






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezempilo > Imveku & Nomntwana > Unyango lwabantwana abaphethwe gadalala

Unyango lwabantwana abaphethwe gadalala




INKCAZELO:

Le nkonzo ijolise ekuchongeni nasekunyangeni abantwana ukusekela ekuzalweni ukuya kutsho kwiminyaka eli-14 ubudala, abebephatheke gadalala ngokwasemzimbeni, ngokwesondo nangokwasemphefumlweni, kwanabo bangahoyekanga. Abantwana ekurhaneleka ukuba bakhe baphathwa gadalala, bangasiwa kwikliniki yonyango apho baya kuxilongwa khona ukuqonda isifo abanaso, baze bafumane iingcebiso malunga naso. Umongikazi wasekliniki okanye ugqirha uya kuthi axilonge umntwana lowo ngokupheleleyo ngokwasemzimbeni aze abhale nembali yakhe. Kubalulekile ukuba umntwana ophetheke gadalala asiwe kwiziko lezempilo ngokukhawuleza okukhulu. Okona kulityaziswa, kokona kulindeleka ukuba umntwana ahlupheke ngaphezulu ngokwasemphefumlweni nangokwasengqondweni. Ukhumbule ke a ukuba abanye abantwana baphatheka gadalala kangangeminyaka emininzi, yaye basenokungafuni ukuxilongwa ngokwasemzimbeni kutyelelo lwabo lokuqala kwiziko lonyango, okanye basenokuba baphatheke gadalala ngokwasemphefumlweni kuphela, hayi ngokwesondo, kuleyo imeko baya kufuna iingcebiso baze banyangwe ngokufanelekileyo.


* Ukuphathwa gadalala kwabantwana ngokwesondo
* Ukuphathwa gadalala kwabantwana ne-AZT
* Imibutho elwa ukuphathwa gadalala kwabantwana
* Uxanduva lokunikezela ingxelo ngokuphathwa gadalala kwabantwana
* Iinkcukacha zoqhagamshelwano eziluncedo



UKUPHATHWA GADALALA KWABANTWANA NGOKWESONDO


Ekuphathweni kwabantwana gadalala ngokwesondo, uphando olulodwa kufuneka lwenziwe, olufana nemiboniso efuneka enkundleni ukunika ubungqina. Kananjalo, umntwana usenokuba uchaphazelekile kwiZifo ezosulela ngokwabelana ngesondo kunye noGawulayo nentsholongwane yakhe. Unyango lwezi zifo zosulela ngokwabelana ngesondo lukholisa ukunikezwa xa iziphumo zovavanyo zibonisa ukuba umntwana lowo wosulelekile.

Abazali okanye abagcini babantwana kufuneka banikwe iingcebiso malunga nobungozi obunokuba kho xa umntwana enokosuleleka yintsholongwane kaGawulayo. Umgcini womtwana kuya kuthi kucelwe kuye imvume yokuba kwenziwe uvavanyo lwentsholongwane kaGawulayo kumntwana lowo.


UKUPHATHWA GADALALA KWABANTWANA NE-AZT



Ichiza elilwa noGawulayo, i-AZT (nekwabizwa ngokuba yi-Zidovudine) liya kuthi linikezelwe kumntwana lowo ukuba uthe waziswa kwiziko lezonyango kwisithuba seeyure ezingama-72 zokuphathwa gadalala ngokwesondo. Eli chiza alinampembelelo konke-konke ekuthinteleni ukudluliselwa kwentsholongwane kaGawulayo ukuba umntwana ufike emva kweeyure ezingama-72 kwiziko lonyango, emva kokuba ephethwe gadalala ngokwesondo. Abantwana abakhuselweyo luyilo loncedo lwezonyango kufuneka bafumane i-AZT eza kubagcina iintsuku ezintathu, baze emva koko bamiselwe inani lezi pilisi leentsuku ezingama-25 eziseleyo. Abo bangakhuselwanga lolu yilo loncedo lwezonyango, kufuneka banikwe isixa seepilisi esiza kuthatha iveki yonke, baze basikelwe umhla amababuye ngawo ukuza kuvavanywa kwakhona kwisithuba seveki. Bonke abantwana kufuneka babonwe emva kweveki kuvavanyo olulandelayo ukuza kufumana iziphumo zazo zonke iimvavanyo. Ezinye iipilisi kufuneka zinikezelwe kolu tyelelo (oko kukuthi isixa seeveki ezintathu). I-AZT iyafumaneka kumaziko angama-52 apho abasinde kwimpatho gadalala yabantwana bathi banyangwe khona kwiPhondo.

Abantwana abaziwayo ukuba banentsholongwane kaGawulayo kufuneka bangayifumani i-AZT. Kufuneka bafumane iingcebiso baze bathunyelwe kwiziko elifanelekileyo lezeMpilo apho kuya kuqwalaselwa khona imeko yabo yentsholongwane kaGawulayo ithuba elide.


IMIBUTHO ELWA UKUPHATHWA GADALALA KWABANTWANA


Amantombazana afikisayo asele eqalile ukuba sexesheni nakhe adlwengulwa, kufuneka avavanyelwe ukukhulelwa ukwahlula ukhulelwa ebekusele kukho phambi kokuba abe adlwengulwe. Ukuba eza kwiziko lezonyango kwisithuba seeyure ezingama-72 emva kokudlwengulwa, aya kuthi anikwe iingcebiso aze anikwe isinqandi-kukhulelwa sethuba lokuxakeka.

Ukuzama ukunqanda amaqondo aphakame ngolona hlobo nangamkelekanga okuphathwa gadalala kwabantwana kwiNtshona Kapa, iinkonzo zezeMpilo zithe zabambisana namapolisa, aboKhuseleko loLuntu, abeeNkonzo zoLuntu kunye nemibutho engeyo kaRhulumente.

Oonontlalo-ntle banendima ebalulekileyo abayidlalayo ekuncedeni umntwana ukuba aphile emva kokuba aphethwe gadalala. Unontlalo-ntle uya kuthi afundise aze anikezele ngolwazi nangeengcebiso. Ukuba unontlalo-ntle ukholelwa ukuba umntwana usemngciphekweni wokuphathwa gadalala nangaphezulu xa ethe waphuma kwiziko lezempilo, yaye ufuna ukhuselo olungxamisekileyo, bangakhupha ifomu engunombolo 4 egunyazisa ukugcinwa komntwana kwindawo ekhuselekileyo.

Kwakhona, ukuba isimo sengqondo yomntwana sifuna ukungenelela kweencutshe okanye ugqirha wezifo zengqondo, umntwana angathunyelwa kwiziko elifanelekileyo lezempilo.


UXANDUVA LOKUNIKEZELA INGXELO NGOKUPHATHWA GADALALA KWABANTWANA


Kukho imithetho emibini echaphazela ukuphathwa gadalala kwabantwana ngokwasemzimbeni okanye ngokwesondo nokungahoywa kwabo.ICandelo 15 loMthetho wesilungiso sokuKhathalelwa kwabantwana uthi nabani na onayo nantoni na yokwenza nokugcina abantwana -umzekelo ootitshala, oonontlalo-ntle, kunye noogqirha - nabathi barhane ukuba umntwana uphatheke gadalala, kufuneka bakuxele oku kwiSebe leeNkonzo zoLuntu. UMthetho ongunombolo 133 ka 1993 (iCandelo 4), oThintela ubuGebenga phakathi koSapho uthi impatho-gadalala erhanelekayo kubantwana kufuneka ixelwe kwilungu lamapolisa okanye kumsebenzi ojongene nonentlalo-ntle yabantwana okanye unontlalo-ntle.


IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO EZILUNCEDO

Imibutho eyahlukeneyo ingaluncedo kumatyala okuphathwa gadalala kwabantwana:

* Rapcan - wokunqanda ukuphathwa gadalala kwabantwana: Inombolo yomnxeba: 021 448 9034, ifeksi: 021 448 9042
* Childline South Africa: Inombolo yomnxeba engahlawulelwayo esebenza iiyure ezingama-24 - 0800 055 555.
* iCandelo Lamapolisa Elijongene Nokhuseleko Lwabantwana
* iLifeline Southern Africa: Inkonzo yoncedo ngexesha lobunzima esebenza iiyure ezingama-24 (Uluhlu lwamaziko neenkqubo zoncedo)
* iRapeCrisis, yaseKapa: Inombolo yomnxeba: 021 447 1467



IMIYALELO:

Kukho amaziko ezempilo angama-52 kwiphondo azinikele kulawulo lwabantwana nabantu abadala abakhe baphathwa gadalala. Ukuba awunakho ukuya kwelinye lala maziko, yiya kwiziko lezempilo elikufutshane nawe.Ukuba urhanela ukuba umntwana ukhe waphatheka gadalala, ungamsa ngqo kwikliniki yoncedo lwezempilo. Abantwana abaphethwe gadalala bangathunyelwa kwikliniki liCandelo loKhuseleko lwaBantwana, ipolisa okanye unontlalo-ntle.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)


IXABISO:

Mahala.




This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Integrated Case Management Guidelines: Child Abuse (Izikhokelo/Incwadi yezikhokelo/Imiyalelo) (File type: pdf; size: 394 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Stopping Sexual Harassment at School - For Learners (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf; size: 389 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Treatment Guidelines for the Use of AZT for the Prevention of HIV Transmission to Children who have been Sexually Abused (Izikhokelo/Incwadi yezikhokelo/Imiyalelo) (File type: pdf; size: 98 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Abuse No More (IiNkcukacha Zoluntu) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 13 uDisemba 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





