Impilo nokhuseleko lomsebenzi ezikolweni, ezikholejini nakwiiyunivesithi
Intshayelelo
Indawo ekusetyenzelwa kuyo iyayichaphazela kakhulu impilo yabantu. Ukunganonotshelwa kwempilo nokhuseleko lwabantu kwiindawo abasebenza kuzo kungakhokelela kwizigulo, ukwenzakala nokufa.
Izikolo, iikholeji neeyunivesithi zifanele ukuba zibe ziindawo zokusebenzela ezinempilo ukuze abasebenzi basebenze ngokuzinikela. Oku kungenzeka xa kuqatshelwe impilo nokhuseleko lwabantu kwezo ndawo basebenza kuzo.
Ukwenza unakonako wokukhusela abantu kwizigulo ezibangwa ngumsebenzi, ukungaphangeli ngenxa yobunkenenkene bempilo, nokufuneka kunikwe abantu ithuba lokuchacha nokubuyela empilweni emva kokugula kungalulutho kubaqeshi nakubasebenzi.
Ukuze kufumaneke oku kufuneka kuqinisekiswe ukuba iindawo ekusetyenzelwa kuzo zinempilo nokhuseleko. 
Yeyiphi imithetho esebenzayo?
Ngumthetho wempilo nokhuseleko emsebenzini ka1993.
Kutheni kukho ulawulo lwempilo nokhuseleko?
Ngenxa yokubaluleka kwempilo nokhuseleko emsebenzini, kukho imithetho enyanzelisa wonke umntu ukuba angabeki ubomi bakhe okanye obabanye abantu engozini. Le mithetho ikhusela abantu kwiingozi ezingehla kwezo ndawo basebenza kuzo.
Ingaba imithetho yempilo nokhuseleko iyandichaphazela?
Ewe, ichaphazela zonke izikolo, iikholeji neeyunivesithi.
Inyanzeliswa ngubani le mithetho yempilo nokhuseleko?
Inyanzeliswa ngabahloli beSebe lemiSebenzi.
Bayinyanzelisa njani abahloli le mithetho?
Abahloli batyelela zonke iindawo ekusetyenzelwa kuzo ukuya kuqonda ukuba abantu bayayithobela imithetho ebekiweyo. Baphanda iingozi nezikhalazo baze bancede abaqeshi nabasebenzi ngokuqonda ekufuneka bakwenze.
Ingaba izikolo, iikholeji neeyunivesithi kulindeleke ukuba zibe nabameli neekomiti zempilo nokhuseleko?
Apho kuqeshwe abasebenzi abangaphezu kwama20, kufuneka kukho ummeli wempilo nokhuseleko. Kulindeleke ummeli omnye kwikhulu ngalinye labantu. Kusakumiselwa abameli abangaphezulu kwisinye kufuneka kusekwe ikomiti yempilo nokhuseleko
Ingaba kufuneka zixelwe izehlo?
Ezinye zezehlo ezenzeka ezikolweni, kwiikholeji neeyunivesithi okanye ezenzeka ngaphandle kodwa zinxulumene nokufunda kunyanzelekile ukuba zixelwe kuMphathi Olawulayo wePhondo. Khangela uludwe lweenombolo ongazitsalela.
Ungazifumana iinkcukacha zezehlo ekufuneka zixelwe kwicandelo lama24 nelama25 womthetho wempilo nokhuseleko kwiindawo zomsenenzi. Iziganeko ezifana nokuphathana gadalala zona azixelwa kuMphathi Olawulayo wePhondo.
Luhlobo luni lwezinto ezinobungozi ezingafumaneka kwizikolo, iikholeji neeyunivesithi?
Iindidi zobungozi zingaquka oku kulandelayo:
Imigangatho okanye iindawo ekuhanjwa kuzo ezityibilikisayo
Izinto ezikhubekisayo
Iifestile ezophukileyo
Izibane neesilingi eziwayo
Iindawo ezingakhuselekanga zokudlala
Imifuniselo yeekhemikhali engekho phantsi kolawulo
Izinikezeli zombane ezivele ngaphandle
Izinyuko ezonakeleyo okanye ezophukileyo
Oomatshini abahambayo abafana nabo bokucheba ingca
Ikhabhathi ezivulekileyo
Iisokethi  zombane ezithwele ngaphezu kwemfuneko
Indlela yokususa izinto ezisindayo
Ukungabikho kokhanyiso xa kukho ingxaki
Iiheke ezitshebelezayo ezingakhuselekanga
Izitulo ezophukileyo
Ukuba kwiindawo enezinto ezenziwe ngeasbestos.
Yintoni ekufanele ukuba ndiyenze ngobu bungozi?
Xa ubona izinto ezinobungozi kufuneka uzisuse okanye unciphise ubungozi obo. Ukuba awukwazi ukubususa kufuneka uthabathe amanyathelo aya kuqinisekisa ukhuseleko lwabantu kubungozi obo.
Uncedo oluvela kubahloli
Ungabatsalela umnxeba abahloli kwiiofisi zeSebe leMisebenzi:
