






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezezindlu > Iinkxaso-mali & Noncedo Lokuthenga Nokuzakhela Izindlu > Iinkxaso-mali Zomhlaba

Iinkxaso-mali Zomhlaba




INKCAZELO:

Amasebe esizwe amabini, Elemicimbi Yemihlaba Nelezindlu anikezela ngeenkxaso-mali nangoncedo-mali lokuthenga okanye ukuphuhlisa imihlaba nezindlu. Nawuphi na umzi unokufumana ukuya kuma kwishumi elinesithandathu lamawaka eerandi kuncedo-mali lokuthenga nokuphuhlisa izindlu. Ayiyomali-mboleko le futhi akudingeki ukuba iphinde ibuyiswe.

Isebe Lemicimbi Yemihlaba libonelela ngezi nkxaso-mali zilandelayo:
* Inkxaso-mali Yokufumana Umhlaba Nokuzinza Kuwo
* Inkxaso-mali Yokucwangcisa Ukuzinza Kuloo Mhlaba
* Inkxaso-mali Yokufumana Umhlaba Koorhulumente Bamakhaya
* Inkxaso-mali Yokunikezelwa Komhlaba Ngeenjongo Zophuhliso Lolimo


IINKXASO-MALI ZOKUFUMAMA UMHLABA KWANEZO ZOKUZINZA EMHLABENI

Ukuba uhlala kuloo mhlaba futhi ufuna ukuwuthenga okanye ufumane imvume yokuhlala kuwo isigxina, ungasifaka isicelo sezi nkxaso-mali. Zisenokusetyenziselwa ukwakha izindlu nokufakelwa kwemibhobho yamanzi, ucoceko, imigaqo neengcingo.

Ukuze ube nokufaka isicelo sale nkxaso-mali, kufuneka:
* ube ngummi woMzantsi Afrika
* ube ngaphezu kweshumi elinesibhozo leminyaka ubudala
* ube nabantu okanye abantwana abaxhomekeke kuwe okanye uhlale nomnye umntu omdala
* uhlale kwikhaya elifumana ingeniso engaphantsi kwewaka elinesihlanu lamakhulu eerandi ngenyanga.


Ukuba amakhaya afuna ukufaka izicelo kunye angakwenza oko. Ingeniso yekhaya ngalinye kufuneka ibe ngaphantsi kwewaka elinamakhulu amahlanu eerandi ngenyanga.

Iinkxaso-mali ziya kunikezelwa:
* kubantu abangenamihlaba, ingakumbi amakhosikazi
* abasebenzi basezifama neentsapho zabo
* abaqashwa abahlala emisebenzini neentsapho zabo
* abahlali abafuna ukuba ngabanini abakhuselekileyo bemihlaba abahlala kuyo
* abantu abakumashishini abafuna imihlaba emaphandleni ukuze bavelise kuwo izivuno zabo
* abantu abafumana umhlaba ngokwemisebenzi yenkqubo yokubuyiselwa komhlaba eluntwini
* abantu abaphulukana nomhlaba ngexesha lenkqubo localu-calulo ngokobuhlanga kodwa bengenakufumana mihlaba ngokwemigaqo yomthetho iRestitution of Land Act.


INKXASO-MALI YOCWANGCISO LOKUZINZA EMHLABENI

Le nkxaso-mali ingasetyenziselwa ukuqesha abacwangcisi nezinye iingcali zize kuncedisa ekucwangcisweni kokuzinza. Inokuhlawulela iinkonzo ezifana neentlawulo zamagqwetha, ucwangciso lokusetyenziswa komhlaba kwanokucwangciswa kwezibonelelo zokwakha nokuphuhlisa loo mhlaba.

Le nkxaso-mali yahlula-hlulwa njengesahlulelo umzi ngamnye onokusifumana kule nkqubo yokuzinza kuloo mhlaba. Isixa esihlawulwa iingcali sitsalwa kweli shumi linesithandathu samawaka eerandi sifunyanwa ngumzi ngamnye.

Ukuze ube nokufaka isicelo sale nkxaso-mali, kufuneka:
* Ukhethe ummeli wasekuhlaleni ukuba afakele abahlali abo isicelo.
* Uqhagamshelane ne-ofisi ekufutshane nawe yeSebe Lemicimbi Yemihlaba ze ugcwalise nephetshana lesicelo.


INKXASO-MALI YOKUFUMANA UMHLABA KOORHULUMENTE BAMAKHAYA

Le nkxaso-mali yenzelwe ukunceda oorhulumente bamakhaya ukuba bathengele abahlali imihlaba ukuze baphilise imfuyo yabo futhi batyale nezivuno zabo kuyo. Amalungu asekuhlaleni angaya kurhulumente weso sithili okanye wesixeko sabo acele ukukhutshwa komhlaba ongowabahlali bonke ukuze wonke ubani apho abe nokuvelisa kuwo. Basenakho nokuqhagamshelana neSebe Lemicimbi Yemihlaba lephondo labo.
Abasemagunyeni kurhulumente wekhaya baya:
* Kufaka igalelo kwiintlawulo zaloo mhlaba.
* Kubonisa iSebe Lemicimbi Yemihlaba iimpepha zezimali zabo.
* Kuzinikela ekuqinisekiseni ukuba umhlaba lo uya kunikezelwa kuphela kubona bahlali bahluphekileyo.
* Kunikezela ngoluhlu lwamalungu asekuhlaleni aya kusebenzisa loo mhlaba.
* Kunikezela ngesicwangciso esisuka kubahlali nesicacisa ukuba umhlaba lowo uya kusetyenziswa njani na



IMIYALELO:

Nceda uqhagamshelane neSebe Lezindlu likaRhulumente weNtshona Koloni ngeenkcukacha ezithe vetshe:uAndre Rossouw
Inombolo Yomnxeba: 021 483 4020
arossouw@pgwc.gov.za

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lemicimbi Yemihlaba (The Government of South Africa)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Ukufakwa kwezicelo zoncediso-mali kwiPhulo le-LRAD (IiNkonzo)
* Farmer Support and Development (iCandelo Likarhulumente) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Land Redistribution for Agricultural Development (LRAD) - Isebe Lezolimo (ISicwangciso -qhinga/ISicwangciso Soshishino) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Land Redistribution for Agricultural Development Information Booklet (IiNkcukacha Zoluntu) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 26 uAgasti 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





