






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezempilo > Intsholongwane kaGawulayo/uGawulayo > Ukunyangwa kokosulelwa zizifo ezinamathuba athile

Ukunyangwa kokosulelwa zizifo ezinamathuba athile




INKCAZELO:

Lukhona unyango lwezifo ezinamathuba athile , kwaye ziyanyangeka , azifani neNtsholongwane kaGawulayo. Ezo zifo zidibanisa urhudo, isifo sephepha, ukungenwa yingqele ngaphakathi nekhandida enokufunyanwa lula ngumntu onesifo seNtsholongwane kuba amajoni akhe okulwa nezifo akomelelanga. Lukhona unyango lokosulelwa zizifo ezinamathuba athile kubantu abaneNtsholongwane kaGawulayo/Gawulayo nabangenaye. Kufuneka baye ekliniki, abantu ababonakalisa impawu zezizifo, apho baza kunikwa amayeza aza kulwa nezi zifo, abonise ukuba ziyazehlisa ngama-50% kubantu abanoGawulayo. Iphondo eli liyinxenye yeNkqubo yokuDibana iDiflucan, eyenza ichiza iDiflucan efumaneka kwiindawo zamancedo eziyi-62, ama-39 ayo afumaneka kwiikliniki zempilo yokuqala. Eli chiza linyanga ipaseji ephakathi komqala nesisu (oesophageal candidias) nokukrala kwenwebu yentloko (cryptococcal meningitis).Khumbula ke xa uye kwangethuba ekliniki uyokuzihlolela iNtsholongwane kaGawulayo noGawulayo, uze uzifumanise ukuba uneNtsholongwane kaGawulayo ,ungalifumana kwangethuba unyango lokuthintela oku kosulelwa zezizifo zinamathuba okuvela.


IMIYALELO:

Ungalufumana unyango kuwo onke amancedo ononophelo lokuqala lwempilo. Xa kuyimfuneko ungasiwa kwikliniki eyodwa kaGawulayo ( specialist Aids clinic) ekwisibhedlele iGF Jooste ekwingingqi yeMetropole. Zingama-20 iikliniki zikaGawulayo onokuthunyelwa kuzo kwiphondo.Abantu abaqalayo ukundwendwela ikliniki/ isibhedlele esikumgangatho ophakathi nokowesithathu baza kucelwa bazalise ifomu ukuze bavulelwe nefolda. Kufuneka beze nencwadi yabo yesazisi. Kananjalo beze neleta ebasusa ekliniki ibase esibhedlele xa bendwendwela isibhedlele. Izibhedlele ziza kucela isijungqe sabo sokwamkela senyanga yokugqibela ( payslip) /umhlolo wabo womvuzo (IRP). Kufuneka uze nekhadi lakho lasesibhedlele ukuba ubukhe weza esibhedlele ngaphambili.


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* Iiklinikhi


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Inkqubo Yokuthintela Ukunwenwa Kwesifo Sephepha (IiNkonzo)
* You can Help your Child with Diarrhoea (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf; size: 263 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela okanye ngesiBhulu)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 3 uAgasti 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





