Impilo nokhuseleko lomsebenzi kumashishini amancinane
Ingantoni impilo nokhuseleko lwabantu emsebenzini?
Ingokhuseleko lokuba abantu bangenzakali okanye bagule ngokuthabatha amanyathelo nokuqinisekisa ukulunga kweendawo ekusetyenzelwa kuzo.
Impilo nokhuseleko lwabantu luqinisekiswa njani?
Kukho imithetho ebekiweyo eqinisekisa ukhuseleko lwethu nolwabanye abantu kwiingozi. Umthetho ubekiwe wokukhusela abantu kwiingozi kwezo ndawo basebenza kuzo.
Ingaba le mithetho yempilo nokhuseleko iyasebenza kumashishini amancinane?
Ewe, imithetho yempilo nokhuseleko iyasebenza kuwo onke amashishini nokuba sele emancinane kangakanani na. Ide isebenze nakubantu abaziqeshe ngokwabo.
Ngowuphi umthetho osebenzayo?
NguMthetho weMpilo noKhuseleko emsebenzini onguNombolo 85 ka1993.
Ngubani onoxanduva lokuqulunqa nokunyanzelisa imithetho yempilo nokhuseleko?
ISebe leMisebenzi lilo elinoxanduva lokuqulunqa imithetho yempilo nokhuseleko eMzantsi Afrika. ISebe leMisebenzi liqesha abahloli ukunyanzelisa imithetho yempilo nokhuseleko.
Benza ntoni aba bahloli?
Batyelela iindawo ekusetyenzelwa kuzo ukuya kukhangela ukuba imithetho iyathotyelwa. Baphanda izehlo nezikhalazo. Banceda abantu ukuqonda ekufanele bakwenze. Banyanzela ukuthotyelwa kwemithetho apho yaphulwa khona. 
Kwenziwa ntoni xa kukho owenzakele emsebenzini?
Umqeshi okanye lowo uziqeshe ngokwakhe ufanele azixele izehlo kwiSebe leMisebenzi. Ezi zehlo kufanele zixelwe ngoko nangoko ingakumbi xa zinobungozi okanye zixelwe zingaphelanga iintsuku ezisixhenxe.
Ingaba impilo nokhuseleko iphantsi kolawulo kwindawo osebenza kuyo?
Ukuze kuthatyathwe amanyathelo okulawula umngcipheko kwindawo ekusetyenzelwa kuyo kufuneka kuhlolwe kuqala inqanaba lomngcipheko ukuze kuzuzwe ulwazi ngemingcipheko engalindeleka kulo ndawo. Emva koku kungathatyathwa amanyathelo okulawula imingcipheko leyo.
Yintoni uhlolo lomngcipheko?
Kukuhlolisiswa ngenyameko indawo ekusetyenzelwa kuyo ukubona okunganobungozi kubomi babantu.
Yeyiphi imincipheko okanye ukwenzakala okungenzeka emsebenzini?
Mininzi imingcipheko engafumaneka emsebenzini. Le yeminye imizekelo yayo:
Ukutyibilika okanye ukukhubeka. Lo ngoyena nobangela uphambili wokwenzakala kwabantu kuzo zonke iindidi zemisebenzi
Iikhemikhali
Ukuwa usuka kwindawo ephezulu umz. ukuwa elelini
Ukubulaleka, ukukruneka nokuva iintlungu ngenxa yokuphatha imithwalo enzima ngezandla okanye ukuyixhasa ngomzimba
Ingxolo
Ungcangcazelo olubangwa zizixhobo zokusebenza ingakumbi ezezandla
Umbane osetyenziswayo
Imililo
Umqeshi okanye oziqeshe ngokwakhe ufanele aqinisekise ukuba akukho mntu wenzakalayo okanye ochaphazelekayo ngenxa yokwenzeka emsebenzini. Abasebenzi nabo bafanele ukuqinisekisa ukuba akukho mntu wenzakala ngenxa yokungaqapheli okanye ukungasebenzisani kwabo nomqeshi. 
