﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezolimo > Ukushishina Ngokufuya > Iinkonzo zonyango lwezilwanyana

Iinkonzo zonyango lwezilwanyana




INKCAZELO:

Icandelwana leeNkonzo zoNyango lweZilwanyana kwiSebe lezoLimo linikezela ngeenkonzo ezahlukeneyo kumamafama ekukho kuzo nezi zilandelayo:
* iinkonzo zempilo yezilwanyana
* iinkonzo zokuphawulwa kwemfuyo
* ukuqinisekisa ukuba kulandelwa imigangatho yezempilo efanelekileyo xa kuxhelwa izilwanyana
* ulawulo lweentengiso neentengo kwamanye amazwe .

IINKONZO ZEMPILO YEZILWANYANA

ICandelo loMlawuli weSizwe, kwiiNkonzo zoNyango lweZilwanyana lilo elinonoxanduva lokulawula izifo zezilwanyana nokunika iingxelo ngazo apha eMzantsi Afrika ngeenjongo zokuthintela ukusuleleka kwezinye izilwanyana nokuthintela abantu ekutyeni inyama enesifo.

Ulawulo lwezifo zezilwanyana:

ICandelo loMlawuli eli linoxanduva lokulawula izifo zezilwanyana ezinobungozi kakhulu. Ekwenzeni oku ke:
* Likhupha inkcazelo ngezi zifo lichaze nokuba zifanele ukuqwalaselwa njani na.
* Lilawula ukungena kwezilwanyana kwimida yeli lizwe ngeenjongo zokuthintela ukungena kwezifo eziza nezilwanyana ezivela kwamanye amazwe amelene neli.
* Lilawula ukungena nokuphuma kwezilwanyana kwezo ndawo nezo ngingqi ziphantsi kolawulo olusisigxina.
* Lixilonga liqinisekise usuleleko ngokwenza uvavanyo kwiiLaboratri zikaRhulumente.
* Liqhuba uxilongo lwasimahla lwezifo zezilwanyana ezithile (ezifana nomgada, iBrucellosis ne-BSE)
* Libeka isimiselo sokuba oogqirha bezilwanyana mabazichaze izifo umthetho ogunyazisa ukuba mazichazwe kweli iSebe.


Iingxelo:

ICandelo loMlawuli eli likwagcina novimba weenkcukacha zekhompuyutha wezipho nenkcazo ngesifo ngasinye. Likwakhupha, qho ngenyanga nangonyaka, ingxelo ngezifo zezilwanyana namanani emfuyo.

IINKONZO ZOKUPHAWULWA KWEMFUYO

Kukho nenkqubo yobhaliso esetyenziswayo yokugcina uluhlu lweempawu ezizodwa zabo bonke abanini bempahla. Apha eMzantsi Afrika kunyanzelekile ukuba impahla ibe neempawu ezisisigxina ezibhalisiweyo kwiCandelo loLawulo lweeNkonzo zoNyango lweZilwanyana.

Xa ubhalisa uphawu kufuneka ugcwalise ifomu yesicelo ze ke uyithumele kule dilesi inikezelwe ngezantsi apha :
The Registrar: Identification
Department of Agriculture
Private Bag X 138
Pretoria, 0001

Kukho imali yokubhalisa uphawu eyi-R100.00 onokuthi uyihlawule ngamaphephaukuhkawula aseposini xa ungenisa ifomu yakho yesicelo.

Xa ngaba ufuna inkcazelo malunga nokuba iimpawu zinokuba njani na, nokuba izilwanyana zifanele ukuphawulwa nini na, nceda ujonge uXwebhu lweNkcukacha ngoPhawulo lweZilwanyana lweSebe eli.

Iimpawu zezilwanyana zinakho ukuba zidluliselwe komnye umfuyi ngomnye ngokuthi kungeniswe ifomu yesicelo sokudluliselana ekufuneka ukuba nayo ithunyelwe kwakule dilesi inikezelwe ngentla apha.

Xa imfuyo ithengiswa kufuneka ukuba kuzaliswe ifomu yoxwebhu lweempawu.Umntu ongumthengi ke kufuneka ukuba le fomu ayigcine isithuba sonyaka njengobungqina bokuba ngenene imfuyo leyo wayithenga.

UKHUSELEKO LOKUTYA

ICandelo loMlawuli weSizwe, kwiiNkonzo zoNyango lweZilwanyana linoxanduva lokuqulunqa imigaqo-nkqubo nemigaqo ejoliswe ekuqinisekiseni ukuba kuhanjwa ngokwemigangatho yococeko efanelekileyo xa kuxhelwa impahla exhelelwa ukutyiwa, khona ukuze abantu bafumane inyama ekufaneleyo ukutyiwa ngabantu nazizilwanyana. Kananjalo likwaqulunqa nemigaqo yokuphathwa nokugcinwa kwakunye nokuhanjiswa kwaloo nyama nezinye ke izinto eziyimveliso evela ezilwanyaneni, phaya ezilarhipali naxa zithathwa ukusuka khona.

Iziphathamandla zephondo kwakunye nezoomasipala zizo ezinoxanduva lokusebenzisa le mithetho nale migaqo. Isikakhulu ke loo nto ziyenza ngokusebenzisa abahloli bezempilo. ICandelo eli liye laqulunqa incwadana yezikhokelo zabahloli benyama ejoliswe ekunikeni abahloli aba zonke iinkcukacha kwakunye nezikhokelo ezinokubanceda.

Enye yeendlela zokulawulwa kwezilarha zokuxhelelayinkqubo yovandlakanyo lococeko.

Kananjalo iSebe eli ligcina
uluhlu lwezilarha zokuxhelela/a>.
ULAWULO LWEENTENGISO NEENTENGO KWAMANYE AMAZWE

Luxanduva lweCandelo loMlawuli weSizwe, kwiiNkonzo zoNyango lweZilwanyana ukulawula iintengiso neentengo kwamanye amazwe.

Iintengo ezivela kwamanye amazwe:

Ukuba ngaba ufuna ukuthenga nayiphi na kwezi zinto zilandelayo kwamanye amazwe, kufuneka ukuba ufumane iphepha-mvume lokuthenga kumanye amazwe kwiSebe lezoLimo:
* Izilwanyana eziphilayo (ezinomqolo) - ngaphandle kwentlanzi
* Amadlozi ezilwanyana namankonyane asesesiswini
* Inyama - engaphandle kwentlanzi
* Ezinye nje iimveliso ezityiwayo ezivela ezilwanyaneni (umzekelo iimveliso zobisi, ukutya kwezilwanyana zasekhaya
* Iimveliso ezingatyiwayo ezivela ezilwanyaneni (umzekelo iimfele nezikhumba,uboya, nezinto eziziindebe kubazingeli)
* Iimveliso zendalo namayeza okugonya
* Iisampulu zokuhlolwa


Iintengiso kwamanye amazwe:
Phambi kokuba uthumele izilwanyana eziphilayo okanye iimveliso zezilwanyana kwelinye ilizwe, kufuneka ukuba uhambe ngokwemithetho nemiqathango yococeko yelo lizwe. Loo nto ke isenokubandakanya nokuba ufumane iSiqinisekiso seMpilo. Inkcazelo ngale miqathango nezi mfuneko iyafumaneka phaya kwiiNkonzo zoNyango lweZilwanyana.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lezolimo (The Government of South Africa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Inkonzo Yempilo Yezilwanyana Yephondo (IiNkonzo)
* Veterinary Laboratory Service (IiNkonzo) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Animal Housing and Handling (IiNkonzo) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 17 uMeyi 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





