






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezotyelelo & Nezohambo > Uphuhliso Noncedo Ngezimali > Uncedo-mali lwe-ITMAS Olukhuthaza Ukuthatyathwa Kwenxaxheba Kumboniso Wentengiso Wezizwe Ngezizwe

Uncedo-mali lwe-ITMAS Olukhuthaza Ukuthatyathwa Kwenxaxheba Kumboniso Wentengiso Wezizwe Ngezizwe




INKCAZELO:

INkqubo yoNcedo loRhwebo loKhenketho lweZizwe ngeZizwe (ITMAS) inikezela ngenxalenye yembuyekezo yamashishini kumaxabiso athile enzeke kwimisebenzi ejolise ekunyuseni umgangatho wezokhenketho eMzantsi Afrika.

Enye yeenjongo zale nkqubo kukukhuthaza kunye nokuncedisa iinkampani zoMzantsi Afrika ekwaziseni imveliso yazo kumazwe angaphandle ngokuthatha inxaxheba kwimiboniso eyaziwayo yezizwe ngezizwe phesheya kolwandle neyaziwa ifanelekile ekunyuseni umgangatho worhwebo lokhenketho eMzantsi Afrika. Le nkqubo ikwancedisa iinkampani ezisakhulayo ukuba zithathe inxaxheba kwi- Durban Indaba.

Okona kuphambili kwimiboniso yezizwe ngezizwe phesheya kolwandle nokuya kuxhaswa kwinkqubo koku:
* ITB - Germany
* Indaba - Durban
* WTM - London.

Kweminye imiboniso, abenzi bezicelo kufuneka bagqithise iinkcukacha zomboniso abanqwenela ukuwuzimasa. Oku kulandelayo kuya kuqwalaselwa xa kuvavanywa izicelo:
* Apho umboniso uza kubanjelwa khona
* Amacandelo aya kufumana inzuzo kule miboniso
* Izinga lomtsalane
* Ubuninzi bokwenzeka kwalo mboniso
* Impembelelo kwezoqoqosho.



IMIYALELO:

Xa ufuna ulwazi olunxulumene nale nkqubo, indlela emisiweyo yokuthatha inxaxheba, jonga kwi-Guidelines in Respect of the International Tourism Marketing Assistance Scheme.

Amashishini anomdla kufuneka afake izicelo kwiSebe leMicimbi yeNdalo esiNgqongileyo noKhenketho ukuze abhalise kule nkqubo. Izicelo zobhaliso ziya kuvavanywa ekuqinisekiseni ukuba ziyavumelana nomgaqo omisiweyo, emva koko, amashishini lawo aya kwaziswa ukuba izicelo zawo zamkelwe na okanye azamkelwanga. Ifomu yesicelo sobhaliso ingafumaneka kwesi sikhundla soqhagamshelwano ngekhompyutha - Application for Registration to Participate in the International Tourism Marketing Assistance Scheme (ITMAS) - okanye uyicele kwiSebe leMicimbi yeNdalo esiNgqongileyo noKhenketho nakwiSebe leMicimbi yoPhuhliso loQoqosho noKhenketho eNtshona Koloni.

Iifomu ezigcwalisiweyo kufuneka zibuyiselwe kule dilesi ilandelayo:
The Senior Administration Officer: ITMAS
315 Pretorius Street, Fedsure Forum Building, South Tower, Pretoria
Department of Environmental Affairs and Tourism, Private Bag X447, Pretoria, 0001
Inombolo yomnxeba: 012 310 3427
Ifeksi: 012 320 4740


Xa sele ushishino lwakho lwamkelwe kule nkqubo, kufuneka ugcwalise ifomu kwesi sikhundla soqhagamshelwano ngekhompyutha - Application for Financial Assistance for the Production and Distribution of International Tourism Marketing Materials ukuze ugqithise ibango loncediso kwinkxaso-mali.
Luxanduva lwakho ukufumana ulwamkelo ngaphambi kokuzifaka kwiindleko enxulumene nale nkqubo. Ifomu egcwalisiweyo kufuneka ithunyelwe kule dilesi ichazwe ngentla.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lemicimbi Yendalo Engqongileyo Nezotyelelo (The Government of South Africa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Uncedo-mali lwe-ITMAS Kwizixhobo Zokuthengiswa Nokubhengezwa Kwezotyelelo Kumazwe Angaphandle (IiNkonzo)
* IDesika yoNcedo lwabaRhwebi kwezoKhenketho (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 17 uSeptemba 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





