






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezempilo > Izibuko & Nezendalo > Impilo Kumazibuko

Impilo Kumazibuko




INKCAZELO:

Iinkonzo zempilo kumazibuko zihlola zivavanye zonke iintlobo zokutya, izinto zokuthambisa umziba, izibulali-ntsholongwane, amachiza anobuzaza kunye namayeza angena kweleNtshona Koloni ngezikhululo zeenqwelo-moya namazibuko kananjalo zilawula zihlole ukungena kwezifo ezosulelayo ezinokungena kwiNtshona Koloni nakuMzantsi Afrika uphela. Ezo zifo zosulelayo ziquka icesina, izifo ezingububhane, ikholera kunye nesifo esihlasela ngokungenalusini imiphunga esaziwa ngokuba yi-SARS.

AbezeMpilo yeNdalo Engqongileyo yeZikhululo zeeNqwelo-moya naMazibuko nabezeMpilo ngabo abajongene namazibuko amathathu (elaseKapa, elaseMossel Bay nelaseSaldanha Bay) kunye nezikhululo ezimbini zeenqwelo-moya (I-Cape Town International nesase-George esanikwa iwonga lokuba sisikhululo sezizwe ngezizwe okwethutyana).

Ulawulo lwezempilo kwizikhululo zeenqwelo-moya:

Ukuba umkhweli ukrokreleka njengonesifo esosulelayo esifana ne-SARS kwaye ubonakalisa iimpawu ezithile zaso ngexesha esemoyeni, amagosa asebenza kwinqwelo-moya aya kwazisa abakwa-Airports Company of SA abaya kuthi bona bazise igosa lezempilo lesikhululo seenqwelo-moya. Inqwelo-moya yakuhlala phantsi ugqirha weenkonzo zoncedo olungxamisekileyo uya kumxilonga loo mntu kuthatyathwe namanyathelo ayimfuneko (umz. afakwe kwindawo eyodwa). Amanzi nokutya okusetyenziswa kwinqwelo-moya kuyagadwa.

Ukuhlolwa kwezikhephe:

Izikhephe ezifuna ukungena nakweliphi na izibuko kula mazibuko mathathu kufuneka zikhuphe isibhengezo esichaza imo yezempilo, i-Maritime Declaration of Health. Izikhephe ziye zihlolelwe ubukho beempuku kwaye kuye kufuneke isiqinisekiso esingqina ukungabikho kweempuku. Ngokwemigaqo yezempilo yezizwe ngezizwe, isikhephe esichaphazelekayo kufuneka sinyangwe ngokuthi kusasazwe izibulala-zinambuzane. Amanzi nokutya okusetyenziswa kwizikhephe kuyagadwa.

Ukutya okuvela kumazwe angaphandle:

Ukutya okuvela kumazwe angaphandle kuyahlolwa kwaye kuhlolwa nokuba kunini na ukuze kukhangelwe amachiza anxilisayo anokubakho. Xa impahla isehliswa, iye isuswe phantsi kweziqinisekiso ezongeziweyo zokuba ayinabungozi ngokwezempilo ikhululwe kuphela xa abasemagunyeni banelisekile ukuba ayinabungozi. Zonke izinto ezithuthwa ngezikhephe kufuneka zihambelane nemiqathango yoMthetho weZithambiso neziBulali-ntsholongwane, 54 ka-1972.

Amachiza namayeza:

Imveliso iyahlolwa ukuze kubonakale ukuba ibhalisiwe kusini na kwi-Bhunga loLawulo lwaMayeza loMzantsi Afrika, nokuba iphelelwe lixesha kusini na. Izinto ezinokuba nobungozi ezifana neekhemikali, izibulala-zinambuzane nezibulala-kungunda nazo ziyabanjwa.

Izinto ezithunyelwa kumazwe angaphandle:
Iqumrhu elijongene nezempilo kumazibuko nezikhululo zeenqwelo-moya liye likhuphe iziqinisekiso zempilo ngokubhekiselele kwimpahla ethunyelwa kumazwe angaphandle, phantsi kweemeko ezithile.


IMIYALELO:

uMnu M Slabber
Room 906, 9th Floor, Customs House, Foreshore, Cape Town, 8001
P.O.Box 6489, Roggebaai, 8012
Umnxeba: 021 421 1124
ifeksi: 021 418 5685

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Environmental and Port Health (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf; size: 43 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Iziqinisekiso Zokugonylelwa iCesina eMthubi (IiNkonzo)
* SARS Outbreak Response Flowchart 2 (Izikhokelo/Incwadi yezikhokelo/Imiyalelo) (File type: pdf; size: 372 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 28 uFebruwari 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





