






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ezothutho > Iziqinisekiso, Amaphepha-mvume & Neziqinisekiso Zoqeqesho > IZicelo Zokusebenzisa iNdlela kaWonkewonke Ngeenjongo Zokwenza iMiboniso-bhanyabhanya

IZicelo Zokusebenzisa iNdlela kaWonkewonke Ngeenjongo Zokwenza iMiboniso-bhanyabhanya




INKCAZELO:

Uluntu lungazifaka izicelo zokwenza imibniso-bhanyabhanya ezindleleni zikawonkewonke. Ukuvunywa kwesicelo kuya kuxhomekeka ekubeni indlela leyo iphantsi komaspala okanye kwephondo na. Ungadibana neKomishini iCape Film okanye ii-ofisi zeZibonelelo zeNdlela zePhondo ukuze kubonwe ukuba ngaba indlela leyo iphantsi komaspala okanye phantsi kwephondo kusini na.


IMIYALELO:


IINDLELA ZOMASPALA
UMaspala ujongana nezicelo zokwenziwa kwemiboniso-bhanyabhanya ezitalatweni, iindela, iindlela zabahambi ngeenyawo nasekupheleni kweendlela. Inkampani yemiboniso kufuneka iqinisekise ukuba abahambi ngeenyawo kwanezithuthi ziya kukwazi ukusebenzisa indlela leyo njengesiqhelongamaxesha onke ngaphandle kwelo lalo mboniso-bhanyabhanya, ngaphandle kokuba kunikwe imvume yokuba kusetyenziswe ingingqi ethile. Ngokubanzi, ukuba ngaba indlela leyo kufuneka ivalwe, kufuneka kuvulwe enye.

Iinkcukacha zokufaka isicelo sokufumana imvume zichaziwe kwikumgaqo-nkqubo osayilwayo iCommercial Film and Photographic Location.

Ukufumana iinkcukacha ezizezinye dibana neKomishini yeCape Film
Inombolo yomnxeba: 021 483 9060
Inombolo yefeksi: 021 483 9061

IINDLELA ZEPHONDO

Izicelo zokusebenzisa indlela yephondo ngeenjongo zokwenza umboniso-bhanyabhanya kufuneka zenziwe kwiSebe lezoThutho kwanakwiCandelo loLawulo leZothutho neMisebenzi yoLuntu zingedlulanga iiveki ezimbini ngaphambi kokuba iqaleumboniso bhanya-bhanya lo.

Isicelo kufuneka sibe nezi nkcukacha zilandelayo:
* Iindlela ongathanda ukuzisebenzisa kwaneyona yona ndawo ufuna ukuyisebenzisa kwezi ndlela
* Amaxesha nemihla yokwenza umboniso lowo
* Imeko okanye ubhalo lomdlalo lowo kujongwe ukwenziwa umboniso bhanya-bhanya ngawo
* Zinto zini eziya kusetyenziswa ekwenzeni lo mboniso bhanya-bhanya
* Inani labasebenzi kunye nezithuthi eziya kubandakanyeka
* Ingaba zikho ezinye izinto ezinxaxhileyo kumthetho iNational Road Traffic Act, 93 of 1996 (umzekelo, ukuqhuba ngaphezu kwesantya esimiselweyo, ukuqhutywa kwesithuthi esinevili lokuqhuba elisekhohlo, ukusetyenziswa kwesithuthi kwicala elingafanelekanga lendlela).


Isicelo kufuneka sibhekiselelwe kwicandelo elichaphazelekayo lezothutho lephondo eliya kuthi linike uncedo kwezothutho ngeendleko ezimiselwe ngokoncedo lwendlela elimi ngayo icandelo lezoncedo lwezothutho. Ukuvalwa kweendlela zephondo makungaphazamisani nezithuthi ngaphezu kwemizuzu elishumi.

Uyacelwa ukuba wenze isicelo sokufumana imvume kwiPhondo xa usenza umlinganiselo wesivumelwano esibophelelayo ekwenziweni kwalo mboniso bhanya yokwenza umboniso bhanya-bhanya okanye yokuthatha imifanekiso.

Ukufumana ezinye iinkcukacha dibana.

NeKomishoni iCape Film
Inombolo yomnxeba: 021 487 2795
Inombolo yomnxeba: 021 487 2977
neCandelo loLawulo lezoMthetho
Inombolo yomnxeba: 021 483 2080
Ifeksi: 021 483 2357

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

ULwenziwo lweeNdlela (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)


IXABISO:

Irhafu yePhondo
R70 - intlawulo yezolawulo
R4000 - isicelo sokwenza umboniso bhanya-bhanya
R1000 - isicelo sokuthatha imifanekisoIndlela ezihlelwe ngayo iirhafu eziluncedo yezithuthi
Uncediso kweZothutho: R48.00 ngeyure kwigosa ngalinye
Intlawulo ngokweKilomitha: R2,68 ngekhilomitha




This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Commercial Film and Photographic Location Policy for the Facilitation and Regulation of Filming - Draft (Umgaqo-nkqubo) (File type: pdf; size: 596 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* INkxaso yoRhwebo Kushishino Lwemiboniso Bhanya-Bhanya eKapa (IKomishoni Yemiboniso Bhanya-Bhanya yaseKapa) (IiNkonzo)
* Cape Film Commission Website (Qhagamshela) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Development of Cape Town Film Studio (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: doc; size: 24 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 16 uAgasti 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





