INCWADI YOKUFUNDISA YEKOMISHINI YENKONZO ZOLUNTU & NE-OFISI YEKOMISHINI YEENKONZO ZOLUNTU ngokuphathelele kwiGatya 14 lomThetho wokuPhucula ufikelelo kuLwazi, 2000 ( umThetho wesi-2 wowama-2000)



IXESHA LEZIMALI: 2006/2007



ISIQULATHO 

1. Imisebenzi yeKomishini yeeNkonzo zoluNtu (PSC) 

2.  Isakhiwo sepsc 

3. Iinkcukacha zoqhagamshelwano zeGosa loLwazi

4. IsiKhokelo seKomishini yamaLungelo oluNtu yoMzantsi Afrika sokusebenzisa lo mthetho  

5. Ukufikelela kwiirekhodi 



5.1 Inkcazelo yemixholo apho i-psc igcine iirekhodi kunye neendidid zeerekhodi ezigcine umxholo ngamnye

5.1.1 Iinkonzo zembumba nomanyano lwesithili 



5.1.2 Uphando kunye nokuhlolwa kwe-hr 



5.1.3 Ukongamela kunye nokuvavanya



5.2 Ukubhengeza ngokuzithandela neerekhodi ezikho ngokuzenzekelayo 

5.3 Inkqubo yokucela 

5.3.1 Xa isicelo sinikwa okanye sisaliwa: 

5.3.2	Umntu usenza njani isicelo sokufikelela kwirekhodi: 

5.3.3	Intlawulo yemali/yomrhumo  

6. Iinkonzo ezikho kuluntu nendlela yokufikelela kuzo 

6.1 Iinkonzo 

6.2 Ulufumana njani ufikelelo kwiinkonzo 



7. Ulungiselelo lokuvumela ukubandakanyeka koluntu ekwenziweni komgaqo nemisebenzi eyenziwayo 



7.1	Ukwazisa umgaqo nomthetho 



8. 	Ukulungiswa okukhoyo ngokuphathelele kwizenzo okanye kwiintsilelo kumthetho 

8.1	Iinkqubo zokuxela okanye zokulungiswa

8.2 	Okunye ukulungiswa okunenkxaso 

8.3	Umsebenzi wokuxela 

9. 	Ukuhlaziywa kwencwadi yokufundisa 

10. 	Ubukho bencwadi yokufundisa 

11. 	Isicelo esiya kumphathiswa sokwenza incwadi enye yokufundisa 











1.	IMISEBENZI YEKOMISHINI YEENKONZO ZOLUNTU (PSC) 



IKomishini yeeNkonzo zoluNtu (PSC) liziko loluntu elizimileyo kwaye elingenakhethe elamiselwa ngokuphathelele kwiGatya 196 lomGaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika, 1996. Umsebenzi nokuxhotyiswa kwePSC, kukuphanda, kukongamela nokuvavanya umbutho nolawulo lweNkonzo zoluNtu. Eli gunya likwaqulethe nokuvavanya iimpumelelo okanye ukusilela kweenkqubo zikaRhulumente. Kunxunyumaniswa namagunya angasentla iPSC inembophelelo yokuphucula amanyathelo ukuqinisekisa ukwenza okufanelekileyo nokulungileyo kwiNkonzo kaRhulumente nokuphucula iinqobo ezisemgangathweni nemithetho-siseko yolawulo loluntu njengoko imiselwe kumGaqo-siSeko kwiNkonzo kaRhulumente xa iyonke. 



Ukugunyaziswa kwe-PSC 



IKomishini ifumana amagunya kwigatya le-195 nele-196 lomGaqo-siseko, 1996. IGatya le-195 limisela iinqobo ezisemgangathweni nemithetho-siseko elawula ulawulo loluntu ekufuneka luphuculwe yiKomishini.  Ezi iinqobo zisemgangathweni nemithetho-siseko yile: 



•	Umgangatho ophezulu weenqobo zemikhwa ezisekweni zobugcisa.  



•	Ukusetyenziswa kwezibonelelo ngokufanelekileyo, ngokoqoqosho nangokusebenzayo.  



•	Uphuhliso oluqhelaniswe nolawulo loluntu.  



•	Iinkonzo kufuneka zibonelelwe ngokungenakhethe, ngobulungisa, ngokulingana nokungathathi cala.  



•	Iimfuno zabantu kufuneka ziphendulwe kwaye uluntu kufuneka lukhuthazwe ukuba luthathe inxaxheba kukwenziwa komgaqo. 



•	Ulawulo loluntu kufuneka lumelwe. 



•	Ukwamkela ukungafihli. 



•	Ukwakha ulawulo lwemicimbi yabasebenzi kunye nokuphuhlisa inkqubela-phambili yobomi. 



• Umelo lolawulo loluntu ngomsebenzi nemisebenzi yolawulo lwabasebenzi esekelwe kubuchule, kukungabi namtsalane bucala, kubulungisa nakwimfuno yokulungisa ukungalingani kwexesha elidlulileyo.	



Ngokuphathelele kwigatya le-196(4) lomGaqo-siseko, 1996, imisebenzi engundoqo namagunya eKomishini ngala: 



•	Ukuphucula iinqobo ezisemgangathweni nemithetho-siseko yolawulo yoluntu emiselwe ligatya 195 lomGaqo-siSeko kwiNkonzo kaRhulumente xa iyonke.  



•	Ukuphanda, ukongamela nokuvavanya umbutho, ulawulo, ukwenza kwabasebenzi beNkonzo zoLuntu, ingakumbi ukubambelela kwiinqobo ezisemgangathweni nemithetho-siseko emiselwe ligatya 195, kunye neenkqubo zeNkonzo yoLuntu. 



•	Ukucebisa ngamanyathelo okuqinisekisa ukusebenza okwaneleyo nokunamandla kwiNkonzo kaRhulumente.



•ukunika icala elijolise ekuqinisewkiseni ukuba iinkqubo zabasebenzi  

  ezinxulumene nokufunwa kwabasebenzi abatsha, utshintsho, ukonyuselwa     

  kunye nokugxothwa kuyangqinelana  neenqobo ezisemgangathweni 

  nemithetho-siseko ebekwe kwiCandelo le-195





•	Ukunika ingxelo ngemisebenzi kunye nokusebenza kwemisebenzi yayo, kuqukwa  nakuphi na okufunyanisiweyo enokukwenza kunye nendlela namacebo enokuwanika; kunye nokunika uhlolo lwalapho kuma khona iinqobo ezisemgangathweni nemithetho-siseko ebekwe kwiCandelo le-195 ukuba lithotyelwe na;



 • ngokwayo, okanye ekufumaneni nasiphi na isikhalazo,

ukuphanda kunye nokuvavanya ukwenziwa kwezenzo zabasebenzi nolawulo loluntu kunye nokwenza ingxelo kwigunya eliyintloko nowiso-mthetho

ukuphanda ngezikhalazo zabasebenzi  kwiNkonzo kaRhulumente eziphathelele kwizwenzo okanye ukungenzi ngokusemthethweni kunye nokwenza izincomo zolungiso olufanelekileyo

ukuhlola nokuphanda ukubambelela kwiinkqubo ezisebenzayo kwiNkonzo kaRhulumente

ukucebisa amaziko esizwe nawamaphondo karhulumente ngokuphathelele kwizenzo kwiNkonzo kaRhulumente, kuqukwa nezo zinxulumene nokufunwa kwabantu abatsha, ingqesho, utshintsho, ukukhutshwa kunye neminye imiba yemisebenzi kwiNkonzo kaRhulumente





Imimandla yokusebenza enguNdoqo 



Umsebenzi weKomishini wakhiwe ngokwale mimandla yokusebenza ilandelayo engundoqo: 



•	Ukuphuculwa kwemithetho elawula ezimisebenzi



•	Uphando lolawulo loluntu 



•	Imikhwa yobuchule esesikweni nokuPhononongwa iziko lemicimbi yabasebenzi 



•	Ukongamela ulawulo 



•	Ubunkokeli nokuphucula ukwenza



•	Ukunikezelwa kweeNkonzo nokuQinisekisa ubuLunga 



Le mimandla icwangciswe kwiinkqubo ezimbini, ezizezi: Uphando nokuPhononongwa kwe-HR kunye nokoNgamela nokuVavanya.



Ezinye zeengxelo ezinikiweyo ezivezwe yi-PSC ziquka phakathi kwezinye izinto, iSimo seNkonzo kaRhulumente.  uPhando lokoNeliseka kwabeMi, ukuLionganiswa kokuSebenzakomNxeba weSizwe noChasene noRhwaphilizo, kunye nokuHlolwa kweNkqubo-sikhokelo kuLawulo lwe-HIV ne-Aids kwinkonzo kaRhulumente.  Uluhlu oluxandileyo lweengxelo ezivezwe yi-PSC luqulethwe kwiCandelo leSaziso le-15  kwaye luyafumaneka kwi-website ye-PSC, www.psc.gov.za



2. ISAKHIWO SEPSC 



Imvelaphi  



IKomishini yamiselwa ngokuphathelele kwiGatya le-196 lomGaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika,1996. UmGaqo-siseko ufuna iKomishini yeNkonzo zoluNtu enye yeRiphabliki yoMzantsi Afrika enamalungu alishumi elinesine, amahlanu awo anyulwa nguMongameli ngokucetyiswa yindlu yomdibaniso weSizwe, ekubeni elinye ilungu lephondo ngalinye limiselwa yinkulumbuso. Ikomishini imele indlu yoWiso-mThetho yeSizwe apho kufuneka inike ingxelo kanye ngonyaka ubuncinane. Kufuneka kwakho inike ingxelo ngemisebenzi yayo kumaphondo , kwizindlu zowiso-mthetho zamaphondo. 



Ukuhambisana nomgaqo-siseko ochazwe ngasentla i-PSC ineekomishina ezili-14: Ezi- 5 iikomishina zisePitoli enye ikomishini ihlala kwiphondo ngalinye. I-PSC ixhaswa yi-ofisi yeKomishini yeNkonzo zoluNtu (OPSC), ephetwhe nguMLawuli-Jikelele, oliGosa elinika iNgxelo. 



Amalungu 



Njengoko kuyimfuneko uMongameli kufuneka onyule amalunga alishumi elinesine ekomishini. Amalungu amahlanu akwi-Ofisi eyintloko ePitoli aze alithoba abe kwiphondo ngalinye. 



Aba balandelayo ngamalungu eKomishini: 



Amiselwe yiNdlu yoWiso-mThetho yeSizwe; 



UNjingalwazi SS Sangweni, usihlalo 

Mnumzana JH Ernstzen, isekela-sihlalo 

UGqirha EG Bain 

Nks MRV Mashigo. 

Nks N Mxakato-Diseko 



Amiselwe ziziNdlu zoWiso-mThetho zamaPhondo: 



Mnu JDS Mahlangu (IPhondo lasemNtla Ntshona) 

Mnu DW Mashego, (Mpumalanga)

Mnu M Msoki, (eMpuma Koloni). 

Mnu KL Mathews, (mNtla Koloni)

UGqirha R Mgijima, (eGauteng ). 

Nks PM Tengeni, (KwaZulu-Natala)

Mnu P Helepi, (eFreyistata) 

UGqirha NV Maharaj, (eNtshona Koloni) 

Mnu KE Mahoai, (eLimpopo). 



Iindlela zokulawula 



Isakhiwo sombutho we-PSC senziwe ngokwenjongo zobuchule kunye nemimandla yokusebenza. 



Umsebenzi weKomishini wenziwe ngokwemimandla emithandathu njengoko kuchaziwe phantsi kwesihloko 1 ngasentla. Le mimandla yahlulwe kumaSebe emisebenzi emibini, ilelo linemimandla egqalisele kuyo emithathu. Amasebe emisebenzi emibini ixhaswa ziiNkonzo eziBumbeneyo  kunye neSebe loDibaniso noMmandla ezinika iinkonzo zolawulo nenkxaso jikelele kumasebe emisebenzi emibini.

Eli Sebe linika ulawulo lwemali nolawulo jikelele, ulawulo lolungiselelo nolwabasebenzi; neenkonzo zolwazi lweteknoloji nonxibelelwano kunye nezinye iinkonzo zenkxaso ezisetyenziswa ekwenziweni komgaqo.



Isebe: IiNkonzo eziButheleneyo neDibaniso noMmandla linika ulawulo jikelele nolwezimali; ulawulo lwabasebenzi nlungiselelo; iinkonzo zonxibelelwano nezekhompyutha kwi O/PSC.



Isebe: UPhando nokuPhengululwa kweMicimbi yabaSebenzi – Injongo yeli sebe kukuba ikomishini ibe nako ukuphucula imicimbi yabasebenzi, nokuphicotha iincwadi zemali zolawulo loluntu nokuphanda nokuphucula imisebenzi echasene norhwaphilizo nokuphonononga ukuzalisekiswa kwemigaqo-nkqubo yemicimbi yabasebenzi kwiNkonzo kaRhulumente. 



ISebe: Ukongamela nokuvavanya –Injongo yeli sebe kukumisa imigangatho ephezulu yobunkokeli benkonzo karhulumente, ulwalulo olufanelekileyo nokuphucula ukuhanjiswa kweenkonzo ngokuthatha inxaxheba koluntu. 





3. IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO ZAMAGOSA OLWAZI NEZAMASEKELA 



UMlawuli-Jikelele we-OPSC, nguNks Odette Ramsingh, liGosa lolwazi ngokuphathelele kukuPhuculwa kukuFikelela kumThetho woLwazi. Iinkcukacha zoqhagamshelwano zikaNks Ramsingh zezi zilandelayo:odetter@opsc.gov.za, umnxeba (012) 352-1005. Aba bantu balandelayo bonyulwe baba ngamaGosa olwazi angamaSekela: 



Mnu Mashwahle Diphofa, uSekela Mlawuli-Jikelele: lokoNgamela 

nokuVavanya 

– Mashwahled@opsc.gov.za , Umnxeba (012) 352-1011 



b. Mnumzana Admil Simpson, uSekela Mlawuli–Jikelele: ukuPhanda

     nokuPhonononga i-HR – admils@opsc.gov.za, Umnxeba (012) 352-1206 



c. Mnu Dumisani Maphumulo, uSekela Mlawuli-Jikelele: WeeNkonzo  

    eziButheleneyo noDibaniso noMmandla – dumisanim@opsc.gov.za. Umnxeba (012) 352-1194, kunye 



4. Mnu Humphrey Ramafoko, uMlawulii: UNxibelelwano neeNkonzo zoLwazi -humphreyr@opsc.gov.za, Umnxeba (012) 352-1196 



Ulwazi jikelele: 



Idilesi yeposi:  	Private Bag X121, PRETORIA, 0001 

Idilesi yesitalato: 	Commission House 



iDilesi yeNdawo	C/o Hamilton and Ziervogel Streets 

PRETORIA 



I-webhusayithi: 		www.psc.gov.za 



Umnxeba:		(012) 352-1000 



Ifeksi: 	  		(012) 325-8382 





4. 	ISIKHOKELO SEKOMISHINI YAMALUNGELO OLUNTU YOMZANTSI AFRIKA SOKUSEBENZISA LO MTHETHO  



Isikhokelo sendlela yokusebenzisa ukuphuculwa kokufikelela kuMthetho wolwazi, 200 ukho kwikomishini yamalungelo abantu baseMzantsi Afrika. Imibuzo ingabhekiswa: 



KwiKomishini yamaLungelo oluNtu yoMzantsi Afrrika:

IYunithi ye-PAIA 

ICandelo loPhando nokuBhala kumaXwebhu



Idilesi yeposi: 



Private Bag x2700

Houghton 2041



Umnxeba: 011-484 8300 



Ifeksi: 011 484 1360 



Iwebhusayithi: www.sahrc.org.za 



I-Imeyile: PAIA@sahrc.org.za 





5. 	UKUFIKELELA KWIIREKHODI 



5.1 	INKCAZELO YEMIXHOLO APHO I-PSC IGCINE IIREKHODI KUNYE NEENDIDI ZEEREKHODI EZIGCINE UMXHOLO NGAMNYE



Ngeenjongo zokuququzelela isicelo ngokuphathelele kumThetho, inkcazelo yemixholo apho i-PSC igcine iirekhodi kunye neendidi zeerekhodi ezigcine umxholo ngamnye zezi zilandelayo: 



Amaphepha athiwe thaca ziKomishina

IiRekhodi zezindlu zokwabelana ngolwazi neenkomfa ekuyiwe kuzo ziiKomishina 

Incwadi yangaphakathi ethunyelwa amalungu ombutho othile neemagazini 

INgxelo yoNyaka ye-PSC

Iiposta

Iingxelo ezipapashiweyo ze-PSC

 Imigaqo-nkqubo yabasebenzi

 Iifayile zabasebenzi

Ullwazi olunxulumene noqeqesho lwesitafu

Uhlahlo-lwabiwo mali

Uyilo lwezicwangciso-qhinga

Izingeniso zenkqubo-sikhokelo yeXesha eliPhakathi

Iingxelo zemali

Imigaqo-nkqubo yokufumana impahla

Rejista yeeMpahla zeSebe

 Amaxwebhu ethenda afunyenwe kubaxhobisi emva kokukhutshwa kwayo

Iikontraki nabanikezi

Iirekhodi zoMgwebi White

Uphicotho-zincwadi kunye nophando kwizenzo zolawulo loluntu

Iingxelo zezeHlo zomNxeba weSizwe oChasene noRhwaphilizo

Ingxelo yeziMali yabaPhathi abaPhezulu

Imizuzu yeentlanganiso zeQumrhu leSizwe eliChasene noRhwaphilizo

Iingxelo zezikhalazo

Iingxelo zokuHlola nokuVavanya 





5.2 	UKUBHENGEZA NGOKUZITHANDELA NEEREKHODI EZIKHO NGOKUZENZEKELAYO 



IGatya 15 leSaziso zokuBhengeza ngokuziThandela leSaziso se-PSC/OPSC, lihlaziywa ngonyaka kwaye liyafumaneka kwiwebhusayithi ye- PSC, www.psc.gov.za. Olu hlaziyo ngokungqinelana negatya leCandelo le-15 (2) lomThetho wokuPhakanyiswa koFikelelo noLwazi.  ISaziso seCandelo le-15 le-PSC/OPSC linika ufikelelo phakathi kwezinye izinto, kuzo zonke iingxelo ze-PSC ezipapashiweyo zathiwa thaca nasepalamente,  ngokunjalo nazo zonke ezinye iirekhodi ezikwiwebhusayiti ye-PSC, ngaphandle kokuba umntu enze isicelo ngokwemigqaliselo yomThetho ekuthethwa ngawo.



Kufuneka kuqatshelwe ukuba ezinye iingxelo zamaphondo athile namasebe ezenziwa yiPSC zikho kumaphondo nakumasebe ahlukahlukeneyo. Ukongeza iNgxelo yoNyaka yePSC, iincwadi ezibhalelwe amalungu athile/iimagazini, izibhebgezo, iincwadana zifumaneka ngokuzenzekelayo kwiinkonzo zolwazi nonxibelelwano ngoMnumzana Ben De Villiers, kule dilesi Bend@opsc.gov.za, okanye kwifowuni (012) 352-1059. Uluhlu olunzulu lwamaxwebhu afumaneka ngokulula iqulethwe kwiGatya 15 leSaziso ekubhekiselelwe kuso ngasentla.





5.3	INKQUBO YOKUCELA 



5.3.1	Xa isicelo sinikwa okanye sisaliwa: 



Inkqubo elandelwayo ngokuphathelele ekunikweni nasekwaliweni kwesicelo solwazi iqulethwe kumgaqo-nkqubo  we-OPSC kumThetho wokuPhakanyiswa kuFikelelo loLwazi.  UmGaqo-nkqubo ufumaneka kwiwebhusayithi ye-PSC ku-www.psc.gov.za

 



5.3.2	Umntu usenza njani isicelo sokufikelela kwirekhodi: 



• Umceli kufuneka asebenzise ifomu (ifomu A) eyapapashwa kwiGazethi kaRhulumente  (iSaziso sikaRhulumente R187 somhla we- 15 kuFebruwari 2002). 



• Umceli kufuneka kwakho achaze ukuba umceli ufuna ikopi yerekhodi okanye umceli ufuna ukuza kujonga iirekhodi kwii-ofisi zombutho woluntu  (PSC/OPSC). Okanye ukuba irekhodi alilophepha liluxwebhu, singaphononongwa kwifomu yesicelo apho kunokwenzeka. 



• Ukuba umntu ucela ukufikelela kwifomu ethile (umzekelo, ikopi yephepha, ikopi yombane njalo njalo) umceli kufuneka afumane ufikelelo kuloo fomu ngaphandle kokuba oko kwenziwayo kuya kuphazamisa ukusebenza kombutho woluntu obandakanyekayo (PSC/OPSC), okanye konakalise irekhodi, okanye kwaphule ilungelo lombhali elingelilo elikarhulumente. Ukuba ngezizathu ezibambekayo ufikelelo alunakunikwa kwifomu efunekayo kodwa lunikwa kwenye ifomu kwakufuneka kubalwe umrhumo ngokwendlela umceli aqale wacela ngayo. 



• Ukuba kongezwa kwimpendulo ebhaliweyo kwizicelo zabo zeerekhodi, apho umceli afuna ukuxelelwa malunga nesigqibo nokokuba kungayiphi enye indlela, umzekelo ngefowuni, oko kufuneka kuchazwe 



• Ukuba umceli ucela ulwazi egameni lomnye umntu, isikhundla ekwenziwa kuso isicelo  kufuneka sichaziwe. 



• Ukuba umceli akakwazi kufunda okanye ukubhala, okanye unokukhubazeka isicelo serekhodi sinokwenziwa ngomlomo. Igosa lolwazi kufuneka agcwalise ifomu egameni lomceli kwaye amnike ikopi yefomu egcwalisiweyo.











5.3.3	Intlawulo ehlawulwayo  



Kukho iintlobo ezimbini zemirhumo efuneka ihlawulwe ngokuphathelele kumThetho, eyile umrhumo wesicelo kunye nomrhumo/imali wokufikelelaThere (wokwazisa ngesigqibo esiphathelele ekunikweni kokufikelela). 



• Umceli ofuna ukufikelela kwirekhodi eliqulathe ulwazi lwakhe, loo mceli akufuneki ahlawule mrhumo/mali wesicelo. Ongomnye umceli kufuneka ehlawule umrhumo wesicelo ongama- R35 (ehlawulwa kwimibutho yoluntu). 



•	Igosa lolwazi kufuneka lixelele ngesaziso umceli (ongengunye umnikazi wolwazi) ngemali emiselweyo ehlawulelwa isicelo esifunwayo ( ukuba kufuneka ihlawulwe) nediposithi ( ukuba ngaba iyafuneka) phambi kokuba kulungiswe isicelo. 



•	Umceli angenza isibheno sangaphakathi apho kuyimfuneko okanye isicelo senkundla ukuchasa umnikelo wexabiso elithile okanye intlawulo yesicelo. 



• Emva kokuba igosa lolwazi lenze isigqibo  ngesicelo, umceli kufuneka axelelwe ngesigqibo eso ngendlela umceli agfuna ukuxelelwa ngayo. 



• Ukuba isicelo sinikiwe enye imali yokufikelela kufuneka ihlawulwe ukuvelisa nokukhangela nokulungiselela naliphi ixesha elifunekayo elingaphezulu kweeyure ezibekelwe ukukhangela nokulungisa irekhodi yokubhengeza.



• Ukufikelela kwirekhodi kuya kubanjwa ade umceli ahlawule yonke imali efunekayo. 





6. 	IIN KONZO EZIKHO KULUNTU NENDLELA YOKUFIKELELA KUZO 



6.1	Iinkonzo 



Imisebenzi yePSC/OPSC, emiselwe kwisahluko 1 yeyokuba amaxumi bayo yindlu yomdibaniso nezindlu zowiso-mthetho zamaPhondo, amanye amasebe karhulumente kunye namaziko/imibutho yoluntu kwaye ayihambisi ngqo iinkonzo kuluntu. Nangona kunjalo olunye ulwazi malunga nenkonzo yoluntu, isimo senkonzo yoluntu  kunye nophando kukwaneliswa kwabemi malunga neekonzo zikarhulumente zingafunyanwa kwiinkonzo zolwazi nonxibelelwano: Bend@opsc.gov.za. Uluntu lunokufikelela nakwinombolo yefowuni engahlawulelwayo echasene noorhwaphilizo yesizwe yenkonzo zoluntu (0800 701 701), egcinwa kwaye elawulwa yiPSC.









6.2	ULUFUMANA NJANI UFIKELELO KWIINKONZO 



Abaxumi bePSC/OPSC bangafumana ufikelelo kwiinkonzo ngokwenza izicelo ku: 



UMlawuli-Jikelele weKomishini weNkonzo yoluNtu



Idilesi yokuposa: 



Private Bag X121 

PRETORIA 

0001 



Idilesi yesitalato

Commission House 

C/o Hamilton and Ziervogel Streets 

PRETORIA 



U/Abantu onokuqhagamshelaan nabo: 



Mmathari Mashao, Umnxeba:  (012) 352-1043 OKANYE  



Thato Moeeng,  Umnxeba– (012) 352-1076



Ifeksi: 	 		 (012) 325-8379 



IDilesi ye-Imeyile: 	Mmatharim@opsc.gov.za okanye Thatom@opsc.gov.za





			Thatom@opsc.gov.za



Iwebhusayithi: 		www.psc.gov.za 





7. 	ULUNGISELELO LOKUVUMELA UKUBANDAKANYEKA KOLUNTU EKWENZIWENI KOMGAQO-NKQUBO NEMISEBENZI EYENZIWAYO 



7.1	Ukwazisa uMgaqo-Nkqubo nomThetho 



I-PSC yongamela kwaye ivavanya iinkqubo zenkonzo zoluntu ngenjongo yokunika uncedo kuze apho kuyimfuneko yenze uphando ukufumanisa niindlela zokuhanjiswa kweenkonzo kwiinkonzo zoluntu. Nangona iPSC ingabandakanyekanga ngqo ekwenziweni komgaqo-nkqubo ihambisana negunya layo lokongamela nokuvavanya ubulunga bolawulo nokuhanjiswa kweenkonzo, inika uluntu ukuba ithuba lokubhekisa ilizwi kwindlela elifuna imigaqo yakhiwe ngayo ngokucebisana koluntu neenkqubo zohlolo zokwenza ezidwelisiwe ngasezantsi. 



•	Uphando olwanelisayo lommi ukuvavanya ukufaneleka kokuhanjiswa kwenkonzo ukusuka kumbono wabemi abangabasebenzisi benkonzo ethile; 



•	Imibutho yabemi esebenzisa iimethodi zokuthatha inxaxheba ebongoza iingcebiso kubantu ngendlela yokuphuculwa kweziphumo zeenkqubo zikarhulumente; 



•	uhlolo lokwenza kombutho nokwakhiwa ukunika iintloko zamasebe nobunkokeli bezopolitiko icebo lokuba le mimandla mibini ingaphuculwa njani; kunye 



•	inkqubo neendlela zokuvavanya eziquka uhlolo olunzulu lokufaneleka kweenkqubo noxokelelwano; ukufaneleka nokusebenza kwenkqubo neendlela nolungiselelo nokwenziwa kwenkqubo/iindlela



I-PSC yenza uphando olwahlukeneyo ukuya kutsho ekunikeni iingxelo esaziswa kwiNdlu yoWiso-mThetho yeSizwe, kwiziNdlu zoWiso-mThetho zamaPhondo. Ezi ngxelo zazisa inkqubo yokwenza umgaqo-nkqubo nomthetho.



Apho kungayimfuneko i-PSC ize nemithetho okanye izikhokelo ezinokunceda ukuphucula ulawulo kunye/okanye ukuhanjiswa kweenkonzo kwiinkonzo zoluntu. Ngamanye amaxesha imithetho ekhoyo nezikhokelo/imigaqo-nkqubo iyaphononongwa ukuhambelana neenguquko zomsebenzi/zesakhiwo kwinkonzo karhulumente





8. 	UKULUNGISWA OKUKHOYO NGOKUPHATHELELE KWIZENZO OKANYE KWIINTSILELO KUMTHETHO 



Ezi nkqubo zilandelayo zikho ukuba abantu baxele okanye balungise izenzo zaemthethweni ezingekho mthethweni okanye ezingafanelekanga okanye ezinxamnye nomthetho okanye ukushiywa yi-PSC/OPSC okanye nawuphi umqeshwa wayor any of its employees. 





8.1	Iinkqubo zokuxela okanye zokulungisa



8.1.1 	Ukulungisa ngokuphathelele kwizenzo okanye intsilelo kwisenzo ngokuphathelele kumThetho woPhuculo wokuFikelela kuLwazi: Igosa lesibheno sangaphakathi kwiinjongo zalo mthetho nguSihlalo weKomishini yeeNkonzo zoluNtu ( amagatya 74-77). Emva kokuphelisa ukulungiswa kwesibheno sangaphakathi umceli angafaka isikhalazo enkundleni ( amagatya 78-82 omThetho wokuPhakanyiswa koFikelelo kuLwazi). 



8.1.2 Umsebenzi weenkonzo zoluntu angafaka isikhalazo sokuba kuphandwe yiKomishini yeeNkonzo zoluNtu ngokuphathelele kwisenzo saseburhulumenteni okanye ukushiywa ( igatya lama-35 lomThetho weNkonzo kaRhulumente, 1994). Imithetho kwindlela yokufaka izikhalazo ezinjalo ipapashwe kwiGazethi kaRhulumente  23635 yomhla we- 19 Julayi yowama-2002 kwaye iyafumaneka kwiwebhusayiti ye-PSC, www.psc.gov.za.

 



8.1.3 	Umntu unokusebenzisa ukulungiswa kwemisebenzi ngokuphathelele kwizenzo zaseburhulumenteni okanye okanye ukushiya isimo somsebenzi, okoko kukuthi amalungelo empikiswano (umThetho weeNkonzo zoluNtu, 1994 umThetho weMicimbi yemiSebenzi, 1995); 



8.1.4 	Umntu angafaka isikhalazo kumhloli wemisebenzi ngokuphathelele nakokuphi ukwaphulwa okubangwayo kweeMeko ezisisiSeko zomThetho weNgqesho, 1997 (Umthetho wama- 75 wowe-1997 - igatya 78(1)(a)), okanye umThetho wobuLungisa kwiNgqesho t, 1998 (Umthetho wama- 55 wowe-1998 - igatya 34(e)). 



8.1.5 	Umntu akafaka isikhalazo kuMkhuseli woluNtu ngokuphathelele kwisenzo saseburhulumenteni esingafanelekanga okanye esikrokrelwa ukuba asikho mthethweni okanye ukushiywa ( umthetho womGaqo-siSeko nowoMkhuseli woluNtu, 1994, ( umThetho wama-  23 wowe- 1994)). 



8.1.6 	Umntu angafaka isikhalazo kwiKomishini yamaLungelo oluNtu yoMzantsi Afrika ngokuphathelele kwisenzo saseburhulumenteni okanye ukushiywa esirhanelwa ngokuba saphalwe okanye sisongela naliphi ilungelo elisisiseko ( umThetho wamaLungelo oluNtu, 1994 ( umThetho wama-54 wowe-1994). 



8.1.7 	Ukuze ukhuselwe kwimpindezelo ngenxa yokubhengeza isimo esingafanelekanga okanye esingekho mthethweni somqeshi okanye umseebezni ongumlingane,  loo mntu ubandakanyekayo kufuneka elandele iinkqubo zomThetho woKhuselo kuBhengezo, 2000 (Umthetho wama- 26 wowama- 2000). 



8.1.8 	Ukusetyenziswa kokunye ukulungiswa okusemthethweni okufana neziko leenkqubo zokuphononongwa kobulungisa besenzo zolawulo ngokuphathelele kumThetho wokuPhucula woLawulo lobuLungisa, 2000 (umThetho wesi- 3 wowama- 2000). 





8.2 	Olunye ulungiso oluxhasayo 



8.2.1	Umntu angacela izizathu zesenzo solawulo ngokuphathelele kumThetho woPhuculo woLawulo lobuLungisa , 2000 (igatya 5). 



8.2.2 	Umntu angacela ukufikelela kwiirekhodi zesebe likarhulumente okanye zomnye umbutho woluntu ngokuphathelele kumThetho woPhuculo wokuFikelela kuLwazi, 2000 (igatya 11). 









8.3	Umsebenzi wokuxela 



8.3.1	Umsebenzi wenkonzo yoluntu kufuneka ngexesha lakhe lomsebenzi wasemthethweni azibophelele kwiKhowudi yokuziPhatha wyabasebenzi benkonzo yoluntu kwaye axelele amagosa afanelekileyo  ngobuqhophololo, urhwaphilizo, ukukhetha izalamane ekwabeleni uncedo xa umntu esemagunyeni, ukungalawuli ngokufanelekileyo okanye nasiphi isenzo esikhubekisayo esinokonakalisa umdla woluntu.  Umsebenzi osilelayo nokuthobela oku unetyala lokungaziphathi kakuhle. ( umThetho  B.3 no- C.4.10 wesahluko 2 semiThetho yeNkonzo yoluNtu, 2001). 



8.3.2	Imfanelo yomqeshi ngamnye kunye nomsebenzi kukwazisa isimo solwaphulo-mthetho kunye nasiphi isimo sokungaziphathi ngokufanelekileyo emsebenzini esisekelwe kumThetho woKhuselo lokuBhengeza, 2000 (KwiNtshayelelo). 





9. 	UKUHLAZIYWA KWENCWADI YOKUFUNDISA 



Ukuba kuyimfuneko i-PSC/OPSC iya kuhlaziya kwaye ipapashe incwadi yayo yokufundisa ngokubhekiselele kwigatyana (1) legatya 14, kwizithuba ezingekho ngaphezulu kunonyaka. 





10. 	UBUKHO BENCWADI YOKUFUNDISA 



Le ncwadana iyakwenziwa ifumaneke okungenani ngezintathu zeelwimi ezisemthethweni ngale ndlela ilandelayo: 



• 	ingeniswe kwiKomishini yamaLungelo oluNtu yoMzantsi Afrika 



• ibekwe kuyo yonke i-ofisi yePSC/OPSC; kwaye



• 	ithunyelwe kwiwebhusayithi yePSC , www.psc.gov.za 





11. 	ISICELO ESIYA KUMPHATHISWA SOKWENZA INCWADI ENYE YOKUFUNDISA 



Imisebenzi yeKomishini yeeNkonzo zoluNtu ( ngokwepolitiki) kunye ne-Ofisi yeKomishini yeeNkonzo zoluNtu ( Ulawulo) zinxulumene ngenxa yenjongo yalo mThetho, i-PSC ne-OPSC azinakubonwa njengamaziko ahlukeneyo. Eneneni i-OPSC lisebe lenkonzo yokuxhasa iPSC kwaye azinakubonwa njengemibutho eyahlukeneyo enokuthobela amalungiselelo eGatya 14(4) (a) lomThetho.  





***********************************



