Ingaba abaMeli beMpilo noKhuseleko bonyuliwe emsebenzini wakho?
Abahloli beSebe lezeMisebenzi baza kube betyelela imisebenzi ukuza kukhangela ukuba ingaba abaMeli beMpilo noKhuseleko bonyuliwe na kunye nokuba ingaba iiKomiti zeMpilo noKhuseleko zisebenza ngokwemigqaliselo yomThetho weMpilo noKhuseleko lwaseMsebenzini, 1993.
Ukuba ngaba umqeshi uqeshe ngaphezulu kwabasebenzi abangama-20 kwaye ishishini sele lisebenze ngaphezulu kweenyanga ezine ngoko ke impendulo kule mibuzo ilandelayo kufuneka ibe ngu ewe.
UMBUZO
EWE 
HAYI
1. Ingaba umqeshi nabasebenzi baye badibana omnye nomnye ngokuphathelene nolonyulo okanye ukhetho,
ixesha lokubamba i-ofisi, imisebenzi nokonyulwa kwabaMeli beMpilo noKhuseleko lwaseMsebenzini?
2. Kwimisebenzi efana neevenkile nee-ofisi: ingaba okungenani umMeli weMpilo noKhuseleko
lwaseMsebenzini wonyulwa kwi-100 ngalinye labasebenzi okanye inxenye ngaphaya koko?
3. Kweminye imisebenzi, efana neefektri: ingaba okungenani umMeli weMpilo noKhuseleko lwaseMsebenzini
wonyulwa kuma-50 ngamanye abasebenzi okanye inxenye ngaphaya koko?
4. Ingaba abaMeli beMpilo noKhuseleko lwaseMsebenzini abonyuliweyo bangabasebenzi abasebenza isigxina
kwaye ingaba bayazazi iimeko zomsebenzi abaqeshelwe zona?
5. Ingaba yonke imisebenzi ephathelene nokonyulwa, imisebenzi kunye noqeqesho lwabaMeli beMpilo
noKhuseleko lwaseMsebenzini yenziwa ngexesha leeyure eziqhelekileyo zomsebenzi?
6. Ingaba bonke abaMeli beMpilo noKhuseleko lwaseMsebenzini bonyulwa ngokubhalwe phantsi?
7. Ingaba bonke abaMeli beMpilo noKhuseleko lwaseMsebenzini balunikiwe ulwazi ngokuphathene:
• Nokuqhuba uphicotho lwempilo nokhuseleko?
• Nokuqhuba uphicotho lwempilo nokhuseleko?
• Ukuphanda izehlo?
• Ukwenza izincomo ngokuphathelene nempilo nokhuseleko?
• Ukuqhuba uhlolo?
• Ukuya kwiintlanganiso zeekomiti zempilo nokhuseleko?
8. Okungenani iKomiti yeMpilo noKhuseleko lwaseMsebenzini isebenza kumsebenzi ngamnye apho umqeshi
kuye kwafuneka ukuba onyule abaMeli beMpilo noKhuseleko lwaseMsebenzini ababini okanye ngaphezulu?
9. . Ingaba zonmke iiKomiti zeMpilo noKhuseleko lwaseMsebenzini zisebenza ngale ndlela ilandelayo:
• Ukubamba iintlanganiso kaninzi kangangoko kukho imfuneko kodwa okungenani kanye qho kwiinyanga
ezintathu?
• Ukwenza izincomo kumqeshi ngokuphathelene nemicimbi yempilo nokhuseleko?
• Ukuxoxa ngezehlo?
• Ukugcina irekhodi yazo zonke izincomo ezenziweyo?
• UmMeli weMpilo noKhuseleko lwaseMsebenzini ngamnye ulilungu okungenani leKomiti enye?
• Inani labantu abonyuliweyo ngumqeshi ukuba basebenze kwiKomiti alilodluli inani labaMeli beMpilo
noKhuseleko lwaseMsebenzini abasebenza kwakulo Komiti inye?
• IKomiti imisela iinkqubo, ixesha nendawo yeentlanganiso?
• Usihlalo wonyulwe yiKomiti?
Ii-Ofisi zamaPhondo eSebe lezeMisebenzi
