






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa > Ulutsha Olusemngciphekweni > Ukufumana Imibutho Yolutsha yaseMzantsi Afrika

Ukufumana Imibutho Yolutsha yaseMzantsi Afrika




INKCAZELO:

Kukho intaphane yemibutho eMzantsi Afrika esebenza nolutsha phantsi kwemiba emininzi neyahlukileyo. Le mibutho iquka imibutho engajonge ngeniso, imibutho yenkolo, amanyathelo afumana uncedo nenkxaso ngezimali kurhulumente. Ukuze ufumanise ukuba yeyiphi na imibutho ekhonyayo kwingingqi ohlala kuyo, ungaphendla ezi zikhundla zonxibelelwano ngekhompyutha
* Isikhundla Solwazi seKomishoni Yesizwe Yolutsha Esinemibutho Yolutsha yaseMzantsi Afrika
* Isikhundla Solwazi Semibutho Yeenkonzo zoMsobomvu
* Imibutho Engajonge Ngeniso Ezibhalise eNtshona Koloni


ISIKHUNDLA SOLWAZI SEKOMISHONI YESIZWE YOLUTSHA ESINEMIBUTHO YOLUTSHA YASEMZANTSI AFRIKA


IKomishoni Yesizwe Yolutsha igcina uluhlu database lwemibutho eli-135 eMzantsi Afrika esebenza nabantu abatsha.

Esi sikhundla sonxibelelwano siqulethe iinkcukacha zonxibelwano zale mibutho kwaneenkcukacha ngeenkonzo zazo, ze apho kukwazeka khona uthunyelwe kwiiwebsite zayo.

Esi sikhundla solwazi singaphendlwa ngokwelona gama lingundoqo kuloo mba uwufunayo.

Phendla esi sikhundla solwazi ngokuthi undwendwele iwebsite yeKomishomi Yesizwe Yolutsha.


ISIKHUNDLA SOLWAZI SEENKOZO ZEMIBUTHO YEMSOBOMVO


Esi sikhundla solwazi siyafumaneka kwiSikhundla Sonxibelelwano Solutsha.

Ungasiphendla esi sikhundla solwazi ngokuthi ufake:
* igama lombutho
* uhlobo lwenkonzo
* iphondo
* isithili/inqila.


Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe ungaqhagamshelana neZiko Elitsalelwa Iminxeba kule nombolo 08600 YOUTH (08600 96884).


IMIBUTHO ENGAJONGE NGENISO EBHALISE ENTSHONA KOLONI

Imibutho emininzi engajonge ngeniso eNtshona Koloni ibhaliswe kwiSebe leeNkonzo Zoluntu Nokupheliswa Kwentlupheko. Ukuze ufumanise ukuba yeyiphi na imibutho ekhonyayo kwingingqi ohlala kuyo, ungaphendla uluhlu lwemibutho ebhalisiwey kwikhompyutha.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:


* Iinkonzo Zonxibelelwano Nolwazi ngoRhulumente (The Government of South Africa)
* IKomishoni yoLutsha yeSizwe





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Iingcebiso Ngezifundo Ezinokuthatyathwa (IiNkonzo)
* Amaziko Ononophelo Lolutsha (IBakala Lezxhobo)
* Shelters for Street Children (IBakala Lezxhobo) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 4 uJuni 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





