






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Amaphulo > Ingqesho > Izithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhaya Lokusebenza Kuthi Sonke

Izithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhaya Lokusebenza Kuthi Sonke




ISIQALO:

28 uMeyi 2004


ISIPHELO:

7 uSeptemba 2004


UMGANGATHO:

Liqoshelisiwe


INKCAZELO:




Amathuba emisebenzi nezithuthi zikawonke-wonke nazo ziye zaphuculwa kweli khulu lokuqala leentsuku, ngokuthi:
* Kusekwe inkqubo Eyandisiweyo yeSebe Lemisebenzi Yoluntu ebizwa ngokuba yi"Saamstaan" (ukuma kunye)
* Kuvulwe iOfisi Yeetaxi yase-Athlone


INKQUBO EYANDISIWEYO YESEBE LEMISEBENZI YOLUNTU (I-SAAMSTAAN)

URhulumente wephondo leNtshona Koloni uwabeke phantsi kweliso lakhe elibanzi onke amaphulo ephondo eNkqubo Eyandisiweyo yeSebe Lemisebenzi Yoluntu phantsi kwegama elinye, iSaamstaan, ekhokelwa nguMphathiswa weSebe Lemisebenzi Yoluntu Nothutho uMcebisi Skwatsha, ze yaphehlelelwa nguMongameli ngomhla wesibini apha kwinyanga yoMsintsi ku-2004.

INkqubo iSaamstaan iya kuquka amaphulo achanekileyo achongwe kumasebe karhulumente wephondo noomspala. Enye yeyona miba ibaluleke kakhulu kule nkqubo iya kuba kukuqeqeshwa, apho abantu abangaphangeliyo baya kufunda izakhono abanokuzisebenzisa. Amanye amaphulo sele ziqhuba yaye kufuneka zandisiwe; ezinye zenzelwe kanye ukudalela amathuba emisebenzi abemi baseNtshona Koloni.

Eyona nto kujongwe kuyo ayingomaphulo okwakhiwa kweendlela namanye amaziko nje kuphela, koko namagalelo ayenziwa ngamacandelo Ezolimo, Elezendalo najongene nemiba yoluntu kwanokugcinwa nokulondolozwa kwezakhiwo zikarhulumente, izikolo, iiklinikhi nezindlu. Amakhonco entsebenziswano phakathi kweenkampani zabucala norhulumente nawo ayasetyernziswa njengenye indlela yokufumana inxaso-mali.

Amathuba amatsha engqesho aza kudalwa eSaamstaan aquka:
* amagosa okhuselo nokhuaseleko ekuhlaleni, koololiwe, ezikolweni nakumanye amaziko oluntu
* umsebenzi wokwakhiwa
* ukulungiswa nokulondolozwa kwamaziko oluntu nezinye nje izinto eziluncedo eluntwini
* ukunonotshelwa kwabantwana emakhayeni, abantu abadala nabo bagulayo
* abantu abasebenza ngokukhulisa abantwana abaselula
* abacebisi ngezicelo zeenkxaso-mali
* abasebenzi bophuhliso ekuhlaleni
* izithuthi ezingezomoto nezinye nje izibonelelo zothutho
* ukutyala imiyezo ngeenjongo zokuthengisa nokuziphilela nje
* ukuphuculwa kwemigaqo yoomaspala, imibhobho yoomaspala, izihluzi zamanzi ezikhukula kwanemigaqwana yabahambi ngeenyawo
* abakhokeli babatyeleli


Iinkqubo ezisele zikho ezingaphantsi kwale nkqubo:
* iVuk'uhambe (yeSixeko saseKapa) ebandakanya imisebenzi edinga amandla oluntu
* iRed Door (iReal Enterprise Development; yeSebe Lophuhliso Loqoqosho Notyelelo) equka ityathanga lentsebenziswano namanye amaqumrhu axhasa unaniselwano lwamashishini amancinci, aphakathi nasakhulayo
* iWECCO (iWestern Cape Cleanup Operations Programme yeSebe Lemicimbi Yendalo Nocwangciso Lophuhliso)
* IPhulo Lokulondolozwa Kwezakhiwo (leSebe Lemicimbi Yoluntu Nothutho) eliquka amaphulo alithoba Kwezempilo, Ezemfundo kwanezakhiwo ngokubanzi
* iZenzele (yeSebe Lemicimbi Yoluntu Nothutho) eliquka inkqubo yokulondolozwa kwemigaqo
* iCARP (iCommunity Access Road Programme)
* iBambanani (yeSebe Lokhuseleko Loluntu).


URhulumente wephondo wazinikele ekudaleni ubuncinci amathuba emisebenzi noqeqesho alikhulu elinamashumi amabini amawaka kwiminyaka nje emihlanu kuMhlangano wephondo owawungoKukhula Nophuhliso, ngenyanga yeNkanga ku-2003, futhi iSaamstaan sisiqalo sokufezekiswa kweso sithembiso.

I-OFISI YEETAXI YASE-ATHLONE

Ishishini leetaxi eziziiminibus lelinye lawona mashishini adlala indima ebaluleke kakhulu kuthutho lukawonke-wonke, njengoko luthutha amashumi amane anesihlanu eepesenti zabakhweli kweli phondo ze babe ngamashumi amathandathu eepesenti kuzwe-lonke. Kodwa ke, eli iselishishini elingekho sesikweni, elingenasicwangciso-qhinga sicacile sokunyuka futhi likhule kwimalike yalo ze liphuhlise nendima yalo eluntwini, futhi lisebenzisane necandelo loshishino ukuphakamisa nokunyusa ingeniso yamalungu alo.

Injongo yale ofisi yeetaxi kukudlala indima ebalulekileyo ekusonjululweni kwale ngxaki, ngokuthi:
* kusekwe isiseko nombindi wolawulo weli shishini leeminibus taxis
* kudalwe indawo yokusebenzela apho imiba echaphazela eli shishini iya kushukuxwa
* isebenze "njengondlunkulu" weBhunga leeTaxi lePhondo leNtshona Koloni
* lisebenze njengeZiko Loqeqesho lamanyathelo ePhondo naweSizwe Oqeqesho
* kuthekelelwe futhi kulungiselelwe umfanekiso wobumbano nentsebenziswano kwishishini leeminibus taxi ngokubanzi
* isebenze njengesikhundla apho eli shishini linokusebenzisana futhi libumbane nawo onke amacandelo achaphazelekayo namanye anendima ayidlalayo kuthutho.


Le ofisi yeetaxi ngomnye wemisebenzi eluqilima kaRhulumente wePhondo ukuzama ukugcina uxolo nozinzo kwishishini leeminibus taxi. Ishishini leeminibus taxi elizinzileyo nelilawulwa luxolo linceda ekuphuhliseni iinjongo zoPhuhliso Loqoqosho Lwabamnyama ngelixa likwabonelela ngothutho lukawonke-wonke olukhuselekileyo, olusebenzayo noluthembakeleyo.

Le Ofisi yeeTaxi ise-Athlone kuMgaqo iKlipfontein, ikwazibalula njengengxenye yephulo iKlipfontein Corridor Project, lona eliyingxenye yeProvincial Mobility Strategy.


Ukubuyela Kwizithembiso Zekhulu Lokuqala Leentsuku: Ikhadi Lengxelo >




IXHASWA NGEZIMALI YI-:

Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)




This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 7 uSeptemba 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





