






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO |IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ubomi Bakho > EzeMpilo > Impilo Yoomama & Neyabafazi

IMPILO YOOMAMA & NEYABAFAZI


What is Abuse? (IiNkcukacha Zoluntu) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)

Simelela: An Integrated Service for Surviving Rape in Khayelitsha, South Africa: One Year Report - 2006 (Iingxelo noPhando) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
(Uhlobo loxwebhu: pdf; ubukhulu: 631 KB)

uAgasti 2006

Isebe Lezempilo (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)


Ukuthintela Ukukhulelwa (Ucwangciso-ntsapho) (IiNkonzo)
Le nkonzo ibonelela ngamacebiso malunga neqela leendlela ezikhuselekileyo, ezisebenzayo nezamkelekileyo zokuthintela ukukhulelwa, macebiso lawo abasetyhini, amadoda, umlisela nomthinjana banokuxhamla kuwo ekuthintelweni kokukhulelwa okungadingekiyo. &nbsp;&gt;&nbsp;


Uvavanyo Lokukhulelwa (IiNkonzo)
Amakhosikazi kunye neentombi eziya exesheni emva kweveki okanye nangaphezulu kwelo lesiqhelo bayacetyiswa ukuba baye kwenziwa uvavanyo lokukhulelwa. Ezi mvavanyo zenziwa mahala kwiindawo zoncedo lwezempilo. Ukanti, azisoloko zisenziwa. Izixhobo zovavanyo lokukhulelwa zingathengwa ekhemesti. &nbsp;&gt;&nbsp;


Iinkonzo Zenkxaso Zasemva Kokubeleka (IiNkonzo)
Amantombazana akhulelweyo kunye nabasetyhini bathunyelwa kwiinkonzo zobunina okanye amaCandelo okuBelekisa (Ii-MOU) kwiindawo ezisezidolophini, nakwiikliniki ezixhomekeke kwezinye okanye ezisisigxina ezilalini. La maCandelo ngamacandelo okubelekisa aqhutywa ngababelekisi babaguli bezonyango kwindawo akuyo. Kucetyiswa oomama abakhulelweyo ukuba benze izicelo zokubekelwa iindawo kutyelelo lokuqala ekliniki phambi kweeveki ezingama-20 okanye nje ... &nbsp;&gt;&nbsp;


Iinkonzo Zokubeleka (IiNkonzo)
Oomama bangabelekela kwiikliniki ezisisigxina okanye kumaCandelo okuBelekisa, aqhutywa ngababelekisi ekuhlaleni kubaguli bamaziko ezonyango. Ukuba kuthe kwakho iingxaki ngethuba lokubeleka, baya kuthi bathunyelwe kwisibhedlele esingentla. Oomama abanentsholongwane kaGawulayo bangazibandakanya nenkonzo Yokuthintelwa Kokudluliselwa Kwentsholongwane Ukusuka Kunina Ukuya Elusaneni 1/1]. &nbsp;&gt;&nbsp;


Inkathalo yasemva kokubeleka (IiNkonzo)
Iinkonzo zasemva kokubeleka ziyafumaneka emva kokuba umama nosana lwakhe olusandul' ukuzalwa bekhululwe kwiCandelo lokuBelekisa okanye ekliniki. Oku kusoloko kusenzeka emva kweeyure ezintandathu usana luzelwe ukuba umama nosana basempilweni entle. &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukuthintelwa kweempawu ezibonisa ukungalungi kosana olungekazalwa ngenxa yokusetyenziswa kotywala, kunye nonyango loko. (IiNkonzo)
Ukuthintelwa kweempawu ezibonisa ukungalungi kosana olungekazalwa ngenxa yokusetyenziswa kotywala, okanye iFAS (ngamafutshane kwisiNgesi) lolona hlobo luqhelekileyo nolunokuthintelwa lobulwelwe ngenqondo ehlabathini, kodwa nangona kunjalo, yeyona ngxaki yezempilo uluntu lweNtshona Kapa olujongene nayo. &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukukhutshwa Kwesisu (IiNkonzo)
Abantu basetyhini abangafuni kuqhubekeka nokukhulelwa kwabo banokukhetha ukukuphelisa oko kukhulelwa. Ukuqhomfa ungakhange uhlawule nesenti kuyafumaneka kwezinye iikliniki zoMbuso. &nbsp;&gt;&nbsp;


Unyango Kubantu Abaxhatshazwe Ngokwesondo/Abadlwengulweyo (IiNkonzo)
Le nkonzo ivuleleke kuwo onke amanina namadod angaphezu kweshum elinesine ubudala abakhe badlwengulwa okanye baxhatshazwa ngokwesondo. Umntu othe wasinda kwezi ntshukumo uthi anikwe unonophelo lwezonyango, olwengqondo nolunento yokwenza neenkundla kwiiklinkhi zeengcali zeli phondo. Ekliniki, ixhoba eli liya kuthi lihlatywe imibuzo ze linikwe neengcebiso ngumsebenzi wezempilo ... &nbsp;&gt;&nbsp;


Uvavanyo Lomhlaza Webele (IiNkonzo)
Abantu basetyhini bayaboniswa ukuba bangawavavanya njani na amabele abo ukuze bafumanise amaqhuba anokuba ngunobangela womhlaza. Ukuba kuthe kwafumaniseka iqhuma, uya kuthunyelwa kuphando oluthe xhaxhe, oluya kuhlanganisa imammogram, ukususwa nokuxilongwa kweqhuma elo ukufumanisa ukuba alinabungozi na (alinamhlaza) okanye linobungozi (linomhlaza) na, ze ke umntu lowo aqeqeshelwe ... &nbsp;&gt;&nbsp;


Uvavanyo Lomhlaza Wesizalo (IiNkonzo)
Umhlaza womlomo wesizalo nowamabele zezona ntlobo zimbini ziqhelekileyo zomhlaza ezifumaneka kubafazi boMzantsi Afrika yaye bonkomama basemngciphekweni wokuhlunyelwa zezi ntlobo zomhlaza. &nbsp;&gt;&nbsp;


Unonophelo Lwempilo Yaxa Sele Uyeke Ukuba Sexesheni Ngenxa Yobudala (IiNkonzo)
Abafazi abayeka ukuya exesheni ngaphambi kwexesha elililo (ngaphambi kobudala obungama- 45 eminyaka) okanye abakwixesha lokuyeka kwaye bahlangabezana neempawu ezibagungqisayo, banakho ukufumana uphononongo koogqirha bomama kwakunye nokuxilongwa. Uvavanyo lwencindi lungenziwa ukuze kubekho izigqibo zonyango. Oomama bangacela ingcebiso ukuze bakwazi ukugqiba ngeyona ndlela yonyango iphucukileyo. &nbsp;&gt;&nbsp;



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 3 uOktobha 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





