Isivumelano soMsebenzi 
kwezeMpilo noKhuseleko
Thina, abalingani boluntu, uRhulumente, uManyano wezaBasebenzi kunye noManyano lwamaShishini sivakalisa ukuba:
Kunye sibambisene, sizimisele ekuqondeni lemibandela ilandelayo:
_ indawo yokusebenza enempilo nekhuselekileyo
_ uphuhliso lwemigaqo ephambili emsebenzini onempilo kunye nokhuseleko
_ ukupheliswa kweziganeko nengozi ezimasikizi emsebenzini.
Siwola imigaqo efakwe kwi- ILO Convention 155 kunye ne-ILO Convention 176.
Sizibophelela uku:
_ ukuphakamisa imigaqo yokusebenza okusempilweni nokukhuselekileyo njengoko kufakwe phakathi kwe-“Bill of Rights”
_ ukungenisa ukhuseleko nokosebenza okusempilweni phakathi kwendlela zonke zamashishini kunye namacebo
_ ukwenza okusebenza okusempilweni nokhuseleko indlela yokuphila
_ ukukhulisa kokwaziwa kokusebenza okusempilweni nokukhuseleko 
_ ukuphuhlisa umthetho wokwazisa ukusebenza okusempilweni nokukhuselekileyo, imigaqo nemiyalelo
_ ukuphucula ubudlelwane bembumba engunxantathu ekuncendeni bonke elizweni lethu
_ ukuhlala kwiimfuno zomthetho wokusebenza okusempilweni nokukhuselekileyo
_ukuqeqesha abasebenzi kunye nabaphathi kwindlela zokusebenza ngenkuseleko
_ukwakhiwa kobume bamaziko obusebenzayo nobufanelekileyo bokusebenza ngokusempilweni nokhuseleko.
Siyazibophelela Kunene ekusebenzini kunye ngendlela eyakhayo, phakathi kokusebenza okusempilweni nokukhuselekileyo.
uRhulumente Omanyeneyo Nabasebenzi abaManyeneyo namaShishini
