Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Iipemethe yokuhlala isigxina abalingane bomtshato
Isicelo sabantu abadla umhlalaphantsi
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Ukuhlala eMzantsi Afrika
Isicelo sokwamkelwa njengommi emva kokuhlala ixesha elithile
Inkcazelo
Nawuphina umntu onepemethe yokuhlala isigxina eMzantsi Afrika uyavumeleka enze isicelo sobumi baseMzantsi Afrika ngokwenkqubo yokwamkelwa njengommi emva kweminyaka emihlanu engumhlali osisigxina.
Nawuphina umntu otshate ummi waseMzantsi Afrika uyavumeleka amkelwe njengommi kwiminyaka emibini emva kokuba efumene ipemethe yokuhlala isigxina ekhutshwe ngexesha lomtshato.
Umntwana oneminyaka yobudala engaphantsi kwama 21, onepemethe yokuhlala isigxina, uyavumeleka amkelwe njengommi kwamsinyane nje emva kokuba ikhutshiwe ipemethe.
Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe lezaseKhaya
Inkqubo emayilandelwe
Umzali onoxanduva angenza isicelo egameni lomntwana ongekabinalungelo lokuzenzela izigqibo ngokusemthethweni, ukubangaba phofu lo mntwana uhlala isigxina nangokusemthethweni eMzantsi Afrika.
Kuyakukhutshwa incwadi yesazisi kwaye ithunyelwe kumenzi-sicelo.
Abenzi-zicelo abalelwe izicelo bayakuxelelwa ngokunjalo.
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Izicelo zingathabatha iinyanga ezi 2 ukuya kwezi 4.
Iindleko
Le nkonzo ayihlawulelwa.
BI-63 (Isicelo sokwamkelwa njengommi emva kokuhlala ixesha elithile)
Nceda ukhethe iphondo
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
