Elayisensi yenkonzo yabahlali yosasazo lwezandi
Iinkonzo zabantu
Iinkonzo zemibutho
Iinkonzo zabantu bamazwe angaphandle
Khetha ulwimi
Bhalisa inqanawa yokuloba iLayisensi yenqanawa yokuloba yelizwe langaphandle iLayisensi yenqanawa yokuloba yeli lizwe iPemethe yokuseka indawo yokwenza imveliso yeentla ilungelo lokuloba ukuthutha okanye ukuphatha ukutya
Ukuphathwa nokuthuthwa kobisi
Isicelo selungelo lokukhangela ubukho besimbiwa
Isicelo selungelo lokwemba umgodi bhalisela ukusebenzisa amanzi
Inkonzo yeposi engabekelwanga iziko elithile
Elayisensi yokuqhuba iNkonzo yePosi eBekelwe iZiko
Yenkonzo yosasazo lwezandi ekhupha imitha yamandla seLayisensi yeNkonzo yoSasazo loRhwebo
Elayisensi yenkonzo yabahlali yosasazo lwezandi
Shicilela eli phepha/Printa eli phepha
Yongeza kwimiba ethandwayo
Beka njengephepha lokuqala
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
Ikhasi lokuqala
Iinkonzo zemibutho
Yenza isicelo sepemethe okanye selayisensi
Elayisensi yenkonzo yabahlali yosasazo lwezandi
Isicelo selayisensi yenkonzo yabahlali yosasazo lwezandi: ixesha leminyaka emine
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Inkcazelo
ILayisensi yoSasazo lwaBahlali (Community Broadcasting Licence) ifezekisa iimfuno zosasazo zabahlali kwithuba lexesha eliphelela kwiminyaka emine. Iyavuseleleka, kodwa kufuneka wenze isicelo sokuvuselela ilayisensi kungelothuba elingaphantsi kweenyanga ezintandathu, kwaye zingadlulanga iinyanga ezintathu phambi komhla wokuphelelwa kwale unayo ilayisensi. Ivuseleleka kuphela xangaba umntu onelayisensi uhambisene nemiqathango exelwe ngugunyaziwe weelayisensi. Ilayisensi inikwa abahlali abaziseka njengenkampani yeCandelo 21, iQumrhu leNtembeko, iqumrhu lombutho wokuzithandela okanye nawuphina umbutho ovunyiweyo ngokwasemthethweni ongajonganga kwenza nzuzo. Iinjongo zeLayisensi yoSasazo lwaBahlali yeminyaka emine kukufezekisa ezi zinto zilandelayo:
ukuphakamisa ilungelo lokunxibelelana nenkululeko yokuvakalisa izimvo ivumela ukunaba nokwanda kweshishini losasazo ukubandakanya abahlali ngokuneentshukumo, njengabavelisi, oomanejala kunye nabaphulaphuli nababukeli kwinkqubo yonxibelelano ukubalilizwi labahlali inika ubunkqubo obubonisa iminqweno neemfuno ezizodwa zabahlali, ezibandakanya iimfuno zenkcubeko, zolwimi, zenkonzo yobutyalike kunye neemfuno ngokweenkcukacha ezithile zabantu abahlala kuloo ndawo.
ILayisensi yoSasazo lwaBahlali yeminyaka emine inganikwa kula macandelo alandelayo:
Inkonzo yosasazo lwezandi
Le layisensi isebenziseka iminyaka emine.
Entla
Inkqubo emayilandelwe
I-ICASA iyakukhupha isimemo sezicelo zenkonzo yabahlali yosasazo lwezandi kwaye inike amazinga okushukuma kwamaza (frequencies) kwimimandla eyahlukeneyo. Njengomenzi-sicelo welayisensi, kufanele wenze ezi zinto zilandelayo:
Useke itim yabantu abasebenza ngesicelo ukuze le tim ithabathe uxanduva lwenkqubo yesicelo kwaye ibengumenzi-sicelo egameni labahlali.
Uqinisekise ukuba le tim yenza ezi zinto zilandelayo:
o iqokelela iisignitsha kubahlali o ibhala isicwangciso seshishini o iphembelela ukonyulwa kwamalungu eBhodi ngenkqubo yedemokhrasi o ibeka indawo eyakuba sisiza sokusasazela nokukhupha amaza omoya.
Ucele inkonzo yosasazo kunye nefom yesicelo sokuhambisa iintshukumiso zemitha yosasazo.
Entla
Entla
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Isicelo singathabatha iinyanga ezi 3 ukuya kwezi 4.
Entla
Iindleko
R3 000 (intlawulo yesicelo engabuyiswayo).
R250 yokukhutshwa kwelayisensi emva kokuba inikiwe.
Entla
Entla
Ifowuni:
Ifeksi:
I-adresi yendawo:
I-adresi yokuposa:
Nxulumana nathi
Imephu yesiza
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
