






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ushishino & Noqoqosho > Uphuhliso Loqoqosho Lwabamnyama > Inkqubo Yophuhliso Lwababoneleli Kumashishini Amnyama

Inkqubo Yophuhliso Lwababoneleli Kumashishini Amnyama




INKCAZELO:

Inkqubo Yophuhliso Lwababoneleli Kumashishini Amnyama yeSebe Leentengiso Norhwebo yinkqubo engu-80:20 yokwabelana ngeendleko kumashishini aphantsi kwabanini abamnyama, ngenkxaso-mali efikelela kwi-R100,000. Le nkqubo ke ikwabonelela nangeenkonzo zophuhliso lwamashishini ngenjongo yokunceda iinkampani ziphucule izakhono zazo ze zisebenze ngcono.

Ukuze ibe nokufikelela, inkampani kufuneka -mpany must:

* Ibe kanti inezabelo ezingama-51% ubuncinci eziphantsi kwamalungu amnyama ze ibe nabaphathi abalinani elivisayo abamnyama.
* Ibe nengeniso engadlulanga kwi-R12 lezigidi zeerandi ngonyaka.
* Ibe ikhe yasebenza ubuncinci ixesha elingunyaka.
* Ibe iyayithobela yonke imimiselo elawula ukusebenza kwayo, umzekelo, kufuneka ibe kanti ibhalisile kwiCIPRO nakwiSARS.

Le nkqubo ke ijolise:
* Ekukhawuleziseni ukufaka amashishini asakhasayo, asaakhulayo nalawo sele ekhulile kundoqo woqoqosho lwesizwe.
* Ekuqinisekiseni ukuba ziyakheka iintsebenziswano phakathi kwamashishini asakhasayo, asakhulayo nasekhulile aphantsi kwabanini abamnyama kwanalawo makhulu abucala nawaseburhulumenteni.
* Ukuhlanganisa iindlela zokunikezela iithenda kubantu ababesakuhleleleka kwanamalinge okunikezela iinkonzo kumashishini abucala.
* Ekuncediseni elo shishini ukuba lizixhobise ngezakhono ngeenjongo zokukwazi ukungenela isicelo sethenda ngempumelelo kwanokufumana amathuba okwenza imisebenzi karhulumente.



IMIYALELO:

Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha:
Tsalela ke iZiko Lononophelo Lwamashishini le-dti kule nombolo 0861 843 384
Tyelela iwebsite ye-dti.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Leentengiso Norhwebo (The Government of South Africa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Iinkqubo Zokuncedana Namashishini Asakhasayo Afikelele Kwiinkxaso-mali Nolwazi Kumashishini (IiNkonzo)
* IiNkqubo zeNkxaso yokuXhobisa uQoqosho lwabaMnyama (IiNkonzo)
* Amaziko eRED Door Anikezela Ngeengcebiso Kumashishini Asakhasayo (iCandelo Likarhulumente)
* Small Business Development Agency (SEDA) Website (Qhagamshela) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 7 uAgasti 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





