Ulindo lwexesha elide lwezindlu ze-RDP kufikelele esiphelweni

Abahlali bakaYunithi-R no-S belokishi yaseLebowakgomo eLimpopo, abanye babo bebelinde izindlu zeNkqubo yoLwakhiwo ngokutsha noPhuhliso (i-RDP) oko kwangonyaka ka-1996, bazakubona ulindo lwabo lwexesha lwendawo zokufihla iintloko kufikelela esiphelweni. 

Oku kulandela uphengululo yi-Ofisi yoMkhuseli woLuntu (i-OPP) kukusilela kweSebe looRhulumente baMakhaya neziNdlu ukuzalisekisa imfanelo yalo yokwakha izindlu ze-RDP ukulungiselela olu luntu.

Lo mba waqala waziswa kwingqwalasela ye-OPP nguceba wasekuhlaleni, uMnu. Frans Letwaba, obambe egameni labahlali.

Izikhalazo zabakho ngenkxaso karhulumente ngezindlu ngonyaka ka-1996 ukuza kutsho ngo-2006. Izicelo zabo zaphunyezwa liSebe phantsi kwenkqubo yenkxaso karhulumente ebizwa iNkxaso kaRhulumente eNxulunyaniswe kwiProjekthi. 

Iprojekthi yayabelwe inkampani ebizwa i-COMDEV, eyasilelayo ukwakha izindlu okanye ukunikela ngezixhobo zokwakha. Kwafunyaniswa ukuba ezinye izindlu zazakhiwe ngekhethe kwaye sisiqingatha kuphela sezixhobo ezanikezwayo kwabanye abaxhamli.

ISebe lithathwa njengelasilelayo ukwakha izindlu okanye ukunikela ngezixhobo zokwakha kubamangali khon'ukuze bakhe izindlu zabo.

Uphengululo lwe-OPP lwafumanisa ukuba izicelo zabamangali zeenkxaso zikarhulumente zezindlu zaphunyezwa ukusuka ngonyaka-1997 ukuya kutsho ngo-2006.

Abanye abamangali bagqibe ekubeni bakhe iindawo zokufihla iintloko ngeendleko zabo, ngelixa abanye bagqibe izindlu ezakhiwe ngekhethe besebenzisa ezabo izinto eziyimfuno.

UMkhuseli woLuntu undulule ukuba iSebe limele ukwakha izindlu zabo bonke abaxhamli abazicelo zabo zaphunyezwayo ngonyaka ka-2006 okanye phambi kwawo.

ISebe limele ukugqibezela izindlu ezayekwayo kwaye linikeze ngezixhobo zokwakha kubo bonke abaxhamli abaphunyeziweyo. 

Kundululwe kwakhona ukuba iSebe lincede abamangali abaqale ukwakha ezabo izindlu, kodwa abakwazi ukuzigqiba kwanokubuyekeza bonke abamangali abakhe izindlu zabo ngaphandle koncedo lweSebe, emva kokuba babephunyeziwe njengabaxhamli.



