






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezempilo > Impilo Yengqondo > IiNkonzo Zonyango Lwenqanaba Lokuqala Lwabagula Ngengqondo

IiNkonzo Zonyango Lwenqanaba Lokuqala Lwabagula Ngengqondo




INKCAZELO:

Iinkonzo zempilo zonyango lwenqanaba lokuqala zixilonga zigonye ze zinyange izifo zengqondo eziqhelekileyo, futhi zenza namalungiselelo okuthumela iingxaki zempilo yengqondo ezinobunzima kumanqanaba afanele oko empilo yengqondo.


* Ugonyo Nonyango
* Amaqela enkxaso
* Amakhaya amaqela
* Iikcukacha zoqhagamshelwano ezibalulekileyo


UGONYO NONYANGO


Ukuba uphethwe sisifo esiphazamisana nengqondo, ungaya kwikliniki ekwindawo ohlala kuyo apho uya kuvavanywa ngumsebenzi wezempilo noza kukubonelela ngonyango lokuqala.

KwiSixeko, kummandla weSouthern Cape Karoo nowe-West Cape Winelands, umsebenzi wezempilo unakho ukukuthumela nakumongikazi oqhuba iinkqubo zonyango oluphangaleleyo lwabagula ngengqondo, ukuba lukho. Kuya kufuneka ukuba kuvunyelwane ngosuku nexesha lokubonana nomongikazi ojongene nempilo yengqondo ekliniki njengoko umongikazi etyelela iqela leekliniki ngenyanga. Igosa elijongene nabagula ngenqondo linakho ukuphinda lixilinge impilo yengqondo yakho ukuze libe nokukubonelela ngolona nyango luziphumo zincumisayo. Olo nyango lungabandakanya ukunikwa amayeza kunye nokucetyiswa nokunikwa inkxaso okwethutyana, uwedwa okanye unabanye. Igosa lezempilo yengqondo linako nokubonisana nengcali yenzululwazi ngengqondo okanye ugqirha wezigulo zengqondoi (okanye amalungu egqiza lommandla labagula ngengqondo) xa kukho imfuneko yobunye ubugcisa. Xa kukho imfuneko, igosa elijongene nempilo yengqondo linokwenza amalungiselelo okuba ubonane nomnye wezo ngcali ukuze ibe yiyo eziphinda zikuxilonge kwikliniki ye-PHC. Kummandla waseBholandi/Overberg unonophelo lwabagula ngengondo kubonelelwa ngalo kwiikliniki ze-PHC ngokuthi abongikazi bafumane inkxaso kumongikazi wabagula ngengqondo okanye kugqirha wezifo zengqondo otyelela loo maziko ngamaxesha athile.

Inkxaso eyangeziweyo ngaphandle kokundwendwela ikliniki ingayimfuneka ukuphucula nokugcina impilo yengqondo eyiyo yaye abantu abafuna uncedo bangacetyiswa ukuba bazimase kumaxesha oncedo amaqela anikezela ngeyoncedo lwempilo yengqondo neyentlalo xa kuyimfuneko futhi kuvulelekile. Khangela phaya kwincwadi-salathisi yemicimbi engempilo yabagula ngengqondo okanye buza phaya kwikliniki ekwindawo ohlala kuyo okanye kumongikazi ojongene nezempilo yengqondo malunga namaqela enkxaso akhoyo kwingingqi ohlala kuwo. Amanye amaqela akhokelwa ngabasebenzi beSebe lezeMpilo ngelixa amanye ekhokelwa, ngakumbi kummandla wemetro, zii-NGOs ezifumana isabsidi kwiSebe.

AMAKHAYA AMAQELA
Sebe lezeMpilo likwanika imibutho ezimeleyo ezikwiinqila uncedo-mali, mibutho leyo ibonelela ngeendawo zokuhlala abantu abakhulu abaphethwe zizifo zengqondo kunye namaziko onyango lwasemini kubantwana abangaphantsi kwe-18 ubudala, bantwana abo baneengxaki ezinkulu zengqondo. Imibuzo malunga nezithuba ezinokubakho kuloo maziko aphantsi kwee-NGOs kufuneka ibhekiswe kwii-NGOs ezo. (Khangela phaya kwincwadi-salathisi yemicimbi engempilo yabagula ngengqondo)

Ezi ngcingo zoncedo zilandelayo nazo zingaluncedo:
* Inombolo Yomnxeba ye-Anxiety and Depression: 011-783 1474
* iDrug Abuse / Naranon: 088 130 0327
* eye-Aidsline: 0800 01 2322
* iChild Line: 0800 05 5555


* eyeLife Line: 021 461 1111/4
* eye-Alcoholics Anonymous: (011) 436-0797
* iNarcotics Anonymous: 021 797 1400
* iHEAL (eyiHalt Elder Abuse Line): 0800 003 081


Le mibutho ilandelayo nayo ingaluncedo:

SA Federation for Mental Health
Private Bag X46, Braamfontein, 2017
Inombolo Yomnxeba: (011) 781-1852

Cape Mental Health Society
Kwisitalato i-Ivy, e-Observatory, 7700
Inombolo Yomnxeba: 021 447 9040

Western Cape Forum for Mental Handicap
Inombolo Yomnxeba: 021 510 4686

iZiko Lolwazi Ngempilo Yengqondo
Department of Psychiatry
kwiDyunivesithi yaseStellenbosch, PO Box 19063, eTygerberg, 7505
Inombolo Yomnxeba: 938-9227 or 938-9116
iChild Care Information Centre (CCIC)
iMaternal and Child Health Information and Resource Centre (MCHIRC)
The Child Health Unit
iZiko Labantwana Lesibhedlele Somnqamlezo Obomvu
kwa-46 kuMgaqo iSawkins, eRondebosch, 7700
Inombolo Yomnxeba: 021 685 4103


IMIYALELO:

Abantu abaqalayo ukundwendwela ikliniki baya kucelwa ukuba bagcwalise iphetshana lesicelo, ze isigulane sivulelwe icwecwe. Yiza nencwadi-sazisi yakho. Xa usiya esibhedlele kuya kufuneka ukuba uze nencwadi ephuma kwikliniki ekuthumele apho esibhedlele. Isibhedlele siya kucela ukuba usinike isiqinisekiso somvuzo wakho wokugqibela (IRP5). Yiza nekhadi lakho lasesibhedlele ukuba wakha wabhaliswa kwisibhedlele eso ngaphambili.


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* Iiklinikhi


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Yintoni Impilo Yengqondo? (IiNkcukacha Zoluntu)
* Iinkonzo Zononophelo Lwempilo Yengqondo (IiNkonzo)
* Iinkonzo Zokunyangela Ukubuyela Kwimo Yesiqhelo (IiNkonzo)
* Mental Health Care Bill - (IMithetho Esayilwayo) (File type: pdf) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 5 uJulayi 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





