






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ushishino & Noqoqosho > Ulwazi > Iithenda zikaRhulumente Ezifumaneka Kwi-internet

Iithenda zikaRhulumente Ezifumaneka Kwi-internet




INKCAZELO:

Amaqumrhu karhulumente wesizwe, owephondo nowekhaya axhasa uthotho lwamashishini abucala ngokuthi awanike izibhambathiso zento yonke, ukususela kwiincwadi ukuya ekwakhiweni kwemigaqo. Ukuze ube nokuphumelela ithenda karhulumente, kuyakufuneka ungenise isicelo sethenda ebibhengeziwe.

Okokuqala, kuyakufuneka wazi ukuba zeziphi na iithenda ezisavulelekileyo, okanye ezibhengezwayo. Uninzi lolu lwazi ke luyafumaneka kwi-internet:

URHULUMENTE WESIZWE

Ukuze ufumane ulwazi ngeethenda zikarhulumente wesizwe, zitsalele Amaxwebhu Eethenda aphuma ngeveki. La maxwebhu ke aqulethe iinkcukacha zazo zonke iithenda kuquka nosuku lokuvalwa, umntu omawuqhagamshelane naye xa unemibuzo nokuba ungazifaka phi na izicelo.


URHULUMENTE WEPHONDO LENTSHONA KAPA

Iithenda zikarhulumente wephondo leNtshona Kapa zifumaneka kwicandelo leethenda lale website, ehlaziywa rhoqo ngeveki. Ungakhangela kuwo onke amangenelo mhlawumbi ngokwebakala (umzekelo: ezonyango okanye izixhobo zeekhompyutha) okanye nangaliphi na igama eliphambili olikhethayo.

* Olunye ulwazi ngale nkqubo yeethenda nokuba isebenza njani
* Imigaqo-nkqubo yeethenda
* Indlela yokufaka isicelo sethenda.

ISIXEKO SASEKAPA
iSixeko saseKapa sipapasha zonke iithenda zaso ezisavulelekileyo kwiwebsite yeSixeko saseKapa.


IMIYALELO:


UKUBHALISA NJENGESHISHINI
Nabani na angazifaka izicelo zeethenda zikarhulumente - kodwa ke ukuze ube nokutyikitya ithenda kaRhulumente Wephondo leNtshona Kapa kufuneka ube kanti ubhalisile kwisikhundla samashishini eNtsahona Kapa. Kubhaliswa simahla yaye urhulumente weli phondo kwakunye nesixeko saseKapa basebenzisa isikhundla esinye sokubhalisa ngoko ke kuyakufuneka ubhalise kube kanye kuphela.
* Ulwazi Ngenkqubo Yokubhalisa Ekwiwebsite yeSixeko saseKapa
* Zitsalele ke eli phetshana lokubhalisa njengeshishini apha.


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:


* Icandelo Loonondyebo Besizwe (The Government of South Africa)
* Isebe looNondyebo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
* Isixeko saseKapa





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Preferential Procurement Policy Framework Act (No. 5 Of 2000) (UMthetho) (File type: pdf; size: 86 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Amaziko eRED Door Anikezela Ngeengcebiso Kumashishini Asakhasayo (iCandelo Likarhulumente)
* Inkqubo Yophuhliso Lwababoneleli Kumashishini Amnyama (IiNkonzo)
* Western Cape Supplier Database (Qhagamshela) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 8 uAgasti 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





