






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezempilo > Imveku & Nomntwana > Inkonzo Ehlanganisiweyo Yolawulo Lwezigulo Zabantwana

Inkonzo Ehlanganisiweyo Yolawulo Lwezigulo Zabantwana




INKCAZELO:

ULawulo oluHlanganyelweyo lweziGulo zaBantwana lusekwe liCandelo lezeMpilo yaBantwana noPhuhliso, loMbutho wezeMpilo kaZwelonke kunye neUNICEF. Le Nkonzo ithe yaziswa kumazwe angaphezulu kwama-30 kulo lonke eli limiweyo ukujongana nokugula kwanokufa kwabantwana abangaphantsi kweminyaka emihlanu. Obu buchule bugxile kumntwana ephelele, andaweni yokuqwalasela isifo esinye okanye imeko enye. Abantwana abagulayo bakholisa ukufika kumaziko oncedo lwezempilo benezigulo ezininzi baze kufuneke bajongwe ngokuhlanganyelwa phakathi kwekhaya nekliniki.

Bamalunga ne-12 lezigidi abantwana kumazwe akhulayo abasweleka phambi kokuba bafike kwiminyaka emihlanu minyaka le, uninzi lwabo basweleka kunyaka wabo wokuqala bezelwe. Isixhenxe eshumini kwabo baswelekayo babulawa zizifo ezihlanu ezingundoqo: izifo ezihlasela zosulele ngokuphefumla (ikakhulu isifo sokukrala kwemiphunga), utyatyazo, irhashalala, ukungondleki, nesifo necesina ebangwa kukulunywa ziingcongconi ezineentsholongwane zesi sifo (nefumaneka kuphela kwaZulu/Natal, eMpumalanga naseLimpopo.)

Izikhokhelo zeSebe lezeMpilo leNtshona Kapa ziveziwe ukuzalisa uluhlu loMbutho wezeMpilo kaZwelonke kwanokulutshintsha ukuze ludibanise iimeko eziphambili ezichaphazela abantwana ingakumbi kwiNtshona Kapa. Ezi zigulo zithi zonganyelwe ukususela ngethuba leveki enye umntwana ezelwe ukuya kutsho kwiminyaka emihlanu.


* utyatyazo
* izifo ezihlasela zosulele ngokuphefumla (kuquka umbefu)
* izifo zangentla ezihlasela zosulele ngokuphefumla (kuquka usulelo lwendlebe)
* ukungondleki
* isifo sephepha
* UGawulayo nentsholongwane yakhe
* Ukuphathwa gadalala kwabantwana
* Ukudumba kwenwebu yobuchopho
* Ukulawula umntwana onesifo esongamelayo.

Abasebenzi boncedo lwezeMpilo baqeqeshelwe ukuchonga abantwana abanezi zigulo. Abantwana abagulayo bavavanywa ngokwezibonakaliso neempawu zabo. Unyango luyanikezelwa xa oko kuyimfuneko, aze umgcini womntwana okanye umzali anikwe iingcebiso ngezinto ezilandelayo ekufuneka ezenzile malunga nesigulane eso. Abantwana abagula kakhulu bathunyelwa esibhedlele ngokungxamisekileyo, abangaxhalabisiyo noko baye bafumane unyango olulodwa kwinqanaba loncedo lwezonyango nasekhaya, abo bagula ngokungephi baye banikwe unyango noncedo lweengcebiso


IMIYALELO:

Ukuba undwendwela okokuqala kwiziko lezeMpilo, kuza kufuneka ugcwalise ifomu ze uvulelwe uqweqwe lokugcina amaphepha. Yiza neNcwadana yakho yesazisi, nalo naliphi iyeza okanye iipilisi ozisebenzisayo kunye nekhadi lakho lasekliniki okanye lasesibhedlele, ukuba wawubhalisile ngaphambili kwiziko loncedo. Yiza neTshati yomntwana ebizwa ngokuba yiTshati yeNdlela esingise eMpilweni.Amaziko okubelekisa okanye iikliniki zoncedo lwezonyango kunye namaziko, zithi zinikezele ngolawulo oluhlanganyelweyo lwezigulo zabantwana. Ukuba ngaba uye wena okanye umntwana wakho wathunyelwa kumgca ongentla, uya kuthunyelwa kwisibhedlele sengingqi esisedolophini okanye elalini, okanye kwisibhedlele somgangatho ophezulu.

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)


IXABISO:

Iinkonzo azihlawulelwa kumaziko onyango lwezempilo.




This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Integrated Management of Childhood Illness (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf; size: 75 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Integrated Management of Childhood Illness in the Western Cape (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf; size: 58 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* You can Help your Child with Diarrhoea (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf; size: 263 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela okanye ngesiBhulu)
* Inkqubo Ehlanganyelweyo Yesondlo (IiNkonzo)
* Unyango lwabantwana abaphethwe gadalala (IiNkonzo)
* Key Points about HIV/AIDS (IiNkcukacha Zoluntu) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela okanye ngesiBhulu)
* The South African Tuberculosis Control Programme Practical Guidelines (Izikhokelo/Incwadi yezikhokelo/Imiyalelo) (File type: pdf; size: 423 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Ugonyo (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 2 uDisemba 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





