﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Iinkonzo Zoluntu > Iimali-mboleko Zokuthenga Izindlu Noncedo ngezezimali > Ukubhaliswa Nokugaywa Kwenkxaso Yezimali Yimibutho Engajonge Ngeniso

Ukubhaliswa Nokugaywa Kwenkxaso Yezimali Yimibutho Engajonge Ngeniso




INKCAZELO:

ISebe lePhondo leeNkonzo Zoluntu Nokupheliswa Kwetlupheko incwadana nee-NPO ngezimali ngelixa iSebe leSizwe loPhuhliso Loluntu lona liqinisekisa ukuba zonke ii-NPO zibhalisiwe.


UKUBHALISWA KWEMIBUTHO ENGAJONGE NGENISO

Umbutho ongajonge ngeniso(NPO) ungabhaliswa kubalawuli beeNPO kwiSebe leSizwe Lophuhliso Loluntu. I-NPO ingayingxowa-mali, inkampani okanye nayiphi imbumba yabantu, ejonge ekunikezeleni ngeenkonzo kuluntu hayi njengombutho wabucala, futhi engasebenzi ngazinjongo zakuzuza ngeniso. (Ukungajongi ngeniso kuthetha ukuba -impahla okanye ingeniso yeNPO akuhlawulwa ngayo abaphathi bayo, ngaphandle kwaxa beyinikwa njengentlawulo yomsebenzi owenziweyo okanye iinkonzo ezinikezelweyo.) Iintlobo zee-NPO ziquka:



* Imibutho engekho phantsi kukarhulumente(NGOs)
* Imibutho Yasekuhlaleni(CBOs)

* Imibutho Esekelwe Kwinkolo(FBOs)
* Imibutho ebhaliswe njengeeNkapmani ezilawulwa liCandelo 21 phantsi komthetho iCompany Act 61 ka-1973
* Iingxowa-mali ezibhaliswe kuMphathi weNkundla Yezibheno phantsi komthetho iProperty Control Act 57 ka-1988
* Nawo nawuphi umbutho ongenzelwanga zinjongo zakufumana ngeniso.

Kukho uthotho lwemibutho engajonge ngeniso esele ibhalisiwe eNtshona Koloni. Ukubhaliswa kwe-NPO akusosinyanzelo kodwa kukuzithandela. Ukubhalisa kuyenza iNPO izive iphila ngokusemthethweni, futhi izicelo zoncedo-mali, ezithunyelwa kurhulumente okanye eminye imibutho yenkxaso-mali, ingayinceda ngempumelelo loo NPO ukuba ibhalisiwe.

Kungenjalo, ukubhaliswa kwe-NPO kuhamba nemisebenzi ekufuneka yenziwe yiloo-NPO, efana nokungenisa iinkcukacha zezimali zonyaka kwaneengxelo zezimali kuBalawuli, kwanokuhlonela indlela yokusebenza kakuhle.


UNCEDO-MALI KWII-NPO
ISebe leeNkonzo Zoluntu Nokupheliswa Kwentlupheko libonelela ngoncedo-mali kwanenkxaso-mali yeenkqubo kwii-NPO ezinikezela ngeenkonzo zentlalo-ntle eziphuhlisayo. Nayiphi na iNPO ingasifaka isicelo sale nkxaso-mali. I-NPO ikwindawo entle kwisicelo sayo sezimali ukuba iinkonzo zayo zihambelana noMgaqo-nkqubo Wophuhliso Lwentlalo-ntle Yoluntu weli Sebe.


IMIYALELO:


UKUBHALISA I-NPO
Akuhlawuli nesenti ukubhalisa Inpo. Zii-NPO ezinemigaqo-siseko okanye nje ezinye iimpepha ezichaza izizathu zokusekwa kwaloo NPO kuphela ezinokubhaliswa. ISebe leSizwe likhuphe umzekelo womgaqo-siseko onokuysetyenziswa.

Ukubhalisa iNPO, kufuneka ufake iphetshana lesicelo kunye neekopi ezimbini zeempepha zokusekwa kwe-NPO yakho (umgaqo-siseko okanye iphepha lezizathu zobukho baloo mbutho kwanamanqaku embumba yenu). Ezi zinto kufuneka zithunyelwe ngeposi kuphela:



Kubalawuli: beMibutho Engajonge Ngeniso
ISebe loPhuhliso Loluntu
Private Bag X901, ePitoli, 0001


Okanye uzingenise ngesandla:
Kubalawuli: beMibutho Engajonge Ngeniso
HSRC Building, 134 kwiSitalato iPretorius, ePitoli, 0002

Isicelo sokubhaliswa kwe-NPO yakho siya kuthabatha malunga neenyanga ezimbini. Kungenjalo, ekufunyanweni kwesicelo sakho, incwadana yembalelwano eqinisekisa ukuba sifunyenwe iya kuthunyelwa kuwe. Isiqinisekiso sokubhaliswa siyalandela ukuba isicelo eso sibe yimpumelelo. Ungakwazi ukufaka isibheno ukuba isicelo sakho asiphumelelanga.


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* Ii-Ofisi zeNtlalo-ntle Yezithili


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Department of Social Development (Provincial Government of the Western Cape)





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Non-Profit Organisations Act of 1997 (UMthetho) (File type: pdf; size: 146 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Non-Profit Organisations Amendment Act 2000 (UMthetho) (File type: pdf) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Isicelo Sokuxhaswa Ngezimali Kwemibutho Enikezela Ngeenkonzo Eluntwini (Izikhokelo/Incwadi yezikhokelo/Imiyalelo)
* Konke Odinga Ukukwazi Ngokubhaliswa Kwemibutho Engajonge Ngeniso (IiNkcukacha Zoluntu)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 24 uMeyi 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





