






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Amaziko > Ezempilo > Amaziko Awodwa Ononophelo Lwempilo > iZiko Leetuthuzelo laseNtshona Koloni

iZiko Leetuthuzelo laseNtshona Koloni




INKCAZELO:



Ukuphehlelelwa kweZiko Zeetuthuzelo laseNtshona Koloni
Amaziko Eentuthuzelo esibhedlele iKarl Bremmer and Conradie zihlanganiswe zalelihlangeneyo iZiko Leentuthuzelo laseNtshona Koloni .

Eli Ziko llihlangeneyo ke sele liliziko elikumgangatho ophezulu eliqhutywa ziingcali ekubuyiseleni abantu kwiimo zengqondo nezomphefumlo zesiqhelo elijongana nokwamkela abantu abathunyelwe ngawo onke amanqanaba eenkonzo zeentuthuzelo (kwinqanaba lesithathu, elesibini, elezithili kwaneenkonzo zenqanaba lokuqala). Izigulana nazo sizenokuzithumela kwiklinikhi yezigulana ezingalaliswayo leli Ziko ukuze zifumane ukuhlolwa ngeenjongo zolawulo.


* Umbono Neenjongo ze-WCRC
* Iinkonzo
* Amanye Amaziko
* Iziphumo


UMBONO NEENJONGO ZE-WCRC:

iZiko iWCRC le lizinikele ekuthuthuzelweni nasekubuyiselweni kwimeko yesiqhelo kwabantu abakhubazeke ngokwasenyameni ngokuthi:
* Linikezele ngenkonzo yentuthuzelo neyobuyisela kwimo yesiqhelo nejolise ekubuyeni neziphumo ngendlela enika inkxaso nekhuselekileyo
* Likwenze oko lisebenzisa indlela yokusebenzisana kwamacandelo ahlukeneyo
* Libe nabasebenzisa abanezakhono nabazinikeleyo emsebenzini wabo
* Lixhobise ngezakhono ze lakhe namatyathanga entsebenziswano noluntu ngokubanzi
* Liphakamise amanyathelo ophando nawoqeqesho.


IINKONZO ZE-WCRC

Le WCRC inikezela ngenkonzo yentuthuzelo nokubuyisela kwimo yesiqhelo ekumgangatho ophezulu kwakunye neenkqubo ezijoliswe eluntwini olonzakele nolunezigulo ezilwenza lukhubazeke unaphakade. Eli ziko lineebhedi ezingama-240 kwakunye neklinikhi evulwa ntsuku zonke. Ezona nkqubo zeentuthuzelo zinikezelwa apha ziquka
* Ukunkonka
* Ukonzakala Kwethambo Lomqolo
* Ukusikwa Kwelungu Lomzimba (ukuthuthuzelwa ukuze ube nokumelana nokususwa kwelungu elithile lomzimba wakho)
* Iimvavanyo zasekhayeni okanye kwindawo yokusebenzela
* Iklinikhi Yesigulo sethambo lomqolo
* Iiklinikhi ezikumgangatho ophezulu wobungcali wokuhlaliswa kwizitulo zabantu abakhubazekileyo ezihambayo
* Iiklinikhi zamagxa, zezandla nezijongene nomchamo.


Ngokweemfuno zabantu beli phondo, iWCRC le iya kulungiselela uluntu olufikelela ku-485,950. Oku ke kuthethe ukuba ibhedi nganye iya kusetyenziswa ngabantu aba-3,115 kwabo bayisebenzisayo le nkonzo apha eNtshona Koloni.

I-WCRC le ikwanikezela nangesikhundla esisodwa seentshukumo zophando nezoqeqesho kuthotho lwabasebenzi becandelo lononophelo lwezempilo, basebenzi abo baquka oogqirha, abongikazi, iingcali zononophelo lwempilo yomzimba, iingcali zononophelo lwempilo yomsebenzi, iingcali zononophelo lwempilo yokuthetha, oonontlalo-ntle, njalo-njalo, ndawonye nabasebenzi abawuyelanga sikolweni umsebenzi wononophelo lwempilo abanjengabo banonophela izigulana emakhayeni azo.

IZIXHOBO EZONGEZELELEKILEYO KWIZIKO ELITSHA I-WCRC

I-The Lodge: Kubantu abahlala apho nabanonopheli abafumana uqeqesho, inkxaso, intuthuzelo; ze nakwizigulana ezilaliswayo zeengingqi ezisemaphandleni emva kokuqoshelisa inkqubo yokuthuthuzelwa kwabo.

iStepping Stones: Le ke yindawo yokuhlala yexeshana eyenzelwe abantu abakwinqanaba labo lokugqibela lale nkqubo yokubuyiselwa kwisimo sesiqhelo

Izixhobo zemidlalo kwanezinye ezayameneyo: Le ke yingingqi yonyango ngamanzi ekwindawo engaphakathi yokuzilolonga, ekwibala lomdlalo webhola yomnyazi, izifundo ngokumelana neziphazamiso kubantu abahamba ngezitulo zabakhubazekileyo, izifundo zokuzilolongela ixesha lesitulo sabakhubazekileyo, isitiya sokunqula ngendlela ye-feng shui, kwakunye neqonga lokuqeqesha abantu ukuba bakwazi ukuzilungizselela izitulo zabakhubazekileyo.

Iingingqi ezintathu ezinkulu zonyango, inye kuzo inendawo yokuzilolonga, iingingqi zokuthuthuzela kwakunye neengingqi ze-ADL ezinegumbi lokuphekela, elokuhlambela, elokutyela kwakunye nelokulala.

iCandelo Lantsuku Zonke Lezigulana Ezingalaliswayo elenzelwe uvavanyo lokukhubazeka, uhlalutyo, inzululwazi yokulungiswa nokuthengiswa kwamachiza kwakunye neenkonzo zenkqubo yezifundo zezixhobo zokufota amalungu omzimba

Iiklinikhi Zeengcali Zegumbi Lezigulana Ezingalaliswayo, umzekelo, isifo esichaphazela ithambo lomqolo, ezezandla namagxalaba, uqhaqho-fakelo lwamalungu omzimba, zizfundo ngokuhlaliswa ngamachule kwizitulo zabakhubazekileyo

IZIPHUMO EZINTLE ZELI PHULO LE-WCRC


* Abantu abakhubazekileyo baye baqeshelwa ukuba babe ngamalungu eqela leenjineli ukuqinisekisa ukufezekiswa kwezidingo ezizodwa zabantu abakhubazekileyo.
* Ukuyilwa kophuhliso lwezikhululo zoololiwe zaseMandalay naseLentegeur kwanikezelwa kwinkampani yomnini yokuyila izakhiwo okhubazekileyo ukuqinisekisa ukuba kuyamelwana nemigangatho yokufikeleleka kweendawo kumntu wonke
* Izakhiwo zengingqi erhangqe ezi ndawo zenziwe zakwazi ukumelana neemfuno zabantu abakhubazekileyo (iindawo zokuhamba abantu ezinetha, , iindawo zokuhamba ezipakini, iindawo zokungena kumaziko aneevenkile) kwakunye nokunyanzelisa ukuhamba kakuhle kwezithuthi kwenziwa ukuqinisekisa ukhuseleko lwentshukumo zabantu abakhubazekileyo.
* Amagosa amaziko aseburhulumenteni nawo abonise ukuziphawula iimfuno ezizodwa zabantu abakhubazekileyo.





Umdlalo Webhola Yomnyazi Yabantu Abahamba Ngezitulo Zabakhubazekileyo



INDAWO:

Mitchell's Plain, eKapa


IPHANTSI KO-/ IXHASWA YI-:

Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)


UDIDI LWEZIKO:

Amaziko Awodwa Ononophelo Lwempilo 

IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO:



IDILESI YESITALATO:

kwa-103 eHighlands Drive, eLentegeur, eMitchell's Plain


IDILESI YEPOSI:

Private Bag x 19, eMitchell's Plain, 7789

IMIBUZO GABALALA:



UMNXEBA:

021 370 2300


IFEKSI:

021 370 2400


IINKCUKACHA EZICHAZAYO:

uJenny Hendry nguSekela-Mlawuli ze abe kwayiNtloko yeli Ziko
uMaryna Smit yena nguMncedisi-Mlawuli: Kwezokonga
u-Abie de Reuck naye nguMncedisi-Mlawuli: Kwezolawulo
uCarin Roux nguMncedisi-Mlawuli: Kwiinkonzo Zonyango
uJimmy van Rooyen naye nguMncedisi-Mlawuli: Kwiinkonzo Zeeklinikhi.





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Iinkonzo Zokunyangela Ukubuyela Kwimo Yesiqhelo (IiNkonzo)
* Iinkonzo zokufakela amalungu angozenzele (Prosthetic and Orthotic) (IiNkonzo)
* Donating Wheelchairs to the Western Cape Rehabilitation Centre (WCRC) (Izikhokelo/Incwadi yezikhokelo/Imiyalelo) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 6 uNovemba 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





