






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezotyelelo & Nezohambo > Uphuhliso Noncedo Ngezimali > Uncedo-mali lwe-ITMAS Kwizixhobo Zokuthengiswa Nokubhengezwa Kwezotyelelo Kumazwe Angaphandle

Uncedo-mali lwe-ITMAS Kwizixhobo Zokuthengiswa Nokubhengezwa Kwezotyelelo Kumazwe Angaphandle




INKCAZELO:

Inkqubo Yoncedo Lokuthengiswa Nokubhengezwa Kwezotyelelo Kumazwe Angaphandle (iITMAS ngamafutshane) inika amashishini ingxenye yembuyekezo ngenkcitho yawo kwiintshukumo zokuphuhlisa nouthengisa ezotyelelo eMzantsi Afrika.

Enye yeenjongo zale nkqubo kukuncedisa iinkampani zaseMzantsi Afrika ukuba zibhengeze iimveliso zazo zezotyelelo kumazwe angaphandle ngokuthi zivelise iincwadana ezineenkcukacha, amaphetshana angotyelelo kweli lizwe, ukuya kubonisa ngeemveliso zazo ngeendlela ezininzi zokubhengeza, ulwazi olufakwe kwikhompyutha okanye nazo naziphi na izixhobo zokubhengeza ezotyelelo kumazwe angaphandle.

Imbuyekezo inikezelwa ngokuyilwa, ukuhlanganiswa, ukuveliswa, ukukhutshwa, ukuphinda kukhutshwe kwanokusasazwa kwezixhobo zokubhengeza ezo mveliso kumazwe angaphandle.
Uncedo luya kunikezelwa kuphela ngezixhobo ezanzelwe ukuthengisa nokubhengeza iimveliso zotyelelo kumazwe angaphandle.


IMIYALELO:

Xa ufuna ulwazi ngale nkqubo, kuquka neemfuno zokuze ube nakho ukufumana imbuyekezo, jonga i-kwi-Guidelines in Respect of the International Tourism Marketing Assistance Scheme.

Amashishini anomdla kufuneka afake izicelo kwiSebe leMicimbi Yendalo Engqongileyo Nokhenketho ukuze bazibhalise njengamaqela athatha inxaxheba kule nkqubo. Izicelo zobhaliso ziya kuvavanywa ekuqinisekiseni ukuba ziyavumelana nomgaqo omisiweyo, emva koko, aya kwaziswa ukuba izicelo zabo zamkelwe na okanye zokhatyiwe.

Iphetshana lesicelo sokubhaliswa lingafumaneka kwesi sikhundla soqhagamshelwano ngekhompyutha - Application for Registration to Participate in the International Tourism Marketing Assistance Scheme (ITMAS) - okanye uyicele kwiSebe Lemicimbi Yendalo Engqongileyo Nokhenketho nakwiSebe Lophuhliso Loqoqosho Mokhenketho eNtshona Koloni.

Amaphetshana ezicelo ezigcwalisiweyo kufuneka zibuyiselwe kule dilesi ilandelayo:
The Senior Administration Officer: ITMAS
Department of Environmental Affairs and Tourism
315 Pretorius Street, Fedsure Forum Building, South Tower, Pretoria
Private Bag X447, Pretoria, 0001
Inombolo yefowuni: 012 310 3427
Inombolo Yefeksi: 012 320 4740


Xa sele ushishino lwakho lwamkelwe kule nkqubo, kufuneka ugcwalise iphetshana elingqina oko kwesi sikhundla soqhagamshelwano ngekhompyutha - Application for Financial Assistance for the Production and Distribution of International Tourism Marketing Materials ukuze ufake ibango lokuncediswa ngenkxaso-mali.
Luxanduva lwakho ukufumana ukwamkelwa ngaphambi kokuzifaka kwiindleko ezinento yokwenza nale nkqubo. Amaphtshana ezicelo agcwalisiweyo kufuneka athunyelwe kule dilesi ingentla apha.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lemicimbi Yendalo Engqongileyo Nezotyelelo (The Government of South Africa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Guidelines in Respect of the International Tourism Marketing Assistance Scheme (ITMAS) (IiNkcukacha Zoluntu) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* ITMAS Financial Assistance for the Production and Distribution of International Tourism Marketing Materials Application Form (IFomu) (File type: pdf; size: 85 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Uncedo-mali lwe-ITMAS Olukhuthaza Ukuthatyathwa Kwenxaxheba Kumboniso Wentengiso Wezizwe Ngezizwe (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 5 uMeyi 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





