IMpilo kunye noKhuseleko lwalapho kwaKhiwa khona
Ulawulo lwempilo kwakunye nokhuseleko
Xa ulawula ishishini lakho, uya:
Uyalazisa  iSebe lezeMisebenzi ngomsebenzi wakho wokwakha njengoko umThetho weMpilo kunye noKhuseleko lwaseMsebenzini ufuna kwenziwe oko (OHS)?
Uyazinika ixesha elaneleyo ukuceba, ukulungiselela kunye nokulawula umsebenzi wakho?
Qwalasela kanye okwenzekayo ukanti uthathe inxaxheba kwizehlo zengozi?
Unayo indlela yokulawula ezempilo kunye nengozi kwindawo ezibandakanya abameli bempilo nabokhuseleko kunye nekomiti yezempilo kunye nokhuseleko?
Unaye umntu onokuya kuye xana ufuna ingcebiso ngezempilo nokhuseleko?
Xela iingozi
Xa umntu omqeshileyo, okanye osebenza esizeni sakho efumana ingozi qiniseka ukuba: 
Wazisa iziko labasebenzi elikufutshane nawe ngokukhawuleza xa ingozi ibulala okanye ibandakanya ukwenzakala kwendawo ezibalulekileyo, njengokwaphuka, ukusikwa, okanye ukuvaleka amehlo.
Xela nayiphi ingozi enxulumene nomsebenzi engunobangela wokungabikho emsebenzini intsuku ezingaphezulu kweshumi elinesine.
Xela xa ilungu loluntu libulewe okanye lithunyelwe esibhedlela ngenxa yengozi enxulumene nomsebenzi wesiza sakho.
Qesha 
Xa uqeshe okanye ulawula abantu abakwenzela umsebenzi, uyaqinisekisa ukuba: 
Baqeqeshiwe banazo izakhono zokwenza umsebenzi ngokukhuselekileyo  ngaphandle kokubeka impilo zabo engozini okanye eyabanye?
Bakhangelwa ngendlela elungileyo banikwe imiyalelo ecacileyo? 
Banazo izixhobo zomsebenzi ezilungileyo, impahla, imatshini kwakunye nempahla ezikhuselayo?
Uxoxa nabo kunye nabameli babo ngemiba yempilo kunye nolondolozo?
Ukuqesha omnye umntu ukuba akwenzele umsebenzi
Xa uqesha omnye umntu ukuba akwenzele umsebenzi, uya:
Ukhangela qho inkqubo yempilo kunye nokhuseleko lwabo bantu uceba ukubasebenzisa?
Ubanike ulwazi ngempilo nokhuselo abalufunayo ngomsebenzi?
Uxoxe ngomsebenzi nabo ngaphambi kokuba baqale?
Uqinisekise ukuba ubanikile yonke into ovumelene nabo ngayo (umzekelo amanqwanqwa abathi  bakhwele kuwo xabesakha akhuselayo, izixhobo ezilungileyo, nokufikelela kumancedo, nezinye)?
Ukhangela qho ukuba baqhuba njani ufake uncedo apho kusilela khona?
Ufikelelo kwisiza    
wonke umntu ufikelela ekhuselekile kwindawo yokusebenzela ukanti asebenze ekhuselekile?
Iindlela zokungena zikwisimo esilungileyo zinempawu ezibonakalisa ngokucacileyo?
Iziphelo apho abantu  banokuthi bawele khona, zinazo izinto ezinokuthi zibaxhase kakuhle okanye olunye ukhuselo ulukulungeleyo esiphelweni?
isiza sicocekile zona impahla ziselugcinwe khuselekileyo?
Umbane wanele?
Izibonelelo
Izindlu zangasese ziyafumaneka, zigcinwe zicocekile zilayitile kakuhle?
Zikhona izitya zokuhlambela, amanzi ahambayo, isepha, kunye namalaphu okosula alahlwayo?
Ikhona indawo yokutshintsha, ukomisa, kunye nokugcina impahla?
Amanzi okusela akhona?
Izikefele 
Ingaba izikefele zimisiwe, ziyatshintshwa, ziqhaqhwe ngabantu abakulungeleyo ukwenza oko?
Ingaba zikhona izithinteli ezisebenzayo, okanye izaziso ezilumkisayo ezibekiweyo ukuthintela abantu ekusebenziseni izikefele ezingaqgitywanga,umzekelo, apho indawo abathi bame kuzo xa besebenza zingenziwanga kakuhle?
Ingaba izikefele zigcinwe ngokufanelekileyo?
Ingaba umntu okufaneleyo ukwenza oko usikhangela qho isikefele, umzekelo nokuba kukanye ngeveki, rhoqo emveni kokuba sitshintshiwe, sonakele nasemva kwemozulu ebinetha, kunye nomoya omkhulu?
Iingxelo zokulolongwa kwaso ziyashicilelwa?
Amathuba engxakeko 
Ingaba zikhona iinkqubo zamathuba engxakeko, umzekelo, ukuphuma esizeni ngexesha lomlilo? 
Ingaba abantu abasesizeni bayayazi ukuba ziyintoni  ezi nkqubo?
Ingaba ikhona indlela yokukhalisa ialam, ihlolwa nini?
Ingaba ikhona indlela yokunxulumana neenkonzo zengxakeko esizeni?
Ingaba zikhona iindlela ezikulungeleyo ukuphuma zihlala zicacile?   
Akhona amalungiselelo oneleyo oncedo lokuqala?
Izinto ezinobungozi
Uziphawulile zonke izinto ezinobungozi kunye nempahla yokusebenza, efana ne asbestosi, ilothe, izinyibilikisi, ipeyinti, isamenti kwakunye nothuli?
Banalo ulwazi abasebenzi  kunye noqeqesho ukuze bazi ingozi ezikwizinto ezinobungozi ezisetyenziswa neziveliswa esayithini,  ukuba kufanele benze ntoni okanye banxibe ntoni ukuze baphephe okanye banciphise ezingozi?
Uphawulile wazibeka izilumkisi endaweni ukunqanda okanye ukulawula ukuhlangabezana nezinto ezinobungozi, ngoku:
-ngokwenza umsebenzi ngendlela eyahlukileyo, ukususa ubungozi bungabikho kwabona     ingaba ikwabandakanya ukwenziwa komsebenzi ngoomatshini endaweni yabantu?
-Usebenzisa impahla yokusebenza enobungozi obuncinane?
-Usebenzisa  izixhobo ezilulungeleyo uthuli?
Ingxolo
Abasebenzi banalo ulwazi  noqeqesho ukuze bazi ubungozi obukwingxolo esayithini, kunye nokwazi ukuba kufanele benze ntoni ukunqanda ezongozi?
Uphawulile, wachaza ngezinto ezinokwenzeka kubasebenzi xa behlangabezana nengxolo?
Ingxolo inokuncitshiswa ngokusebenzisa indlela zokusebenza okanye kukhethwe imatshini ezingangxoliyo, umzekelo, ngokusebenzisa izaphuli ezikulungeleyo nezinye izixhobo okanye iimatshini ezinezithulisi?
Lukhona ukhuseleko olufanelekileyo olunikiweyo olunxitywa kwindawo ezinengxolo?
Umbane kunye nezinye iinkonzo
Ingaba zonke iinkonzo ezifunekayo esizeni zinikwe phambi kokuba umsebenzi uqale, uzichazile iinkonzo ezikhona esizeni ( umzekelo iingcingo zombane okanye imibhobho enikezela ngegesi) wathatha amanyathelo angawo, xakukho imfuneko, ukunqanda ingozi kubo?
Izixhobo kunye nempahla yokusebenza iyakhangelwa ngabasebenzi, ivavanywe esizeni kanti ihlolwe, ilingwe rhoqo ngumntu onesakhono kuloo nto?
Xa kukhona iintambo eziphezulu, umbane uyacinywa, okanye ezinye izilumkisi ziyenziwa, njengokunika izikhundla okanye iteyipi eziphawulweyo
Ingaba sikhona iSiqinisekiso sokuThobela sofakelo olutsha esizeni?
Khusela uluntu
Umsebenzi ubiyelwe ebantwini?
Indlela zokusebenza zithentelwe zilayitiwe?
Uluntu lukhuselekile kwimpahla ewayo?
Xa umsebenzi wosuku ugqityiwe :
 Imisele nemingxuma ivalwe ngokhuseleko  okanye ibiyelwe 
Izixhobo zivaliwe ukunqanda ukusetyenziswa ngokungekho mthethweni?
Izinto ezinokuthi zivuthe okanye ezinobungozi zitshixelwe kwindawo zogcino ezikhuselekileyo?
Umntu ono kudibana naye 
ISebe lezeMisebenzi 
I-Ofisi eyiNtloko
ICandelwana eliyiNtloko leMpilo noKhuseleko lwaseMsebenzini
Rhoda Mbeki (012) 309 4388
Phumudzo Maphaha (012) 309 4316
Tibor Szana (012) 309 4389
