






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezempilo > Ezokubeleka > Uvavanyo Lomhlaza Wesizalo

Uvavanyo Lomhlaza Wesizalo




INKCAZELO:

Umhlaza womlomo wesizalo nowamabele zezona ntlobo zimbini ziqhelekileyo zomhlaza ezifumaneka kubafazi boMzantsi Afrika yaye bonkomama basemngciphekweni wokuhlunyelwa zezi ntlobo zomhlaza.

Umhlaza womlomo wesizalo lolunye uhlobo lomhlaza olunakho ukuthinteleka kakhulu. Bonke omama kufuneka bafumane ukuhlolwa kwesibeleko (a pap smear) kanye kwiminyaka elishumi ukususela kubudala beminyaka engama- 30. Oku kuthetha ukuthi mayela neminyaka engama- 30, 40 kunye nama- 50 obudala.

Inkqubo yokuvavanya ijolise ekufumaneni nasekunyangeni iimpawu ezisaqalayo zomhlaza kumlomo wesizalo, eqhelwe ukubizwa njengo mlomo wesizalo. Uvavanyo luqukanisa ukuhlolwa kwesibeleko (or cervical smear), neyeyona ndlela ilula nekhawulezayo yokuvavanya ilungu langaphantsi loomama ukukhangela ukuba umlomo wesizalo uphilile na. Ezinye iiseli zomzimba ziyakhukuliseka ngokuthambileyo zimke kumlomo wesizalo yaye zithathwe zisiwe kumagumbi ovavanyo ziyokuxilongwa.

Ukuqapheliseka kokuqala kweeseli ezingaqhelekanga kuthetha ukuthi uphando oluthe xhaxhe lunakho ukwenziwa yaye nonyango lunakho ukunikezelwa ukuba kuyafuneka, ukuze kunqandwe ukuhambela phambili komhlaza.

Ngamanye amaxesha, iziphumo azicaci yaye kufuneke ukuba kuphindwe kuqatywe isidudu. Abafazi abasele belwenzile uvavanyo kufuneka baphindele eklinikhi baye kukhangela iziphumo zabo zovavanyo.

Khumbula, umxhamli unalo ilungelo lokucela inkcazelo yenkqubo kwangaphambi kwexesha.
Umhlaza womlomo wesizalo unakho ukuthintelwa ngokucezela ekubeni ube namaqabane amaninzi, ukusebenzisa iidyasi ukuthintela ukunwenwa kwentsholongwane yoluntu ekuthiwa yi human papillomavirus (eyayanyaniswa nomhlaza womlomo wesizalo) ukumisa ukwabelana ngesondo ude ube mdala, kwakunye nokungatshayi mdiza.


IMIYALELO:

Hamba uye kwiklinikhi yakho yezonyango yasekuhlaleni. U kuba iziphumo zokuhlolwa kwesibeleko aziqhelekanga, kuya kufuneka ubhukishwe yaye incwadi yokudluliselwa phambili ifumaneke ukuze kubekho olunye uvavanyo kwakunye nonyango kwelinye iziko lonyango okanye isibhedlele somgangatho wesibini nowesithathu. Umxhamli kuya kufuneka abuyiselwe kwakhona kwiklinikhi ukuze ahambele khona kwizihlandlo ezilandelayo.Ukuba ungumhambeli weli ziko lempilo okokuqala, uya kucelwa ukuba ugcwalise ifomu yaye uxwebhu oluneenkcukacha zakho luya kuvulwa. Zisa incwadi yakho yesazisi, incwadi yokudluliswa (ukuba kuyanyanzeleka), naluphi na uhlobo lwamayeza owasebenzisayo kwakunye nekhadi leklinikhi/isibhedlele, ukuba ubusele ubhalisiwe khona.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)


IXABISO:

Umntu obhinqileyo unakho ukufumana uvavanyo lwesibeleko olusimahla kude kube zizihlandlo ezithathu ebomini bakhe, kube kanye kwiminyaka elishumi eqale kwiminyaka engama-30 ubudala bakhe.




This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Iphetshana Lenkcazelo Ngomhlaza Wesibeleko Kubasebenzi Becandelo Lezempilo (IiNkcukacha Zoluntu)
* National Guideline for Cervical Cancer Screening Programme (Izikhokelo/Incwadi yezikhokelo/Imiyalelo) (File type: pdf; size: 177 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Provincial Cervical Screening Policy (Umgaqo-nkqubo) (File type: pdf; size: 71 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 10 uOktobha 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





