlalo kwiimpixano ezibandakanya imibutho elawula amaqela emidlalo nokuphucula izakhono zolawulo kule mibutho ilawula amaqela emidlalo. Ijaji yeNkundla Ephakamileyo uDeon van Zyl nengcaphephe yegqwetha uAlex Abercombie babelane ngamava abo njengeengcaphephe zomthetho kweli candelo lomthetho wezemidlalo kwanokusonjululwa kweempixano.

Lo mcimbi ukhokelele ekuphehlelelweni kweMbumba Ejongene Nokusonjululwa Kwempixano yaseNtshona Koloni. Le mbumba kufuneka ukuba ibe iyasebenza ngenyanga kaTshazimpunzi ku-2005, xa umthetho ofanele oko sele uwisiwe. Isebe Lemicimbi Yenkcubeko, Imidlalo Nokuzonwabisa kungoku nje inika ingqwalasela ukuchonga amalungu ayo. Amasetyana ajongene nokwakhiwa ngokutsha nokusonjululwa kweempixano kweli Sebe aya kunikezela ngenkxaso yezolawulo kwiMbumba Ejongene Nokusonjululwa Kweempixano.



"Inkomfa Yebhola Ekhatywayo - "Indlela eya ku-2010"
Lo mcimbi walandelwa kwixwsha nje elingephi uphelile "yiNkomfa Yomdlalo Webhola Ekhatywayo" eyayibizwa ngokuba "Yindlela eya ku-2010" eyayibanjwe ngenyanga yeThupha apha ku-2004. Le nkomfa yayijoliswe ekuqalisweni kwenkqubo yokukhulula amatyathanga achaphazela ukukhula nokuphuhla kwebhola ekhatywayo eNtshona Koloni.

Le nkomfa yayizinyaswe ngamamagosa olawulo kumdlalo webhola ekhatywayo asuka kwimibutho eyahlukeneyo, kuquka amagosa asuka kuMbutho Webhola Ekhatywayo woMzantsi Afrika (iSAFA ngamafuphi), amalungu esigqeba sesizwe nesephondo. Abathunywa baphuma apho bephethe isicwangciso-qhinga sokukhulula amatyathanga aqhwalelisa uphuhliso nokukhula kwebhola ekhatywayo. Esi sicwangciso-qhinga besiquka ukuzinikela ekubeni:
* Kuqiniswe futhi kwenziwe luqilima ubudlelwane phakathi kweSAFA, Umbutho Wemidlalo Yezikolo Ezimanyeneyo woMzantsi Afrika (iUSSASA ngamafuphi) kwakunye neManyano Yemidlalo Yabafundi Abakumaziko Emfundo Ephakamileyo eMzantsi Afrika (iSASSU ngamafuphi).
* Kuziwe neenkqubo zokuqinisekisa ubukho beenkokheli ezinezakhono zokulawula.
* Kusonjululwe iingxaki zobudlelwane nabasemagunyeni koorhulumente bamakhaya namaqela ezemidlalo.
* Kugxininiswe kumanyano.
* Kusekwe ikomiti yephondo eququzelayo ukuze igxininise kwimicimbi yophuhliso, ukukhula nolawulo lukarhulumente.
* Kubabanjwe indibano yokuza nezicwangciso-maqhinga ukuze kuphunywe nesicwangciso eziya kusisa kunyaka ka-2010.

  Ezi zithembiso zine zonke zeza neNkulumbuso, futhi zifezekiswe kwangezi ntsuku zokuqala zilikhulu. Isithembiso sesihlanu, esi seenkqubo zemidlalo yokuzonwabisa ezijoliswe kuluntu lonke jikelele kwiingingqi ezine ezikumbindi, liphulo lexesha elide elisephantsi kophuhliso lweli Sebe.


  Ukubuyela Kwizithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhadi Lengxelo >




  IXHASWA NGEZIMALI YI-:

  iSebe Lemicimbi Yenkcubeko Nemidlalo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)




  This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



  Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 7 uSeptemba 2004



  Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



  | IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



  Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







  I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





