






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezempilo > Iinkonzo Ezingxamisekileyo > Indlela yokuhambisa abagulayo engxamisekileyo nohlangulo

Indlela yokuhambisa abagulayo engxamisekileyo nohlangulo




INKCAZELO:

Amaqurhu awahlukeneyo oMbuso nangekho phantsi kukarhulumente abonelela ngohlangulo olungxamisekileyo kwaneenkonzo zothutho. Ezi nkonzo zoncedo olungxamisekileyo zibonelela ngoncedo kuloo ndawo yengozi kwizigulana ze zithwale izigulana zizise ezibhedlele. Ezi nkonzo eNtshona Koloni zinikezelwa yi:
* iinkonzo zakwaMetro
* Inkonzo yoMoya eyiRed Cross Mercy ( Red Cross Air Mercy Service)
* Imibutho yonyango lokuqala

IINKONZO ZAKWAMETRO

UMetro unceda abantu abagulayo ixesha elingangeeyure eziyi 24 aze akhuphe izithuthi zabagulayo nabenzakeleyo abase kumancedo onyango afanelekileyo.

INtshona-koloni inezithuthi ezimalunga nama 400, ezidibanisa nezohlangulo, ezoncedo olungxamisekileyo, ezokuthutha izigulana kunye nee-ambulensi. iAmbulensi nganye inabantu ababini abaqeqeshiweyo abazakunika ulondolozo olungxamisekileyo. Uncedo olo lukhutshwayo luxhomekeke kwiziqu zemfundo abanazo, oluquka inkxaso yobomi yokuqala, ephakathi, nekwinqanaba eliphezulu Izidanga zemfundo zokuhlangula zixhobisa istafu ngolwazi nobuchwephesha obufunekayo ekuncedeni iimeko zonyango zohlangula ezikumgangatho ophezulu. iBhunga leeNgcaphephe zokungxamisekileyo/ zikaXakeka zoMzantsi Afrika zalatha imfundo namanyathelo/migangatho yoqeqesho elungiselela iStafu soLondolozo lukaXakeka/ oluNgxamisekileyo kwaye lufuna ukuba babhalise ngaphambi kokuba bakwazi ukusebenza.

Impendulo ekhutshwayo yononophelo olungxamisekileyo lwezonyango nexesha elithathwayo ukusa abantu ezibhedlele lixhomekeke kubunjani bengxaki yesigulana nobude bamancedo ukusuka kweso siganeko,okanye kulo ndawo inengozi.

Xa abantu befuna uncedo kufuneka banike le ngcaciso ilandelayo:
* indawo echanelekileyo enesehlo eso, ukwenzakala okanye isigulo
* ubunjani bengxaki yonyango okanye imeko yohlangulo
* inombolo yefowuni ekunokuthi kufowunelwe kuyo xa kukho into.


Ukuze inkonzo enempumelelo iqhube isebenza, abantu mabayisebenzise inkonzo ye ambulensi xa kukho ingxaki ngenene.

INKONZO YOMOYA EYIRED CROSS MERCY ( Red Cross Air Mercy Service)

Inkonzo yoMoya eyiRed Cross Mercy isetyenziswa xa abantu abagulayo besuka kwindawo ezikude besiya kwizibhedlele zodidi lwesithathu eKapa. Le nkonzo ayisetyenziswa ngqo ngabantu koko isetyenziswa zingcali zezempilo.

IMIBUTHO YONYANGO LOKUQALA

Imibutho yonyango lokuqala iquka neSt John Ambulance, SA Red Cross Society Western Cape and SA first League ezithi zinike uncedo kwiiNkonzo zakwaMetro, kwakhona zinike uncedo lokuqala kwezemidlalo nakwiminyadala yezenkcubeko

Amavolontiya abaluleke kakhulu kule nkonzo kwaye akhona amaqela amavolontiya kwiidolophu zonke zeNtshona koloni. La maqela afumaneka kwiinkonzo ze-ambulensi kwiingingqi zone eNtshona Koloni. Ukongeza jonga iinombolo ngezantsi.

Xa ufuna ukuba livolontiya ungadibana neCandelo lenkonzo lasePinelands kule nombolo 021 511 5154 uze ucele umlungelelanisi wamaqela amavolontiya. Kumaxesha amaninzi uza kuya kudliwano-ndlebe, emva kokuba ujoyinile ke njengevolontiya uza kuya kwimisebenzi yee- ambulensi. Kuza kufuneka uye kumgangatho woku 1,2, 3 nekhosi ezintathu enikwa ngabantu abasebenza kwinkonzo yonyango (paramedics). Uphinde usiwa kwiikhosi ezimfutshane kwi- Academy of Emergency Medical Care eCape Technikon.
Nazi ndawo ezibalulekileyo onoqhagamshelana nazo:
* i-St John Ambulance, ifowuni (021) 461 8420;
  emva kweeyure zomsebenzi; ezikaxakeka (021) 423 3333
* i-SA Red Cross Society Western Cape: ifowuni (021) 797 5360; redcape@africa.com
* i-SA First Aid League, ifowuni (021) 984 62 94



IMIYALELO:

Xa ufuna ulondolozo lonyango olukhawulezileyo fowunela i Nombolo kaXakeka yoNyango lweSizwe engu 10177 kwaye i ambulensi iza kukhutshwa kwenye yala maziko ase Ntshona koloni. Ukongeza i Provincial Emergency Medical Services ingafumaneka kwezi nombolo( ngeeyure zemisebenzi qha)

uNdlunkulu
021 948 9908

Metro
021 511 6154

West Coast
022 433 2380

South Cape
044 874 7458

Boland/ Overberg
023 342 2698


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)


IXABISO:

Wonke umntu uza kuyinikwa le nkonzo isekelezelwe kwintlawulo.Ukuba ukwiskimu se medical aid uza kubhataliswa imali efanayo yesigulana ekuvunyelwene ngayo kwiiskimu zeMedical aid,.ukuba akunayo uza kwabhataliswa ngokomvuzo owamkelayo.




This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Ukucela Uncedo Olungxamisekileyo (IiNkonzo)
* Regulations Governing Ambulance Services in the Western Cape (Izikhokelo/Incwadi yezikhokelo/Imiyalelo) (File type: pdf; size: 1013 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Western Cape Ambulance Services Act, 2003 (UMthetho) (File type: pdf; size: 204 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* UMnxeba weSibhedlele Sabantwana i-Red Cross Wokunikezela Ingxelo Ngetyhefu (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 11 uMatshi 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





