






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > W &gt Amanxiwa Anobutyebi Behlabathi eMzantsi Afrika

Amanxiwa Anobutyebi Behlabathi eMzantsi Afrika





Isebe Lemicimbi Yendalo Engqongileyo Nezotyelelo (The Government of South Africa)





Kukho amanxiwa Anobutyebi Behlabathi angama-788 kwihlabathi lonke, manxiwa lawo akhuselweyo ngeenzame zokulondoloza ubuhle bawo bendalo okanye ukubaluleka kwawo ngokwenkcubeko nangokwembali. Amanxiwa adweliswe njenganobutyebi behlabathi afumana ukunakanwa kumazwe akuwo kwanakumazwe angaphandle.

Amanxiwa amathandathu eMzantsi Afrika adizwa njenganobutyebi behlabathi yi-United Nations Educational, Scientific and Cultural Organisation (I-UNESCO ngamafutshane). Loo manxiwa ngala:
* I-Cape Floral Region
* I-Robben Island
* I-Greater St Lucia Wetland
* UKhahlamba - Drakensberg
* IMapungubwe Cultural Landscape
* I-"Cradle of Humankind" (Fossil Hominid Sites of Sterkfontein, Swartkrans, Kromdraai, kunye ne-Environs)


I-CAPE FLORAL REGION (2004)

Ingingqi ye-fynbos yeNtshona Koloni neMpuma Koloni isandula ukunakanwa njengenxiwa eliqulethe ubutyebi behlabathi ngenxa yobuhle bayo bendalo nokubaluleka kwayo kwinzululwazi. Eli nxiwa liqulethe iingingqi ezisibhozo ezikhuselweyo, kubandakanywa noMyezo Wesizwe iKirstenbosch kunye nendawo yolondolozo lwendalo iDe Hoop. Ngokukonke, eli nxiwa linaba kangangeehektare ezingama-553,000 zomhlaba otyebileyo ziintlobo zezityalo, ezimele amashumi amabini eepesenti zezityalo zase-Afrika.

Izityalo ezinqabileyo zale ngingqi zinexabiso elikhulu kakhulu kwinzululwazi njengoko kukho iintlobo ngeentlobo kwanokuxinana kweentlobo ze-Fynbos kwingingqana nje encinci. Ukuxinana kwezi ntlobo-ntlobo kuMmandla iCape Floral kumalunga nelona nqanaba liphezulu ehlabathini futhi sele idizwe njengenye yezona ndawo zibalulekileyo ezilishumi elinesibhozo zempahla ephilayo ehlabathini.

I-ROBBEN ISLAND (1999)

Ukubaluleka kwesiqithi iRobben Island kwimbali kukhokelele ekunakanweni kwayo njengenxiwa Elinobutyebi Behlabathi ngo-1999. IRobben Island le ibisakusetyenziswa kule minyaka ingamakhulu amahlanu adlulileyo njengentolongo, isibhedlele nendawo yokuhlala nokuzilolonga kwamajoni. Izakhiwo ezininzi zesi siqithi zikhumbuza umntu ngembali yaso njengentolongo enolona khuseleko futhi ikwaluphawu lokuphumelela kweminqweno yesizwe, yenkululeko, neyolawulo lukarhulumente ngokwentando yesininzi kusoyiswa ingcinezelo.

I-GREATER ST LUCIA WETLAND (1999)

Imihlaba ye-St Lucia Wetlands iqulethe iindidi ezahlukeneyo zokumila komhlaba, eziqulethe ooqaqaqa bangaphantsi kwamanzi, amalwandle amade anesanti eninzi, iintlabathi zesanti eziselunxwemeni, amachibi, imigxobhozo, imihlaba emanzi emikhulu yeengcongolo nemithi. Ukwahluka kobume bale mihlaba imanzi kwanokuhlangana kwayo namanye amacandelo emo-zulu kukhokelele ebukhweni beentlobo-ntlobo ezahlukeneyo zezityalo. Ukumila komhlaba okwenziwe ngemifanekiso eyenziwe ngamatye amancinane kwaneentlobo zeendawo zokuhlala zezi zityalo nezilwanyana nazo zikwadala imibono enomtsalane.

Inxiwa iSt. Lucia lenziwe ziingingqi ezikhuselweyo ezilishumi elinesithathu ezibukhulu bungama-234, 566 seehaktare. Eli nxiwa lelona chweba lomlambo likhulu e-Afrika futhi liquka esona sandiso sisemazantsi sooqaqaqa bangaphantsi kwamanzi kweli lizwekazi. Enye yeenkqubo zendalo eziqhubekekayo kweli nxiwa zezi: iimfudo ezininzi ezihlala kuloo malwandle, ukufuduka kweminenge, amahlengesi nookrebe beminenge abakude nonxweme kwakunye nothotho lweentaka zasemanzini. Indawo yokuziphumlela yalapho nayo inendalo eninzi neyahlukileyo kuquka neentlobo zeentaka ezingama-521.

UKHAHLAMBA DRAKENSBERG (2000)

Iimpawu ezityebe kakhulu zomhlaba waseDrakensberg kwanothotho lwemizobo yamatye kule ngingqi, zonke zikhokelele ekunakanweni kweNdawo yokuziphumlela yoKhahlamba-Drakensberg njengelinye lamaNxiwa Aqulethe Ubutyebi Behlabathi.

Eli nxiwa lihle kakhulu, lineentsika eziphezulu zohlobo lwelitye elilukhuni, iintlobo ezithile zemithi, iziganga zamatye esanti abugolide, amathafa engca aqeqngqeleka ngokuphakame kakhulu, iintlambo zamandulo ezinamacala amtyibilizi nemiwonyo enamatye. Ubuninzi beendawo zokuhlala zezilwanyana bukhusela uninzi lwendalo yemvelo yalapha neyehlabathi esemngciphekweni, ingakumbi iintaka nezityalo.

Kukwakho nemiqolomba emininzi neendawo zokufihla intloko phantsi kwamatye kunye neyona mbumba yemizobo yamatye inkhulu neyona ixineneyo e-Afrika, kumzantsi weSahara. Le mizobo isematyeni yenziwa sisizwe saBathwa kwixesha eliyiminyaka engamakhulu amane eyadlulayo. Le mizobo nemibhalo kula matye yeyomgangatho ophakame kakhlulu kwanothotho lwemiba kwanokuzotywa nokuboniswa kwezilwanyana nabantu. Konke oku kumele indlela yempilo yokukhonza yesizwe saBathwa abangasahlali kule ngingqi kungoku nje.

IMAPUNGUBWE (2003)

Le yingingqi emi kumda osemantla woMzantsi Afrika, odibanisa amazwe iZimbabwe neBotswana, iMapungubwe yayibobona bukhosi bukhulu kumazantsi eli lizwekazi phambvi kokuba ichithwe kwiminyaka yenkulungwane yeshumi elinesine. Isiza sebhotwe elasindayo nengingqi yokuhlala, kwaneziza ezimbini zangaphambili zokuhlala, zibonisa umfanekiso ongayiwayo wokuphuhla kwendlela yokuphila koluntu kwanendlela upolitiko lwalapho olwalumi ngayo kwiminyaka engamakhulu amane eyadlulayo.

Inkangeleko yenkcubeko kumhlaba weMapungubwe iqulethe ubungqina bonaniselwano loluntu ngemicimbi yalo, naniselwano olo lukhokelele kwiinguqu ezininzi nezinkulu ngokwenkcubeko nangokwezinye nje iindlela zokuphila zoluntu kuMazantsi e-Afrika phakathi kweminyaka u-900 no-1300 AD. Iintsalela zoku zibubungqina obugqibeleleyo bokukhula nokuchithakala okuye kwalandela kombuso weMapungubwe. Ezi ntsalela zibonisa ngokwemizobo indlela ukutshintsha kwemo yezulu ekube nefuthe ngayo yaye zigcina ukukhula nokufa kobukhosi baseMapungubwe.

I-CRADLE OF HUMANKIND (1999)

Amanxiwa eFossil Hominid aseSterkfontein, eSwartkrans, eKromdraai naweengingqi ezingqongileyo avelise ulwazi oluphuphumayo lwenzululwazi ngokukhula komntu kule minyaka izizigidi ezintathu namakhulu amahlanu amawaka idlulileyo, indlela yakhe yokuphila kwanezilwanyana abehlala nazo nabeziphilisa ngazo. Inkangeleko yomhlaba nayo ineempawu ezivezayo ngexesha elingaphambi kokubhalwa kwembali.

Ingingqi yeSterkfontein iqulethe imbumba yamanxiwa amakhulu kakhulu nabaluleke kakhulu ngokolwazi aluquletheyo lwenzululwazi, manxiwa lawo asiphathela ukhanyo ngezona zinyanya zokuqala zomntu. La manxiwa ayingxenye yamawaba agcina ulwazi oluphuphumayo lwenzululwazi, lwazi olo lunomsebenzi obaluleke kakhulu kuthi luntu.





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 15 uJulayi 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





