Ukutshata phantsi komthetho wesiko lesiqhelo
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Ukutshata phantsi komthetho wesiko lesiqhelo
Isicelo sokubhalisa umtshato wesiko lesiqhelo
Ukubonisana nommeli weentsapho
Isicelo sokuvunywa kwemanyano yesiko lesiqhelo
Ukutshata phantsi komthetho wesiko lesiqhelo
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zabantu
Ubudlelwane kunye nobume beemvakalelo zesondo
Ukutshata
Ukutshata phantsi komthetho wesiko lesiqhelo
Ukutshata phantsi komthetho wesiko lesiqhelo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
Bobabini aba bantu batshatayo kufuneka babengaphezulu kweminyaka elishumi elinesibhozo ubudala
Bobabini kufuneka bavume ukutshata phantsi komthetho wesiko lesiqhelo (customary law)
Umtshato kufuneka kuthetha-thethwane ngawo, kuvuyiswane ngawo kwaye ungenelwe ngokuhambisana nomthetho wesiko lesiqhelo
Ilobola ayingomba oyimfuneko ukuze umtshato wesiko lesiqhelo usebenziseke
Qaphela ukuba le mitshato kudala ivunywa phantsi komthetho wesiko lesiqhelo.
Ndiwubhalisa nini umtshato wam?
Ukubangaba watshata phantsi komthetho wesiko lesiqhelo phambi komhla we 15 Novemba 2000, umtshato wakho kufanele ubhaliswe kwiSebe lezeKhaya. Ukubangaba watshata emva kokuba umthetho uwisiwe, kufanele ubhalise umtshato wakho kwisithuba seenyanga ezintathu emva komtshato.
IMitshato yeSiko leSiqhelo kunye nenkqubo yokuDityanelwa kweMpahla neZinto kunye naMatyala
Yonke imitshato yesiko lesiqhelo engenelwe emva kokuqalisa kokusebenza koMthetho, ikwinkqubo yokudityanelwa kwempahla nezinto kunye namatyala. Oku kuthetha ukuba umyeni nenkosikazi yakhe bahlulelana ngokulinganayo kwizinto abanazo, imali kunye nempahla, kwaye ikwathetha ukuba bahlulelana ngawo wonke amatyala. Ukubangaba aba bantu babini bangathanda ukuba umtshato wabo ubengaphandle kwenkqubo yokudityanelwa kwempahla nezinto kunye namatyala, kuyakufuneka bangenele isivumelwano sekhontrakthi yokuba umntu ngamnye agcine izinto ezizezakhe, phambi kokuba batshate. Ukubangaba bafuna ukutshintsha emva kokuba sele betshatile, kuyakufuneka benze isicelo kwiNkundla ePhakamileyo.
Phantsi koMthetho weMitshato yeSiko leSiqhelo (Customary Marriages Act), inkosikazi inelungelo elilinganayo kunye nobume obulinganayo nomyeni wayo bokwenza isigqibo ngomakwenzeke kwimpahla nezinto zabo. Ngoku inkosikazi yesiko lesiqhelo inamandla okungenela isivumelwano sekhontrakthi ngaphandle kokuncediswa ngumyeni wayo.
Ndenza njani xangaba umyeni wam ufuna ukutshata omnye umfazi?
Umyeni kufuneka angenele isivumelwano esibhaliweyo/ikhontrakthi ebhaliweyo eyakuchaza ukuba kuyakwenzeka ntoni na empahleni nakwizinto, kwaye ke futhi umyeni kufuneka enze isicelo enkundleni sokuba ivume ikhontrakthi ebhaliweyo. Inkundla kufanele iqinisekise ukuba zonke iimfuno zempahla nezinto zabo bonke abafazi, ziyakhuselwa.
Senza njani xangaba sifuna ukungenela umtshato wentlalo yoluntu emva kokutshata phantsi komthetho wesiko lesiqhelo?
Entla
Inkqubo emayilandelwe
Umyeni okanye inkosikazi, angabhalisa umtshato kwiSebe lezeKhaya elikufuphi kuye. Kulicebo elihle ukuba bobabini abalingane bayokubhalisa umtshato bebobabini ukuze ubhaliso lukhawuleze. Kodwa ke, ukubangaba omnye umlingane uyala, ungabhalisa ngokwakho uze ke uphathe ubungqina obuyimfuneko.
o iinombolo ze-ID, amagama kunye nemihla yokuzalwa yomyeni nenkosikazi o amagama wabazali bomyeni kunye nabenkosikazi kunye negama lenkokeli yemveli okanye amagama eenkokeli zemveli o iinkcukacha zesivumelwano selobola/magadi, kunye o nabantu ababini abangamangqina omtshato (ingqina elinye kufuneka limele umyeni lize elinye limele inkosikazi)
Ifom kufuneka ingqinwe kwaye isayinwe phambi:
Igosa lobhaliso okanye umntu ochongelwe ukwenza lo msebenzi uyakusa isicelo kwi-ofisi yengingqi okanye yesithili ekufuphi yeSebe ukuze sifakwe kwincwadi yobhaliso lwenani neenkcukacha zabantu.
Gcina isatifiketi kwindawo ekhuselekileyo kuba sibalulekile.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Isatifiketi esifinyeziweyo sikhutshwa kwangoko.
Isatifiketi esingafinyezwanga sithabatha iiveki ezintandathu ukuya kwezisixhenxe.
Igosa elibhalisayo liyakukuxelela ukubangaba liyala ukubhalisa umtshato wesiko lesiqhelo njengoko kucwangcisiwe, kwaye liyakuchaza izizathu zokwala.
Entla
Iindleko
Ikopi engumphindwa wesatifiketi somtshato wesiko lesiqhelo R11
Ukufunisa kunye nokuveliswa kwencwadi yokubhalisa umtshato wesiko lesiqhelo okanye kwayo nayiphina imiqulu yokuxhasa ngokuphathelelene nencwadi yokubhalisa: R53
Ngaphandle kokuba ke ukubangaba ifunelwa iinjongo ezigunyazisiweyo liziko loRhulumente, ayihlawulelwa:
Ukukhutshwa kwesicatshulwa esithile kwincwadi yokubhalisa umtshato wesiko lesiqhelo: R53
Abalingane bahlawula iR11 kumntu ochongelwe ukwenza lo msebenzi, ngokuphathelelene nesicelo sobhaliso lomtshato wesiko lesiqhelo esifakwe kulo mntu ochongiweyo.
Nceda ubhekise kubantu ekunxulunyanwa nabo kwiSebe lezeKhaya ukuze uqonde ngeendleko ezibandakanyekayo.
Entla
Entla
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
