UMkhuseli woLuntu ukhulula isebe lentetho engenasihlahla yezopolitiko lweqela

Isityholo sokuba iingxowa-mali zikarhulumente ezasetyenziswayo liSebe loPhuhliso loLuntu laseRhawutini ukuqhubela phambili i-ajenda yeqela lezopolitiko zazingafumaneki, uphengululo olwalusenziwa yi-Ofisi yoMkhuseli woLuntu (i-OPP) lwabhengeza.

I-OPP iphengulule umba apho iLungu lePalamente likhalaze ukuba isingqiniso esiya kwi-African National Congress (i-ANC) ku-MEC wangelo xesha, kwintetho yohlahlo-lwabiwo mali lukaKgaogelo Lekgoro sasingafanelekanga kwaye singekho semthethweni. intetho ehleliweyo yapapashwa njengopapasho kwiphepha-ndaba.

Ummangali ukuchasile ukuba upapasho luwele kwintetho engenasihlahla yezopolitiko lweqela eyahlawulelwa ngeengxowa-mali zikarhulumente.

Nangona kunjalo, uphengululo lwafumanisa ukuba "kwakungaqhelekanga okanye kungafanelekanga" kwiintloko zezopolitiko zamasebe ukubhekisa kukuqonda kwazo kweempumelelo zeqela lezopolotiko abalimeleyo, xa zisenza intetho kwizindlu zowiso-mthetho kwimiba yomnqweno woluntu.

"ISebe linyanzelwa ngokomgaqo-siseko ukwazisa uluntu malunga nokwenziwa kwemisebenzi kwanokuba zabiwa kanjani iingxowa-mali zikarhulumente ezasetyenziswayo," i-OPP inika ingxelo ilandela uphengululo oluxeliweyo.

"Inkcitho elizenzele ityala ngayo ekubekeni upapasho kumaphepha-ndaba ukwazisa uluntu ngeziqulatho zentetho ka-MEC, ayinakuthathwa njengengagunyaziswanga okanye enxamnye nomthetho."

UMkhuseli woLuntu ufumanise ukuba inkcitho elizenzele ityala ngayo malunga nopapasho zange yenziwe ngelize kwaye ngoko ke ayinakuthathwa njengengenaziqhamo neyilahleko.

