Umhlolokazi ufumana iimfanelo zakhe emva kokungenelela koMkhuseli woLuntu

Umhlolokazi wowayesakuba ngumqeshwa weNgxowa-mali yeMbuyekezo ufumene iinzuzo ezipheleleyo zomyeni wakhe oswelekileyo emva kwenyanga kuphela kungenelele uMkhuseli woLuntu uLawrence Mushwana.

I-Ofisi yoMkhuseli woLuntu (i-OPP) iphehlelele uphengululo lwayo olusisiqalo kwizityholo zokulibaziseka okungafanelekanga ekuqhutyweni kwentlawulo yeenzuzo zepensheni yiNgxowa-mali yePensheni yaBasebenzi bakaRhulumente (i-GEPF) neNgxowa-mali yeMbuyekezo kummangali, uNkosk. M. du Toit. 

Oku kwakusemva kokuba kufikelele ezandleni ze-OPP ukuba uNkosk. Du Toit, nowayekwingqesho yeNgxowa-mali yeMbuyekezo naye, kwakufuneka afumane iinzuzo ezizezakhe, kwiinyanga ezintathu emva kokuba umyeni wakhe eswelekile. 

Iinzuzo bezingekahlawulwa nangona wawangenisa onke amaxwebhu afunekayo njengoko kumiselwe nguMthetho neMigaqo yePensheni yaBaqeshwa bakaRhulumente kwi-GEPF nakwiNgxowa-mali yeMbuyekezo. 

Iinzuzo ezizezakhe yayiyipensheni evela kwi-GEPF nemali ezakunikwa umntu oza kuba ngumdli wepensheni evela kwiSebe lezeMisebenzi, phantsi kwalapho iNgxowa-mali yeMbuyekezo ingena khona.  

Ngapha kophengululo, kwafunyanwa ukuba ukulibaziseka kwakungenxa yokuba umntu oswelekileyo wayengabhalisanga njengomhlawuli werhafi ngokuhambelana noMthetho weRhafu yeNgeniso ka-1962. UMthetho ufuna wonke umntu ofumana ingeniso enokurhafiswa engaphezulu komyinge womqobo we-R120 000 ngonyaka kunyaka wohlolo lokuhlawula irhafu yengeniso. Isikhundla nesikeyili somvuzo womntu oswelekileyo udlule ngaphaya kwalo mqobo. 

Ngesi sizathu, imigaqo yerhafu malunga neenzuzo zomngcwabo zalandulwa xa zingeniswa kwiNkonzo zeNgeniso yoMzantsi Afrika (i-SARS) yi-GEPF, nangona kunjalo, ummangali uthathwa njengongazange afumane noluphi unxibelelwano elimazisayo ngeenkqubela kwi-GEPF.

Malunga nemali ezanikwa umntu oza kuba ngumdli wepensheni , iSebe lezeMisebenzi lalikwafunyaniswe lingalandelanga imimiselo yeSisombululo seBhunga loKubonisana eliQuquzelelayo leNkonzo kaRhulumente esingunombolo-7 sika-2000.

ISisombululo simisela ukuba kwisehlo sokusweleka, imali ezakunikwa umntu oza kuba ngumdli wepenseni imele ukuhlawulwa kubaxhamli abonyuliweyo kwaye kuba abekho abonyuliweyo, imele ukuhlawulwa kumlingane okanye kumlingane wobom womntu oswelekileyo.

Emva kongenelelo lwe-OPP, i-SARS yenza uchongo noNkosk. Du Toit. Kwiyure nje ezingama-24 uNkosk. Du Toit nomyeni wakhe owayeswelekile babebhalisiwe njengabahlawuli berhafu kwaye uhlolo oluseleyo lwangeniswa, kugangathwa indlela yentlawulo yeenzuzo zakhe. 

Iinzuzo zepensheni zabakho kamva ukulungiselela ukuba azikhuphe nemali ezakunikwa umntu oza kuba ngumdli wepensheni zahlawulwa kwi-akhawunti yomntu oswelekileyo.

"Apho imigaqo yerhafu ilandulwa khona yi-SARS, i-GEPF mayiqinisekise ukuba abaxhamli baziswa ngoko nangoko ukuze babe nako ukuqhagamshelana ne-ofisi yakwa-SARS ukulungisa iingxaki," iGqwetha uMushwana utshilo kwizindululo zakhe. 

Uqhubeke wacebisa iSebe lezeMisebenzi ukuba liqinisekise ukuba imimiselo yeSisombululo sesi-7 sika-2000 malunga nentlawulo yemali ezakunikwa umntu oza kuba ngumdli wepensheni womqeshwa owaswelekayo kuyabanjelelwa kuyo.   

 

    

