






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezempilo > Uncedo Lokubuyisela Kwisimo Sesiqhelo > Iinkonzo Zokunyangela Ukubuyela Kwimo Yesiqhelo

Iinkonzo Zokunyangela Ukubuyela Kwimo Yesiqhelo




INKCAZELO:

Abantu abakhulu nabantwana abakhubazeke ngokomzimba, bangancediswa ukuba bahlale bekwimo yomzimba, yovakalelo, yobukrelekrele, yengqondo nezentlalo entle nesemgangathweni.

Ezi nkonzo zonyango zijoliswe kubantu abathwaxwa zizigulo ezidinga uncedo kuqhaqho, emva kwentlungu, iintungu zamathambo kwakunye nezinye izigulo. Ezi zigulo ziquka, umzekelo ukutsha, ukonzakala entloko, ukuxhozula, iintlungu, ukonzakala esandleni, ukusikwa ilungu lomzimba, ezokuphefumla, ezesifuba nezinye nje izigulo.

Le nkonzo ibaluleke kakhulu koko ayinabanga kangako ngenxa yokunqongophala kwezinto eziluncedo. Uninzi lweenkonzo zoluntu zifumaneka ezibhedlele nakwizikolo zabaneengxaki ezizodwa, zimbalwa kakhulu iinkonzo ezifumaneka ekuhlaleni. Uninzi lwezi nkonzo lufumaneka kwiindawo zasezidolophini kwaye ngabasebenzi beenkqubo zokubuyisela kwimo yesiqhelo abangaphantsi kwe-19% abasebenza kwiindawo ezisemaphandleni ngaphandle kwemida yeNqila yeKapa.

Iinkonzo Ezifumanekayo:
* Iinkonzo Zonyango Zenqanaba Lokuqala Nezijoliswe Ezantsi
* Iinkonzo Zonyango Zenqanaba Lesibini
* Iinkonzo Zonyango Zenqanaba Lesithathu
* Unyango Noncedo Lweengcali Nezifundiswa



IINKONZO ZONYANGO ZENQANABA LESITHATHU


Iinkonzo zonyangoZenqanaba Lokuqala zifumaneka kuphela kumaziko athile asekuhlaleni nezibhedlele zezithili. Ukuba ufuna ezinye iinkcukacha ngeenkonzo ezifumanekayo tsalela umnxeba abaphathi bemimandla bezonyango kwezi nombolo zeminxeba zilandelayo:
* KwiSixeko: 021 918 1286
* UMzantsi Kapa/Karoo Lian Drotsky 044 874 2172
* IBholani/Overberg: Handri Liebenberg 023 348 1405
* I-West Coast Winelands: Bronwynn Weilbach 022 487 9268


Kodwa zonke iikliniki ziyawuqhuba umsebenzi wokuhlola iintsana nabasaqingqayo. Xa kuthe kwakrokrelwa ukuba umntwana unokhubazeko lwengqondo okanye lomzimba umntwana lowo uya kuthunyelwa kwikliniki eyodwa kwinqanaba lesibini nenqanaba lesithathu. Kwangaxeshanye umntwana lowo uya kuthunyelwa kwingcisa lezokubuyisela kwimo yesiqhelo umz. ingcali yezomzimba, okanye ingcali yezomsebenzi kwinqanaba lokuqala lonyango ukuba lukhona. Ukongeza kwinkqubo yokuhlola okulandelwa kukuthunyelwa kwelinye iziko, ukubuyiselwa kwimo yesiqhelo kulo mgangatho ikakhulu kugxininisa ekulawulweni kwezifo ezinzima, ukuhambela amakhaya, ukuqeqeshwa kweentsapho nabancedisi bezigulane, ukuvavanyela ukufunyaniswa izibonelelo zokukhubazeka nokubonisana nee-NGOs, amaqela enkxaso, izikolo neekritshi.


IINKONZO ZONYANGO ZENQANABA LESIBINI


Iinkonzo zenqanaba lesibini zokubuyiselwa kwimo yesiqhelo zenzelwe abantu abakhubazeke nje okwethutyana/abakhubazeke phantse isigxina kwaye kubonelelwa ngazo kwizibhedlele zeenqila nezithili. ICandelo leeNgxaki zoMqolo (unyango lweengxaki ezinzima) kweli leNtshona Koloni lisusiwe kwisiBhedlele i-Conradie e-Pinelands kwiSixeko saseKapa laya kuvulwa kwisiBhedlele i-Groote Schuur.

Ukubuyiselwa kwimo yesiqhelo kwabantu abakhe bahlaselwa kukufa kwamalungu athile omzimba, abanqanyulwe amalungu athile nabathe babaneengxaki zokonzakala emqolo kusafumaneka phaya kwiziko i-Metropole Rehabilitation Centre nekungoku liphaya kwisiBhedlele i-Conradie nakwisiBhedlele i-Karl Bremer. Kwenziwa izicwangciso zokuba elo ziko lisuswe kwezo zibhedlele lithuthelwe kwisiBhedlele i-Lentegeur phaya kuNovemba 2003.

IsiBhedlele i-Booth esikwiSixeko saseKapa sona sibonelela abantu abakhulileyo ngeenkonzo zokubuyiselwa kwimo yesiqhelo ngeli xesha zona iinkonzo zokunceda abantwana zona zifumaneka e-Sara Fox nase-Maitland Cottage, maziko lawo nawo akwiSixeko saseKapa. Abantu bangathunyelwa nakumaziko enqanaba lesithathu xa kukho imfuneko yoko.


IINKONZO ZONYANGO ZENQANABA LESITHATHU


IiNkonzo zeNqanaba leSithathu zokuBuyisela kwiMo yeSiqhelo zona kubonelelwa ngazo kwisiBhedlele i-Tygerber, esase-Groote Schuur nakwisibhedlele sabantwana i-Red Cross Children's Hospital kanti nakwizibhedlele zabagula ngengqondo (Stikland, Lentegeur, Valkenberg ne-Alexandra Hospital), zibhedlele ezo zikwiSixeko saseKapa.

Amacandelo ajongana nokunyanga abaguliswa ziingxaki zomsebenzi (occupational therapy), macandelo lawo ase-Tygerberg, e-Groote Schuur, e-Stikland nakwisibhedlele sase-Lentegeur abonelela ngenkonzo yokubuyiselwa kwimo yesiqhelo enxulumene nezomsebenzi. Oku ikakhulu kubandakanya ukuvavanyelwa ukuqhuba umsebenzi, vavanyo olo luzama ukufumanisa ukulungela kwabo bavavanywayo ukubuyela emsebenzini emva kokonzakala okanye kokugula. Ukuba bakulungele oko baye babe yinxalenye yabathabatha inxaxheba kwinkqubo yesibhedlele yokubalungiselela ukulungela izakhono eziphambili zokuqhuba umsebenzi. Ukuba abakakulungeli oko, abasebenzi bangacebisa ukuba basetyenziswe kwindawo yengqesho ekhuselweyo, ndawo leyo iphantsi kweSebe lePhondo leeNkonzo zeNtlalo yoLuntu neSebe leSizwe lezeMicimbi yaBasebenzi.

Azingako noko iinkonzo ezikhoyo zokunceda izigulane ezifuna ukunyangelwa iingxaki zonyango, ezangemva koqhaqho, ezangemva kokonzakala kakhulu, ezimalunga nezivamvo, ezamathambo, ezezihlunu namathambo nezinye izigulo. Ezo zigulo zibandakanya, umzekelo, ukutsha, ukonzakala entloko, ukufa kwamalungu athile omzimba, ukunqanyulwa kwamalungu athile omzimba, iingxaki zokuphefumla, ezentliziyo nezinye iingxaki.


UNYANGO LWEENGCALI NEZIFUNDISWA


Uncedo lonyango lweengcali nezifundiswa lujongene nokubuyiselwa kwezigulane kwimo yesiqhelo, zigulane ezo zilaliswe ezibhedlele kulo lonke eleNtshona Koloni, kwi-Metropole Rehabilitation Centre nenamaziko akwisibhedlele sase-Conradie (Pinelands) nase-Karl Bremer (eBellville) kwiSixeko saseKapa.

Le nkonzo ibandakanya inkonzo yokubuyisela kwimo yesiqhelo eqhutyelwa ekhaya kwabo bantu bakhulu abakhubazeke ngokomzimba. Ikho ikliniki yabagulela ngaphandle yokuqhuba zonke iinkqubo zokuvavanywa kwezigulane zivavanyelwa iimfuno zokubuyiselwa kwimo yesiqhelo, ukuphinda ekliniki nokuvavanyelwa ukulungela izibonelelo zabakhubazekileyo. Igqiza eliphuma kumaziko ase-Karl Bremer libonelela ngovavanyo lokuhlangabezana neengxaki zabagulayo, vavanyo olo luqhutyelwa kwiikliniki ezisekuhlaleni kwaye lincedisa abaneengxaki ekufumaneneni izixhobo zokubancedisa kwiingxaki zabo, zixhobo ezo zifana nezitulo ezinamavili okuhamba. Eli gqiza likwanceda abasebenzi beenkqubo zokubuyisela kwimo yesiqhelo abakweminye imimandla ngokubafumanisa amava oqeqesho oluqhutyelwa emsebenzini.

Indlela yokufumana le nkonzo: Abantu abakhubazeke ngokomzimba nabakhubazeke ngokwengqondo kufuneka baqale bazame ukufumanisa ukuba ikho kusini na inkonzo yonyango ekhoyo kwinqanaba lokuqala leenkonzo zonyango. Baya kuthunyelwa kwamanye amanqanaba angaphezulu ukuba kukho imfuneko yoko.
Abaqalayo ukuya kwikliniki okanye kwisibhedlele senqanaba lesibini okanye kwisibhedlele senqanaba lesithathu baya kucelwa ukuba bagcwalise ifom baze bavulelwe ifayili. Yiza nencwadi-sazisi yakho. Xa usiya esibhedlele kuya kufuneka ukuba uze nencwadi ephuma kwikliniki ekuthumela apho esibhedlele. Isibhedlele siya kucela ukuba usinike isilipu sakho somvuzo wokugqibela/incwadana yorhafiso echaza ingeniso yakho (IRP5). Yiza nekhadi lakho lasesibhedlele ukuba wakha wabhaliswa kwisibhedlele eso.


IMIYALELO:

Iinkonzo zifumaneka simahla kumaziko onyango enqanaba lokuqala.Njengoko uMphathiswa wezeMpilo, uManto Tshabalala-Msimang, wathi wavakalisa ukusungulwa kwenkqubo yokunceda abantu abakhubazekileyo simahla ukususela ngomhla wokuqala kwinyanga yeKhala ngo-2003, le nkonzo ifanele ukufumaneka simahla. Le nto ibandakanya izigulane zangaphandle nezilaliswe esibhedlele, kwaye ibandakanya iindlela zokunceda abakhubazekileyo ngezinto ezifana nezitulo ezinamavili nezixhobo zokuva. Loo nkonzo yasimahla kufanele ibandakanye abantu abakhubazeke isigxina, kukhubazeka oko okubensiphumo sokuba kube nzima kubo ukuphila ubomi besiqhelo, abantu abakhulileyo abathatyathwa njengebagula kakhulu kunye nezigulane ezigcinwe ixesha elide kwizibhedlele zabagula ngengqondo. Iindlela yokuvavanya le nkqubo neyona ndlela ezakusetyenziswa ngayo zisaphandwa.


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* Iiklinikhi
* Izikolo Zabafundi Abanezidingo Ezizodwa


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Amacebo Okunceda Izigulane (IiNkonzo)
* Iinkonzo Zokuva Nokuthetha (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 10 uNovemba 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





