Isibonelelo sabadala abapensheleyo sibuyiselwe emva kongenelelo loMkhuseli woLuntu

Opensheleyo onama-86 eminyaka ubudala waseLimpopo, osibonelelo sabadala sakhe sapheliswa kwiminyaka emithathu eyadlulayo ngokusebenzisa inombolo yesazisi enye nomnye umntu waseFree State, ngoku uncumile esiya kwindawo yokuhlawula, enkosi ngongenelelo loMkhuseli woLuntu.  

UNkosk. Nyasedza Sophia Mphephu welali yaseThononda wagxothwa kwisibonelelo senyanga saseVenda yi-Arhente yoKhuseleko loLuntu lwaseMzantsi Afrika (i-SASSA) ngo-Okthobha ka-2005 ngaphandle kwengcaciso kuye. Uthe rhoqo etyelela indawo yokuhlawula phantse iminyaka emithathu, ebuyela ekhaya ephaca qho.  

Imeko, nangona kunjalo, yaguquka yangcono ilandela ungenelelo leGqwetha uMushwana njengoko isibonelelo sepensheni sikaNkosk. Mphephu sabuyiselwa. Wafumana umyinge wetyala elingekahlawulwa weminyaka emithathu kwaye uMkhuseli woLuntu uqhubeke wandulula ukuba makahlawulwe inzala kwityala elingekahlawulwa. UNkosk. Mphephu wafumana kwakhona ubonelelo lweziqhuma zokutya zeenyanga ezintathu ngethuba i-SASSA yayijongana nengxaki yakhe.

Ingxaki yakhe yeza kuqwalaselo lwe-Ofisi yoMkhuseli woLuntu (i-OPP) ngoMeyi ka-2008 emva kwephepha-ndaba lesithili eLimpopo, i-Capricorn Voice, eyapapasha ibali lakhe. Ngoko nangoko i-OPP yathi gqi kwisenzo sokuphehlelela uphengululo lwesiqalo sayo kumba. 

Uphengululo lufumanise ukuba ukuziphatha kwe-SASSA kwakunxamnye nomthetho njengoko kwakungekho zizathu zikhoyo zokupheliswa kwesibonelelo somxhamli. Kwakhona kwamiselwa ukuba azikho ezinye iindlela zokuphila ezazibekiwe ukugcina umxhamli nosapho lwakhe ngexesha isibonelelo sasiphelisiwe.

Ukulandela okufunyenweyo, iGqwetha uMushwana wabhalela iNtloko yeSigqeba yase-SASSA, endulula ukuba isibonelelo sepensheni sikaNkosk. Mphephu sibuyiselwe nokuba amatyala angekahlawulwa eminyaka emithathu ukuba awahlawulwe, nenzala yawo. 

"UMphathi weSigqeba sesiThili we-SASSA eLimpopo makachonge igqiza lophando, njengoko lamkelwe, ukuphengulula umba wezibonelelo eziphelisiweyo ngenxa yokusebenzisa iinombolo zesazisi ezinye elizakuqalisa ngoko nangoko," litshilo iGqwetha uMushwana. 

Ukwandulule ukuba i-SASSA inike abazuzi, abapheliselwe izibonelelo zabo, iziqhuma zokutya zexesha lonke lophengululo ukubagcina ngethuba i-arhente isombulula ingxaki eyakhokelela kukupheliswa kwesibonelelo.

IGqwetha uMushwana ukwandulule ukuba isixhobo se-SASSA sithetha ukugqibezela uphengululo lwayo kwiinyanga ezintathu emva kokupheliswa kwezibonelelo. 

   

