






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezempilo > Izifo Ezingumvuka Wokwabelana Ngesondo > Izifo Ezingumvuka Wokwabelana Ngesondo

Izifo Ezingumvuka Wokwabelana Ngesondo




INKCAZELO:

Ukosuleleka okuvela kwizifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo ngendlela engakhuselekanga kwenzeka ngokulalana kwabantu ngendlela engakhuselekanga. Olu suleleko ludala izifo ezidluliswa ngokwabelana ngesondo, eziqhelekileyo, ezinokudala ubuhlungu, nezinokubangela ubudlolo kwakunye nokufa ukuba azifumananga kunyangwa. Ezinye eziqhelekileyo zezizifo zezi: ukuvuza ngaphantsi, itrichomoniasisi, usuleleko lwechlamydial kunye negcushuwa. Iintsumpa ezikumalungu okuzala zibangelwa yihuman papillomavirus yaye ezinye ke iintlobo zeHPV zingonobangela womhlaza eba kwimilomo yesizalo.

Okubalulekileyo: Akukwazi kumbona umntu ukuba unesifo esingumvuka wokwabelana ngesondo ngokumjonga nje; abantu abanezi zifo, kuquka nabo banentsholongwane kaGawulayo, amaxesha amaninzi abajongeki njengabantu abagulayo. Kungamthatha ukusukela kwiminyaka ukuya kwelishumi umntu ophila nentsholongwane kaGawulayo ukuba abonakalise iimpawu zoku.


* Unyango lwezifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo
* Inkqubo Yoogqirha Yokujongana Nezifo Ezingumvuka Wokwabelana Ngesondo



UNYANGO LWEZIFO EZINGUMVUKA WOKWABELANA NGESONDO


Uninzi lwezifo ezifunyanwa ngokusuleleka kusabelwana ngesondo zinakho ukugonywa yaye ziyanyangeka. Nangona kunjalo, ugawulayo oyi-Acquired Immune-Deficiency Syndrome kwakunye nentsholongwane ezuzeke ngokwabelana ngesondo iHuman Immuno-Deficiency Virus - ebangela iAids ayinakunyangeka. Intshlongwane kaGawulayo le yosulela ngokuhlangana xa nisabelana ngesondo, ngegazi, kwanasemntwaneni oyifumene kunina ngexesha enzima, ekuzaleni, nasekuncanciseni ibele. Noxa nje ugawulayo enganyangeki, iziphumo zakhe zinakho ukuthintelwa kangangexeshana elivisayo.



Kubalulekile ukukhumbula ukuba ezinye zezi zifo zosulelayo ezinje ngegcushuwa kunye namaqhakuva apha kusisi kwandisa amathuba omntu okuba afumane ugawulayo okanye okumsasazela kwabanye. Esi sisizathu esilungileyo sokuba abantu abanezi zifo bakhawuleze bafumane unyango ukuba kunokwenzeka, bavavanyelwe ugawulayo baze bacetyiswe. Oku kungenziwa kwiiklinikhi zogonyo zokuqala kwakunye nakumaziko.



INKQUBO YOOGQIRHA YOKUJONGANA NEZIFO EZINGUMVUKA WOKWABELANA NGESONDO
iCandelo Lolawulo elijongene nezinto ezidibene nentsholongwane kaGawulayo/noGawulayo sele liqalise inkqubo esakhasayo yezifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo ngendlela engakhuselekanga kunye noogqirha abambalwa apha kweli Phondo. Inkqubo yenza ingcebiso, ukuqonda isifo ngokuxilonga kwakunye nonyango lwezi zifo ziza ngokusuleleka ngokwabelana ngesondo ezikhoyo ngendlela engenye kwiindawo zonyango lwempilo zokuqala. Ugqirha uya kuxilonga aze anyange isifo sesifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo ngendlela engakhuselekanga ukuba kuyimfuneko. Umxhamli kuya kufuneka ahlawule intlawulo yokubonana nogqirha kodwa amayeza wona aya kunikezelwa simahla. Buzisa kwindawo yonyango lwempilo yokuqala esekuhlaleni kwakho. Apho unokuqhagamshelana khona nomnye woogqirha.


IMIYALELO:

Zonke iiklinikhi zempilo zonyango zokuqala okanye amaziko zinakho ukuxilonga zinyange amaxhoba ezifo ezingumvuka wokwabelana ngesondo. Ukuba kuyimfuneko, abantu basengafuna ukudluliselwa kwizibhedlele zomgangatho wesibini nowesithathu ukuze bafumane uvavanyo oluthe xhaxhe kwakunye nogonyo. Abantu abatyelela okokuqala eklinikhi, izibhedlele zomgangatho wesibini nowesithathu zingacela ukuba bazalise ifomu kwaye noxwebhu luya kuvulelwa umguli lowo. Zisa incwadi yakho yesazisi. Incwadi yokudluliselwa isengabizwa xa utyelela isibhedlele. Izibhedlele zingacela amaphepha akho omrholo wakutsha nje/uphononongo lomvuzo (IRP5). Yiza nekhadi lakho lasesibhedlele ukuba ubusele ubhalisiwe esibhedlele.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Ukuziyela Kuvavanyo ze Ufumane Neengcebiso (IiNkonzo)
* Key Points about HIV/AIDS (IiNkcukacha Zoluntu) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela okanye ngesiBhulu)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 13 uFebruwari 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





