Isikhokelo seMpilo kunye noKhuseleko apho kwaKhiwa khona
Ulawulo 
Xa ulawula ishishini lakho, uya:
Uyalazisa  iSebe lezeMisebenzi njengoko kufunwa ngumThetho weMpilo noKhuseleko lwaseMsebenzini?
Uyazinika ixesha elaneleyo ukuceba, ukulungiselela kunye nokulawula umsebenzi wakho?
Qwalasela kanye okwenzekayo ukanti uthathe inxaxheba kwizehlo zengozi?
Unayo indlela yokulawula ezempilo kunye nengozi kwindawo ezibandakanya abameli bempilo nabolondolozo kunye nekomiti yezempilo kunye nokhuseleko?
Unaye umntu onokuya kuye xana ufuna ingcebiso ngezempilo nolondolozo?
Ukunika abasebenzi inkululeko yokuxela imisebenzi neemeko ezinagkhuselekanga kunye nokuzilungisa ezi ngxelo
Xela iingozi
Xa umntu omqeshileyo, okanye osebenza esizeni sakho efumana ingozi qiniseka ukuba: 
Wazisa iziko labasebenzi elikufutshane nawe ngokukhawuleza xa ingozi ibulala okanye ibandakanya ukwenzakala kwendawo ezibalulekileyo, njengokwaphuka, ukusikwa, okanye ukuvaleka amehlo. Ukunyangwa kwedolo elonzakeleyo
Xela nayiphi ingozi enxulumene nomsebenzi engunobangela wokungabikho emsebenzini intsuku ezingaphezulu kwe-14.
Xela xa ilungu loluntu libulewe okanye lithunyelwe esibhedlela ngenxa yengozi enxulumene nomsebenzi wesiza sakho.
Qesha 
Xa uqeshe okanye ulawula abantu abakwenzela umsebenzi, uyaqinisekisa ukuba: 
Baqeqeshiwe banazo izakhono zokwenza umsebenzi ngokukhuselekileyo  ngaphandle kokubeka impilo zabo engozini okanye eyabanye?
Bakhangelwa ngendlela elungileyo banikwe imiyalelo ecacileyo? 
Banalo ufikelelo kwizibonelelo zokuhlamba kunye nezindlu zanmgasese? 
Banazo izixhobo zomsebenzi ezilungileyo, impahla, imatshini kwakunye nempahla ezikhuselayo?
Uxoxa nabo kunye nabameli babo ngemiba yempilo kunye nolondolozo?
Ukuqesha omnye umntu ukuba akwenzele umsebenzi
Xa uqesha omnye umntu ukuba akwenzele umsebenzi, uya:
Ukhangela qho inkqubo yempilo kunye nolondolozo yabobantu uceba ukubasebenzisa?
Ubanike ulwazi ngempilo nokhuseleko  abalufunayo ngomsebenzi kwaye uqinisekise ukuba bafanelekile phambi baqale umsebenzi wabo?
Uxoxe ngomsebenzi nabo ngaphambi kokuba baqale?
Uqinisekise ukuba ubanikile yonke into ovumelene nabo ngayo (umzekelo izikefele ezikhuselayo, oomatshini abalungileyo, nokufikelela kwintlalontle)?
Ukhangela qho ukuba baqhuba njani ufake uncedo apho kusilela khona?
Ufikelelo kwisiza    
Ingaba wonke umntu ufikelela ekhuselekile kwindawo yokusebenzela ukanti asebenze ekhuselekile?
Ingaba iindlela zokungena zikwisimo esilungileyo zinempawu ezibonakalisa ngokucacileyo?
Ingaba iziphelo apho abantu  banokuthi bawele khona, zinazo izinto ezinokuthi zibaxhase kakuhle okanye olunye ukhuselo olufanelekileyo esiphelweni?
Ingaba imingxunya yogqunyiwe, ikhuselwe, ibiyelwe kwaye iphawulwe ngokucacileyo ukuthintela ukuwa? Ingaba isiza sicocekile zona impahla zibekwe ngokukhuselekileyo?
Umbane wanele?
Intlalontle
Izindlu zangasese ziyafumaneka, zigcinwe zicocekile zilayitile kakuhle?
Zikhona izitya zokuhlambela, amanzi ahambayo, isepha, kunye namalaphu okosula alahlwayo?
Ikhona indawo yokutshintsha, ukomisa, kunye nokugcina impahla?
Ingaba amanzi okusela neekomityi zinikiwe?
Ingab ikhona indawo abasebenza abangahlala kuyo balungise iziselo zabo ezishushu?
Ingaba nabani na ofuna ukusebenzisa izibonelelo zempilo angafikelela ngokulula nangokukhuselekileyo kuzo?
Izikefele
-Izikefele zikulungele ukusetyenziswa, ziyatshintshwa, ziqhaqhwe ngabantu abakulungeleyo ukwenza  oko?
-Izikefele ezinazo indawo zokunyathela ezisisiseko ( apho kukho imfuneko indawo zokunyathela zamaplanga)?
-Zikwindawo eyiyo izimisi, ileja, unojiko, kunye nesibambi sikefele sesikefele?
-Isikefele sikhuselekile kwisakhiwo okanye kwindawo esime kuyo, sikwindawo eyaneleyo ukunqanda ukuwa?
-Zikhona ngokwaneleyo indawo zokuxhasa kunye nebhodi zeminwe, okanye ulunye ukhuseleko ulukulungeleyo, kuzo zonke iziphelo ukukhusela ukuwa?
-Zikhona izigadi zitena ezongeziweyo ukunqanda ukuwa kwempahla kwisikefele? 
-Indawo zokusebenzela  zinazo ibhodi ukanti zibekwe ngendlela yokunqanda intshukumo okanye ukuwa?
-Zikhona izithinteli ezilungileyo, okanye izazisi ezilumkisayo ezibekiweyo ukuthintela abantu ekusebenziseni izikefele ezingagqitywanga, umzekelo, indawo abathi beme kuzo xa besebenza ezingenziwanga kakuhle?
-Izikefele zomelele ngokupheleleyo ukuthwala ubungakanani bempahla egcinwe  kuso ukanti zabiwe kakuhle?
-Izikefele zilungisiwe kakuhle?
-Umntu onolwazi ulikhangela qho inqwanqwa, umzekelo nokuba kukanye ngeveki rhoqo emveni kokuba litshintshiwe, lonakele nasemveni kwesimo sezulu esibi?
-Ingxelo zokuhlolwa kwalo ziyabhalwa?
-Izibambi nqwanqwa zimekakuhle  zisetyenziswa ngemiyalelo yabaniki balo ?
-Amavili enqwanqwa ayavalwa xa lisetyenziswa ukanti indawo ezenziweyo abathi beme kuzo xa besebenza azinanto xabezisusa?
Iileli 
-Iileli zisetyenziswa ngendlela eyiyo ukwenza umsebenzi?
-Zikwisimo esilungileyo?
-Iileli zima endaweni eqinileyo hayi kwindawo ezingomelelanga okanye kwimpahla ezingakhuselekanga?
-Iileli zikhuselekile ukunqanda ukuwa emacaleni nangaphandle?
-Iileli zima kumphakamo olungileyo ngaphezulu kwendawo ezihleli kuyo? Ukuba akunjalo zikhona iindawo zokubambelela ezifumanekayo?
-Iileli zibekwe kwindawo entle ukuze abasebenzisi bazo bangadontseki ngokungaphaya?
Ufulelo
-Lukhona ukhuselo lwesiphelo ukunqanda ukuwa kwabantu okanye okwempahla?
-Ngexesha lofulelo lweshishini, bezikhona iinethi ukunqanda ukuwa kwabantu esiphelweni esikhokhela ukuya ephahleni  okanye kumacangci angagqitywanga ukumiswa?
- Uyichazile impahla engomelelanga efana namaphepha esamenti kunye nezibane zophahla?
-Uzithathile izilumkisi ukunqanda abasebenzi ukuba bangaweli kwezimpahla ngelixa besebenza eluphahleni?
-Zikhona indawo ezahluliweyo abasebenzi bagcinwa kude nendawo engaphantsi kophahla?
Imigxuma 
-Ikhona inkxaso epheleleyo yokuba kungembiwa, okanye ithambekisiwe, isisithabazi okanye yalungiswa ngokutsha kwikona ekhuselekileyo?
-Ikhona inkqubo ekhuselekileyo esetyenziswayo ukubeka uxhaso, ngaphandle kokuba abantu basebenze kumsele ongaxhasekanga?
-Ikhona indlela engenayo emseleni, umzekelo mde ngokupheleleyo, ileli ekhuselekileyo?
-Zikhona iileli kumakhefu arhoqo?
- Zikhona izithinteli  okanye ezinye izikhuseli ukuthintela abantu kunye nezithuthi ukuba zingawi ngaphakathi?
-Zikhona izitena ezikhuselayo ngokupheleleyo ukukhusela iimoto ezi ekuweni ngaphakathi?
-Iinqwelo mafutha ziyavunyelwa ukuba zifikelele emseleni kumgama okude kwindawo enokuthi ibangele  ukuwa? 
 -Umsele  ungakuchaphazela ukuma kwezakhiwo okanye amancedo akufutshane?
-Impahla , nezinto ezishiyekileyo nezixhobo zigcinwa kude nesiphelo somngxuma ukunciphisa amathuba okuwa?
-Umngxuma ukhangelwa qho ngomntu onolwazi?
Okuphathwa ngezandla  
Ikhona impahla enzima efana nezibophi zophahla, izixhasi zekhonkriti, namatye okukhusela kunye nemveliso ezisezingxoweni ezinokubangela ingxaki xa zinokususwa ngezandla? 
Xa kunjalo, unga:
Khetha impahla elula?
Usebenzise ikiliva, isilenge, izinto eziphathwayo kunye nezinye izixhobo  nempahla ukwenzela ukuba ukuphakanyiswa kwezinto ezinzima ngezandla  kubekuncinane?
Thenga impahla efana nesamenti ekumlinganiselo we 25 kg wengxowa?
Phepha ukuhlala  ngokunge yomfuneko kwezitena zokwakha ezinzima ezibunzima obungaphezulu kwe 20 kg? 
 abantu bayalelwe  baqeqeswa  ngokuphakamisa izinto ezinzima ngokukhuselekileyo?
Uthontelwano lwezithuthi endleleni, izithuthi kunye noomatshini
-Izithuthi kunye nabantu bohlulwe ngezithinteli?
Ukuba akunjalo uya:
1.Sebenzisa izithinteli ukohlula indawo zokusebenzela?
2.Unyuse isilumkiso  ngendawo eziyingozi, nokuba kwenziwe ntoni ngazo ?
3.Ubonise impawu zokulumkisa?
-Ikhona indawo eyaneleyo ecacileyo ejikeleze imoto ezitshebelezayo?
-Ukubuyela emva kunako ukuphepheka, umzekelo, ngokusebenzisa indlela enye okanye, ukuba akunjalo, bakhona abantu bokuqaphela abaqeqeshwe ngendlela eyiyo abasetyenziswayo?
-Zilungiswa ngendlela eyiyo izithuthi kunye nezixhobo zokusebenza, umzekelo, zisebenza kakuhle isiteringi, izikhanyisi, ihandbreki, kunye nefootbreki
-Abaqhubi bafumene uqeqesho olulungileyo banazo iziqiniselo ezifunekayo ukusebenzisa ezinye intlobo zezithuthi eziphakamisayo okanye imatshini abazisebenzisayo?
-Izinto ezilayishwayo zikhuseleke ngokupheleleyo?
-Uqinisekisile ukuba abagibeli bakhwela kwizithuthi ezilungele bona?
-Uqinisekisile ukuba imatshini azisetyenziswa kumathambeka ayingozi?
Izixhobo kunye nomatshini
-Kusetyenziswa izixhobo okanye omatshini abalungileyo ukwenza umsebenzi?
-Zigadiwe zonke indawo eziyingozi, umzekelo, amagiya, abaqhubi bamatsheyini, ishaft ze enjini ezisetyenziswayo?
-Izinto ezikhusela izinto ezisetyenziswayo zikhuselekile, zikwimo elungileyo?
-Izixhobo kunye nematshini zigcinwa zikwisimo esilungileyo izinto zokhuseleko zisebenza kakuhle?
-Abalungisi baqeqeshiwe  banolwazi?
Izilenge
-Izixhobo zokusebenza zifakelwe ngumntu onolwazi?
-Abafakeli baqeqeshiwe banalo ulwazi?
-Imveliso ibiqingqiwe iphawulwe ngokucacileyo?
-Isilenge sinayo ingxelo ekhona okanye uvavanyo ngqo kwakunye nengxelo yohlolo?
-Ikhona indawo yokuma evaliweyo  ukulhusela abantu bangabethwa naziziphi indawo ezishukumayo zesilenge?
-Amasango okothula impahla ahlala evaliwe xa iplatifom isothula?
Amathuba engxakeko
-Zikhona iinkqubo zamathuba engxakeko, umzekelo, ukuphuma esizeni ngexesha lomlilo?
-Abantu abasesizeni bayayazi  ezo nkqubo?
-Ikhona indlela yokukhalisa ialam , ihlolwa nini?     
 -Ikhona indlela yokunxulumana noncedo kumathuba engxakeko esayithini 
-Zikhona indlela ezikulungeleyo ukuphuma zihlala zilungile ?  
-Akhona amalungiselelo oncedo lokuqala alungileyo?    
            Umlilo
-Igcinwa iphantsi uhlobo lwempahla enokutsha, ulwelo kunye negesi?
-Zigcinwe kakuhle?
-Isilinda zegesi ezinokuvutha zibuyiselwa kwindawo yogcino engenisa umoya emveni kwexesha lomsebenzi?
-Isilinda ezizeleyo nezingenanto zigcinwa ngokohlukana ukanti ziphawulwe ngokucacileyo?
-Kuvaliwe ukutshaya kunye nezinye izinto ezibangela ukutsha kwindawo ekugcinwe okanye ekusetyenziswa kuzo igesi kunye namalwelo atshayo?
-Isilinda zegesi, nemibhobho enxulumene nazo, kunye nezixhobo zigcinwe kakuhle zikwisimo esilungileyo?
-Xa isilinda zegesi zingasetyenziswa, izivalo zivalwa ngokupheleleyo?
-Inkunkuma enokutsha isuswa qho ukanti igcinwe kwimigqomo yenkunkuma efanelekileyo?
-Zikhona izicima mlilo ezilungileyo?
Izinto ezinobungozi
-Uziphawulile zonke izinto ezinobungozi kunye nempahla yokusebenza, efana ne asbhestosi, ilothe, izinyibilikisi, ipeyinti, isamente kwakunye nothuli?
-Ukhangele ukuba umakhi onephephha-mvume uyafuneka ukujongana ne asbestos esayithini?(umsebenzi omninzi oneasbhestos ufuna isiqiniselo, nangona onokuwenza umsebenzi omncinane onempahla eneasbhestosi ngaphandle kwesiqiniselo)
-Uphawulile wazibeka izilumkisi ukukhusela nokulawula ukudibana nezinto eziyingozi?ngoku:
-ngokwenza umsebezi ngenye indlela eyahlukile  , ukususa ubungozi bungabikho kwabona?
-Usebenzisa impahla enobungozi obuncinane?
-Usebenzisa izixhobo ezikulungeleyo ukususa uthuli?
-Abasebenzi banalo ulwazi kunye noqeqesho ukwazi ukuba ziziphi iingozi ezikwizinto ezinobungozi ezisetyenziswa neziveliswa esayithini,ukanti kufanele benze ntoni ukuphepha ezongozi?
-Unayo inkqubo yokukhusela ukudibana ne samenti emanzi(njengoko inokubangela isifo solusu kunye nokutshiswa yisamenti)?
-Ululungiselele ukhathalelo lwempilo yabantu abasebenzisa ezinye izinto ezinobungozi, (umzekelo, ilothe)?
Ingaba zinikwe izicima mlilo?
Ingxolo 
-Abasebenzi banalo ulwazi noqeqesho ukuze bazi ubungozi obukwingxolo esayithini, kunye nokwazi ukuba kufanele benze ntoni ukunqanda ezongozi?
-Uphawulile, wachaza ngezinto ezinokwenzeka kubasebenzi xa behlangabezana nengxolo ?
-Ingxolo inokuncithiswa indlela ezahlukeneyo zokusebenza okanye kukhethwe izixhobo ezingangxoliyo, umzekelo, izaphuli ezikulungeleyo nezinye izixhobo okanye iimatshini ezinezithulisi?
-Abantu abangadibananga nomsebenzi bagcinwa kude nalapho ingxolo ivela khona?
-Lukhona ukhuseleko olufanalekileyo olunikiweyo  olunxitywa kwindawo ezinengxolo?/
-Ziphawuliwe indawo ekufuneka ukhuseleke kuzo kwingxolo?
- Ubalungiselele abantu abakwindawo ezinengxolo ephezulu izilondolozi mpilo?
Intshukumo yesandla kunye nesihlahla
Banalo ulwazi noqeqesho abasebenzi ukuze bazi ubungozi bentshukumo yesandla nesihlahla (HAV) esizeni, bazi ukuba kufanele benze ntoni ukuphepha ezongozi?
-Uzichazile, wabonisa ingozi kubasebenzi ngokusetyenziswa kwezixhobo ezishukumayo ixesha elide, njenge zaphuli konkrithi, izisili kona okanye izando zokubhola?
Ukujongana nentshukumo yesandla nesihlahla kuncitshiswe kangangoko kunokwenzeka ngokukhetha indlela zokusebebenza ezilungileyo kunye nezixhobo?
-Zisetyenziswa apho kuyimfuneko izixhobo ekuncitshiswe intshukumo?
-Zigcinwa kakuhle izixhobo ezishukumayo?
- Ubalungiselele izikhathaleli mpilo abantu abajongene nentshukumo zesandla nesihlahla eziphezulu, ingakumbi xa bejongene nayo ixesha elide?
Umbane kunye nezinye inkonzo iinkonzo
-Zinikiwe inkonzo zoncedo ezifunekayo esizeni phambi kokuba umsebenzi uqalwe ukanti uzichazile inkonzo zoncedo ezikhona esizeni (umzekelo, iingcingo zombane  okanye imibhobho ehambisa igesi)wayithatha imiqathango eyiyo, xa kukho imfuneko ukunqanda ingozi kubo?
-Usebenziisa ivolti ephantsi yezixhobo kunye nempahla, umzekelo, izixhobo ezisebenzisa iibactri okanye inkqubo zevolti ephantsi?
-Ingcingo kunye nelothe zikhuselekile ekumoshakaleni?
-Zonke izinto ezidityaniswe kumxokelelwano zenziwe kakuhle ukanti iplagi zisetyenziswe kakuhle?
-Izixhobo kunye nempahla ziyakhangelwa ngabasebenzisi, zivavanywe esizeni zihlolwe qho zilingwe ngumntu onolwazi?
-Ingcingo zombani ezifihliweyo kunye nezinye inkonzo ziyaziwa apho zikhona  (umzekelo, ngesazisi kunye neeplani) ukanti ziphawuliwe, uzenzile izilumkisi ngokuhamba ukhuselekile?
-Apho kukhona ilayini ngaphezulu, ukungena kombane kuvaliwe, okanye izilumkisi ziyenziwa njengokunikeza izikhundla okanye iteyipi eziphawuliweyo?
Khusela uluntu 
-Umsebenzi ubiyelwe ebantwini?
-Iindlela zokusebenza zinazo izikhuseli?
-Uluntu lukhuselwe kwimpahla enokuwa?
-Xa umsebenzi wosuku ugqityiwe :
1.Umjikelezo wesiza ukhuseleke kakuhle?
2.Iileli zisusiwe okanye izikefele nazo zisusiwe ukuze zingasetyenziswa?
3.Imisele kunye nemingxuma ivalwe yakhuseleka okanye ibiyelwe 
4.Izixhobo zivaliwe ukunqanda ukusetyenziswa ngokungekho mthethweni?
5.Izitena kunye ne mpahla zibekwe kakuhle?
6.Izinto ezinokuthi zivuthe okanye ezinobungozi zitshixelwe kwindawo zogcino ezikhuselekileyo? 
- 
/
