






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezempilo > Impilo Yengqondo > Iinkonzo Zononophelo Lwempilo Yengqondo

Iinkonzo Zononophelo Lwempilo Yengqondo




INKCAZELO:

Zikho iinkonzo zabantwana nabantu abakhulu abazizigulane ezilaliswayo nezingalaliswayo, nkonzo ezo zifumaneka ngamaxesha apho ezo zigulane zilufuna kakhulu unyango naxa kukho imfuneko yokuba zinyangelwe bucala ukudlula kumaziko onyango lokuqala.

Unyango lwasezibhedlele lufumaneka ikakhulu kumacandelo afumaneka phaya kwiinqila ezisezidolophini kodwa loo maziko akwabonelela ngezonyango nezigulane ezikulo lonke eli phondo ngokwemimandla echongiweyo.

Ezi zibhedlele zesayikhayatri zilandelayo zibonelela izigulane ezingabantu abakhulu ezilalisiweyo nezingalaliswanga ezibhedlele ngeenkonzo zonyango olulodwa.
* Isibhedlele sase-Valkenberg nesaseStikland ikakhulu zibonelela ngeenkonzo zabaphethwe zizifo zengqondo.
* Isibhedlele saseLentegeur sona sibonelela ngeenkonzo zokunyanga abantu abaphethwe zizifo zengqondo okanye abakhubazeke ngokwengqondo.
* Isibhedlele sase-Alexandra sona sineenkonzo zabakhubazeke ngokwengqondo kuphela.


Iinkonzo zephondo zokunyanga abantwana zifumaneka kula macandelo alandelayo:
* Kwicandelo Labantwana Neentsapho Lesibhedlele Somnqamlezo Obomvu, eRondebosch, kwiSixeko saseKapa, candelo elo libonelela ngeenkonzo kubantwana abangalaliswanga esibhedlele nabaneengxaki zempilo yengqondo. Ikho nenkonzo eyodwa yezigulane ezilalisiweyo ezibhedlele nezingabantwana abaminyaka ingaphantsi kweshumi elinesibini. Ukuba ufuna enye ingcaciso tsalela umnxeba kwinombolo ethi: 021 685 4103.
* iWilliam Slater eseRondebosch, kwiSixeko saseKapa inenkonzo yasemini neyezigulana ezingalaliswanga ezibhedlele neziminyaka isusela kwishumi elinesithathu ukuya kwishumi elinesibhozo nezinengxaki yokugula ngengqondo. Tsalela umnxeba kwinombolo ethi: 021 685 5116 ukuba ufuna ezinye iinkcukacha.
* iCandelo Labantwana Neentsapho lesibhedlele iTygerberg lona libonelela abantwana abafikisa ebuntwini ngeenkonzo zonyango lwabalalisiweyo nabangalaliswanga ezibhedlele. Tsalela inombolo ethi: 021 938 4573 ukuba ufuna enye ingcaciso.
* iCandelo Labantwana Neentsapho Lesibhedlele iLentegeur lona linenkonzo yezigulana ezilaliswayo nezingalaliswayo kubantwana nakulutsha. Tsalela inombolo ethi: 021 371 7359.


Iinkonzo ezizodwa zabalalisiweyo nabangalaliswanga ezibhedlele nabanezifo ezithile zengqondo nazo ziyafumaneka kwicandelo labagula ngengqondo leDyunivesithi yaseKapa, eGroote Schuur, kwicandelo labagula ngengqondo kwiDyunivesithi yaseStellenbosch nakwisibhedlele saseTygerberg.
Ukuba ufuna enye ingcaciso malunga nokufumana iinkonzo zasezibhedlele, nkonzo ezo zilungiselelwe abantu abakhulu nabantwana, kwezinye iinqila qhagamshelana nezi ndawo zilandelayo:
* eBholani, tsalela inombolo ethi: 023 348 1401 okanye thumela ifeksi kwethi: 023 342 850.
* e-Overberg: Tsalela umnxeba inombolo ethi: 023 348 1400 okanye thumela ifeksi kwethi: 023 347 5211.
* uMzantsi Kapa/Karoo Tsalela umnxeba kwinombolo ethi: 044 802 4537 okanye thumela ifeksi kwethi: 044 874 5017.
* Isibhedlele saseGeorge kwi-Southern Cape Karoo sibonelela ngenkonzo yezigulana eziphazamiseke engqondweni ezilaliswa ixesha elifutshane.
* iWest Coast Winelands: Tsalela umnxeba inombolo ethi 023 348 9264 okanye thumela ifeksi kwethi: 023 347 2927.



IMIYALELO:

Izigulana kufuneka zithunyelwe ziinkonzo zonyango zezibhedlele zenqanaba lokuqala okanye ezenqanaba lesibini (ezeenqila). Igosa lezempilo leziko elithumela isigulane kufuneka liqale lizidibanise nesibhedlele eso ukuze amalungiselelo okulaliswa enziwe kwangaphambili. Iinkonzo ezizodwa zonyango lwabagula ngengqondo ezikwizibhedlele zenqanaba lesithathu, iRed Cross, Groote Schuur neTygerberg ziye zifune incwadi ekuthunyelwa ngayo isigulane eso okanye ziye zifune isicelo sokulaliswa esifumaneka kwiziko lenkonzo, ngaphambi kokuba isigulane sifumane inkonzo leyo.

Okwangoku iinkonzo ezizodwa zifumaneka kuphela kwimetro kodwa imetro ibonelela ngeenkonzo kulo lonke eli phondo ngokwemimandla ethumela izigulane. Abaqalayo ukuya kwisibhedlele sabagula ngengqondo okanye kwisibhedlele senqanaba lesithathu baya kucelwa ukuba bagcwalise ifom, size isigulane eso sivulelwe ifayili. Yiza nencwadi-sazisi yakho. Xa usiya esibhedlele kuya kufuneka ukuba uze nencwadi ephuma kwikliniki ekuthumela apho esibhedlele. Isibhedlele siya kucela ukuba usinike isilipu sakho somvuzo sokugqibela/incwadana yorhafiso echaza ingeniso yakho (IRP5). Yiza nekhadi lakho lasesibhedlele ukuba wakha wabhaliswa kwisibhedlele eso.

Uninzi lwezigulane luzilalisa ngokuzithandela ezibhedlele ukuze zifumane unyango lwasesibhedlele. NgokoMthetho okhoyo wezabaGula ngeNgqondo, xa isigulane sinengxaki yokugula ngengqondo kwaye sibe singafuni ukuya esibhedlele ukuya kuzixilongisela iimfuno zaso zokufumana unyango esibhedlele, naxa eso sigulane sinokuba nobungozi kuso ngokwaso okanye kwabanye abantu, kungafuneka mhlawumbe ukuba ibe zizalamane ezithumela loo mntu esibhedlele. Kwimeko enjalo izalamane kufuneka zifake isicelo sokuncediswa ngokufunyaniswa unyango lokuzithandela, sicelo eso sifanele ukufakwa kumantyi wesithili sabo. Imithetho emalunga nabagula ngengqondo kungoku nje iyahlaziywa kwaye kuya kwenziwa iinguqu kwindlela ekulaliswa ngazo izigulane ezibhedlele ukuze zifumane unyango ngokuzithandela xa uMthetho omtsha wezoNyango lwabaGula ngeNgqondo nemigaqo yawo ithe yabhengezwa ngokusesikweni.

Isigulane sakukhululwa esibhedlele kungenziwa amalungiselelo okuba siphinde sixilongwe kwaye loo malungiselelo angenziwa nenesi ejongene nabagula ngengqondo nephaya kwikliniki ekufutshane nekhaya lesigulane eso, ukuze kuqinisekiswe unyango oluqhubekayo.

Ukuba ufuna enye ingcaciso, zidibanise.

nee-ofisi zenqila ze-Associated Psychiatric Hospitals (APH)
Umnxeba: 021 440 3300
Ifeksi: 021 440 3272
uGqr Linda Hering, uMlawuli
uVolene Werely , uSekela-Mlawuli: Quality Assurance & Human Resource Development

Alexandra Hospital
Umnxeba: 021 503 5000
Ifeksi: 021 511 1919
uGqr Dr du Toit, uNtsumpa Omkhulu Kwezonyango
Nks VMrs R Fisher, iNtloko Kwezokonga
uGqr Elizabeth Peter, iNtloko yeeNkonzo zeeKliniki

Lentegeur Hospital
Umnxeba: 021 370 1111
Ifeksi: 021 371 7359
Magdalene Erasmus, iNtloko Ebambeleyo
Charles Barnardo, iNtloko Kwezokonga (Kwezabagula Ngengqondo)
UNjgl. Denise White, iNtloko Yeenkonzo Zeeklinikhi

Iinkonzo Zabakhubazeke Engqondweni zaseLentegeur
Volene Werely , INtloko Kwezokonga
Lynette Meyer, iNtloko Yeenkonzo Zomsebenzi Kwezentlalo-ntle

Isibhedlele iStikland Hospital
Umnxeba: 021 940 4400
Ifeksi: 021 910 3508
uGqr Agata Krajewski, uNtsumpa Omkhulu Kwezonyango
Mynhardt Visser, iNtloko Kwezokonga
UNjgl. Willie Pienaar, INtloko yeeNkonzo zeeKliniki
Isibhedlele saseValkenberg
Umnxeba: 021 440 3111
Ifeksi: 021 447 6041
UGqr Dr B Eick, uNtsumpa oMkhulu wezoNyango
Magda Karelse, INtloko yezoKonga
uGqr Shaun Baumann, INtloko Ebambeleyo Kwiinkonzo Zeeklinikhi

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Yintoni Impilo Yengqondo? (IiNkcukacha Zoluntu)
* IiNkonzo Zonyango Lwenqanaba Lokuqala Lwabagula Ngengqondo (IiNkonzo)
* Iinkonzo Zokunyangela Ukubuyela Kwimo Yesiqhelo (IiNkonzo)
* Mental Health Care Bill - (IMithetho Esayilwayo) (File type: pdf) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 12 uJulayi 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





