






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Amaphulo > EzoLimo > Ushishino Ngezolimo > Izithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhaya Elisiphilisa Sonke

Izithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhaya Elisiphilisa Sonke




ISIQALO:

28 uMeyi 2004


ISIPHELO:

7 uSeptemba 2004


UMGANGATHO:

Liqoshelisiwe


INKCAZELO:



Icandelo laphakanyiswa kweli khulu leentsuku zokuqala, ngokuthi:
* Kuvulwe iSikolo Sezolimo saseClanwilliam
* Kujoliswe ekutyikityweni kwesivumelwano Sokuthengisela iManyano yamazwe aseYurophu



KUVULWE ISIKOLO SEZOLIMO SASECLANWILLIAM


Uqeqesho kwezolimo nemfuyo luthe lwavuleleka kakhulu kubantu abakwingingqi ekuNxweme oluseNtshona emva kokuvulwa kweSikolo Sezolimo saseClanwilliam ngoLwesihlanu umhla wesithandathu kwinyanga yeThupha ngo-2004. Isikolo esi, esilisebe leZiko leKapa Loqeqesho Kwezolimo elise-Elsenburg, senzelwe kuphela abasebenzi basezifama kwakunye nabanini beefama ebazisokolelayo kule ngingqi.

Izikolo zoqeqesho ezingamasebe esikolo esikhulu anikezela ngoqeqesho lwezolimo kwabo bantu baludinga kakhulu. Abanini-zifama nabasebenzi basezifama abaninzi abasokolayo nabakwiingingqi ezisemaphandleni bakufumana kunzima ukuzimasa ezi zifundo zoqeqesho kwisebe elikhulu eliseStellenbosch, kungoko ke la masebe mancinci evulwa njengengxenye yale nkqubo yokuphuculwa kwezakhono eluntwini yeSebe Lezolimo lephondo. Isebe lokuqala elincinci lesi sikolo lavulwa eGeorge ngo-2003, futhi ezi zifundo zikhe zanikezelwa nase-Oudtshoorn.

Kukho malunga nezifundo ezingamashumi amane anesibhozo kwizifundo ezifana noLawulo Lwezolimo Nezimali, Izakhono Zobomi, Ukuveliswa Kwemifuno, Ukuveliswa Kweziqhamo, Izifundo Ngokulinywa komdiliya, Ukuveliswa Kwezilwanyana (impahla ende, impahla emfutshane kunye neenkukhu) kanti futhi Nezifundo Zobunjineli Kwezolimo ziyanikezelwa yiCape Institute.



Ukuvulwa kwesikolo sezolimo saseClanwilliam, ngoLwesihlanu umhla wesithandathu kwinyanga yeThupha apha ku-2004.
Ezi zifundo zinikezelwa ngokwebakala lokuqala ukuya kwelesine (kwinqanaba elingaphambi kwematriki) leNational Qualifications Framework, kubafundi abamalunga namawaka amabini asele befumene uqeqesho minyaka le ngolu hlobo.Ukuvulwa kwesi sikolo saseClanwilliam kumele ukunyusa eli nani, emva kokuqala kwezifundo ngenyanga yeDwarha ku-2004.



INkulumbuso yephondo leNtshona Koloni, uMnumzana uEbrahim Rasool, ephelekwe nguMphathiswa Wezolimo, uCobus Dowry, bavule esi sikolo eAugsburg Gymnasium, eClanwilliam, ngokwenza oko babe kanti bafezekisa isithembiso esenziwa yiNkulumbuso le sokwenza ezibukwayo kwiintsuku nje ezilikhulu emva kokungena ezintanjeni.


ISIVUMELWANO SOKUTHENGISELA AMAZWE ANGAPHANDLE


Bekukwakho nethemba lokuba kwezi ntsuku zilikhulu zokuqala kuya kutyikitywa isivumelwano sokuthengisela amazwe eManyano yeYurophu (EU) inyama yamatakane egusha.

Ukutyikitywa kwesi sivumelwano kungumvuka wokutyikitywa kwesivumelwano samazwe ngamazwe neManyano yaseYurophu ngokubhaliswa kweefama zeegusha kwanokunakanwa kokuba semgangathweni kothotho lweefama. Isilarha sokuxhelela esiseSwellendam naso saphunyezwa njengesikumgangatho wokuthumela inyama kwiManyano yamazwe aseYurophu.

IManyano yamazwe aseYurophu yayinqwenela ukuhlola ze iphumeze iindlela zokuthunyelwa kwemveliso kumazwe angaphandle ngokwayo phambi kokuba kutyikitywe esi sivumelwano futhi ibimele ukukwenza oko ngenyanga yeSilimela ngo-2004.

Kusenjalo, iSebe Lesizwe Lezolimo lalunqumamisa utyelelo lweManyano yamazwe aseYurophu kwiifama ezichongiweyo nezinakakwayo zeKaroo, njengoko zingenamandla aneleyo akumelana nokuvuka okukhoyo kwesifo senyebethu nochwane eLimpopo, ukhohlo-khohlo lwe-avian kwiinciniba eKaroo ngaxesha-nye notyelelo lweManyano yamazwe aseYurophu.

Isebe lePhondo Lezolimo liza kuqhubekeka lixhasa naziphi na iintshukumo ezikhokelela ekutyikityweni kwesi sivumelwano, sivumelwano eso sinokuba lulutho kumafama aseKaroo.


Ukubuyela Kwizithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhadi Lengxelo >




IXHASWA NGEZIMALI YI-:

Isebe Lezolimo (The Government of South Africa)




This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 7 uSeptemba 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





