






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezempilo > UBhubhane Wesigulo > Inkqubo yoNyango Mehlo/uThintelo lobuMfama

Inkqubo yoNyango Mehlo/uThintelo lobuMfama




INKCAZELO:

Le nkonzo ijolise ekuthinteleni iimeko zamehlo eziya kukhokelela kubumfama, yaye nokunyanga abantu abanengxaki nokubona kwabo.

Uxilongo lwamehlo, eliqukanisa nokusebenzisa iitshathi zamehlo, ziyafumaneka kwiiKlinikhi zokuQala zoGonyo lweMpilo (kumgangatho wePHC, zinceda ukukhangela iingxaki zokunganyangeki ezinje ngokubona izinto ezikufutshane kuphela, ukubona kude kuphela, ukubona jijekileyo kwakunye "namehlo agugayo". Emva kobudala obungama-40 eminyaka, inwebu yamehlo (isilanga) iyaqina yaye yenze kube nzima kwabanye abantu ukufunda besondele.

Abongikazi bezikolo kwakunye nabongikazi baseziklinikhi zogonyo lokuqala lwempilo banakho ukudlulisela abantwana ukuba bayokuxilongwa amehlo kwiiklinikhi zesikolo.

Ukuba ufuna iiglasi zamehlo, igama lakho liya kufakwa kuluhlu lwabalindileyo ukusukela kwinyanga enye ukuya kwezili- 18. Umongikazi wasendaweni yokuqala yonyango (The PHC nurse) uya kwenza ubhukisho lwakho lokba udibane noGqirha wamehlo omana etyelela iklinikhi ngamaxesha amathile. Iiglasi zamehlo ezisimahla kwakunye nezinye izinto ezisetyenziswayo zokunceda zisele zikhona yaye ziza kuphunyezwa kungekudala.

Iingxangxasi zamehlo okanye umlanga, ukukhukhumala okubonakala kuwile/ukuba luzizi wesilanga, zizinto ezo ezikhokelela kubumfama. Ziyanyangeka yaye ziyakwazi ukuchongeka ngokulula kwiiklinikhi zonyango-mpilo zokuqala kwakunye nakumaziko, nnakwabo Bantu banyangela emakhaya ngoba ziyabonakala ngokuthe gca. Uqhaqho lokususa umlanga lwenziwa kwizibhedlele zomgangatho wesibini. Kukho uluhlu lwabalindileyo. Abantu abaneswekile kufuneka balufumane ukhangelo lwamehlo kanye ngonyaka ukukhangela ukwakheka komlanga emehlweni abo. Kungakhona nomahluko kwinwebu ephakathi elisweni, enokukhokelela ebumfameni. Kule meko umxhamli kufuneka ukuba adluliselwe kwisibhedlele somgangatho wesibini, apho aya kufumana khona unyango ekuthiwa yi 'laser therapy'.

Uthintelo kwasekuqaleni luqukanisa imfundo ngezempilo, ugonyo lwemasisi ebantwaneni, iinkonzo zoomama nezempilo, nenkuthazo yokhuseleko. Uthintelo loloyiko lokonakala kwenwebu yamehlo eyenziwa kukungondleki kakuhle, usuleleko kunye nomenzakalo/ukwenzakala kubalulekile. Ukungafumaneki kakuhle kukavithamini A yeyona ndoqo edala ubumfama ebantwaneni.

Isifo samehlo esingapheliyo nesinokubangela ukungaboni (Chronic glaucoma) yenye yezinto zesibini ezinobangela ubumfama eMzantsi Afrika. Abongikazi abaxilonga amehlo kwakunye noogqirha bamehlo bayabaxilonga abaxhasi babo ezibhedlele (ezikwingingqi okanye ezikumgangatho wesibini). Ukuba unyango ngokutyanda luyadingeka, isigulana siya kudluliselwa kwisibhedlele somgangatho wesithathu.
Olunye unxibelelwano olubalulekileyo:

* Bureau for the prevention of Blindness, ifoni ithi 012 452 3811 okanye bhalela kwa PO Box 11149, eHatfield, 0028 ePitoli
* SA Optometric Association, ifoni ithi 011 805 4517 okanye email pro@saoa.co.za



IMIYALELO:

Uxilongo lwamehlo olukudidi olusezantsi luyafumaneka kuzo zonke iiklinikhi zePHC kwakunye nakumaziko. Ukuba kuyafuneka, abaxhasi baya kuthunyelwa kwizibhedlele ezikumgangatho wesibini nowesithathu ukuze baxilongwe baze banyangwe ngokuthe xhaxhe.Abatyeleli bokuqala kwiklinikhi okanye kwisibhedlele somgangatho wesibini/nowesithathu baya kucelwa ukuba bagcwalise ifomu yaye uxwebhu lweenkcukacha luya kuvulelwa umguli lowo. Zisa incwadi yakho yesazisi. Incwadi yokuthunyelwa evela eklinikhi iya kufunwa xa utyelele isibhedlele. Izibhedlele ziya kukubuza nangamaphepha abonisa umvuzo wakho wakutsha nje/uphononongo lomvuzo (IRP5). Yiza nekhadi lakho lasesibhedlele ukuba wawusele ubhalisiwe esibhedlele.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)


IXABISO:

Kusimahla kumgangatho weeklinikhi zonyango zokuqala (PHC). Ukuba udluliselwe esibhedlele ikhona indleko ekhoyo. Ixabiso liya kuxhomekeka ekubeni wamkela malini na kwaye bangaphi na abantu abaxhomekeke kuwe, ngokuphathelele kwisikali sokuxabisa sasesib.




This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* National Guideline on the Prevention of Blindness in South Africa (Izikhokelo/Incwadi yezikhokelo/Imiyalelo) (File type: pdf; size: 139 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 8 uMatshi 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





