﻿
Ubutsotsi bokuqhatha ngobuqhetseba bentlawuliso ekhawulelayo ye 419 kunye nobutsotsi bongcakazo     

Inkcazelo

Ubutsotsi bokuqhatha obubizwa ngokuba yi-Nigerian Letter Scam ngokunokwabo bubuqhetseba bentlawuliso ekhawulelayo. Obu buqhetseba bukwaziwa ngokuba yi "419 scam" kwaye benziwa sisikrelemnqa esinobuqhetseba, esidla ngokuba lilungu lombutho wemigulukudu yezikrelemnqa. .

Obu butsotsi buqala ngokuthi isikrelemnqa esinobuqhetseba sinxulumane nenkampani ekujoliswe kuyo, ngefeksi, ngeposi okanye nge-e-mail. Kwenziwa umpoposho webhizinisi, odla ngokwenziwa liqela labantu abangumbutho wemigulukudu yezikrelemnqa ezizenza amagosa aphezulu karhulumente. Ezi zikrelemnqa zonobuqhetseba ziyakuthi zinemali eninzi ebhajethelwe ngokugqithisileyo, edla ngokuba ziidola zaseMerika. Lo mpoposho ubandakanya ukutshintshelwa kwale mali ibhajethelwe ngokugqithisileyo kwi-akhawunti yebhanki engaphandle kwelizwe obuvela kulo obu butsotsi. Lo mntu ufumana imbalelwano nonxulumano udla ngokuthenjiswa phakathi kwe 20 ukuya kutsho kwi 35 pesenti yemali eyakutshintshelwa njengekhomishini yokusebenzisa ibhanki yakhe.

Le mali ifunyanwa kwixhoba ngeendlela eziliqela:

Ixhoba licelwa ukuba lifake imali kwi-akhawunti yebhanki echaziweyo ukuze kuhlawulwe iindleko zokungenela olu rhwebo.
Yakube ikhutshiwe intlawulo yokuqala, kungavela "ubunzima" obuyakudala imfuneko yenye intlawulo.
Kungabizwa intlanganiso kumazwe athile, kwaye lakuba ixhoba likweli lizwe, ipaspoti yalo iyoxuthwa kwaye liyabanjwa kude kufunyanwe imali eyaneleyo.
Kungasetyenziswa iinkcukacha zebhanki ezikwizihloko ezigunyazisiweyo ukuze kukhutshwe imali kwi-akhawunti yebhanki yexhoba ifakwe kwi-akhawunti ephantsi kolawulo lwezikrelemnqa.

Ubutsotsi bongcakazo  buqala ngokuthi isikrelemnqa esinobuqhetseba sinxulumane nabantu abachongwe nje ngokungakhethiyo, kudla ngokuba nge-e-mail. Isikrelemnqa esinobuqhetseba sizenza igosa leNkampani yoNgcakazo , kwaye sixelela umntu ukuba uwine ungcakazo  apho umntu angazange athenge tikiti khona. Iinombolo eziwinileyo ziyachazwa kwimbalelwano nonxulumano, kwaye nangona nje ingakhona yona le Nkampani esi sikrelemnqa sithi sisuka kuyo, kwaye neenombolo izinombolo eziwinileyo , bubutsotsi obu. Kusetyenziswa iindlela ezifanayo neziya zobutsotsi be 419 ukuze kuxhwithwe imali kweli xhoba lijongiweyo.

Inkcazelo eyongezelelweyo ngokuphathelelene nobu butsotsi iyafumaneka kwi-website yeeNkonzo zaMapolisa aseMzantsi Afrika, apho kuchazwe khona iinkcukacha eziphathelelene nokuqhutywa kobu butsotsi, iimpawu zobu butsotsi, iindlela ngeendlela ekufunyanwa ngazo imali kwixhoba, ndawonye namanyathelo okuqaphela nokuzilumkela.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi yiya kwiNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika. 

Inkqubo emayilandelwe 

Abemi nabahlali baseMzantsi Afrika:
Ukubangaba ufumana ileta yobutsotsi, hambisa yonke imiqulu, inkcazelo kunye nembalelwano kwi-Interpol.
Xela apha kwimiqulu ukuba "Akukho lahleko yemali" okanye "Ikhona ilahleko yemali".
Nika iinkcukacha zakho zonxulumano kunye nenombolo okanye iinombolo zefowuni okanye ezo zaloo mntu okanye abo bantu bachaphazelekayo.
Kuyo yonke imibandela emalunga nobu butsotsi, i-Interpol iyakunxulumana neCandelo lobuGebenga boRhwebo  leNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika.

Abemi nabahlali bamazwe angaphandle:
Thumela ikopi yembalelwano ye "419" efunyenweyo, ngefeksi, kuNtsumpa weCandelo loBugebenga boRhwebo leNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika okanye kwiZiko loMthunywa oMkhulu/kwiNdlu yoZakuzo/kwiZiko loMmeli-Lizwe waseMzantsi Afrika ukuze igqithiselwe kwiNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika.
Nika iinkcukacha zebhanki .
Xela ukuba "Akukho Lahleko yeMali" okanye "Ikhona iLahleko yeMali".
Ukubangaba kukho ulwayamano lwe "419" noMzantsi Afrika, xela ngokucacileyo zonke iinkcukacha ezibandakanyekayo.
Nika iinkcukacha zakho zonxulumano kunye nenombolo okanye iinombolo zefowuni okanye ezo zaloo mntu okanye abo bantu bachaphazelekayo.


Imithetho esetyenziswayo

Government Gazette No. 22459 of 13 July 2001 and General Notice No. 1643 of the same date IGazethi kaRhulumente Namba 22459 yangomhla we13 Julayi 2001 kunye neSaziso Jikelele Namba 1643 yalo mhla mnye.



Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo 

INkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika yiyo eqingqa ithuba lexesha lokukhutshwa kweengxelo zenkqubela. Ngokubanzi iingxelo zikhutshwa qho emva kweeveki ezimbini, kuxhomekeke kwiimeko zenyewe.
Iingxelo zenkqubelo aziyi kunikwa kubantu abangakhange balahlekelwa yimali. Nangona kunjalo, kubalulekile ukuba iNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika inikwe iikopi zeeleta zobu butsotsi be "419" ukuze zifakwe kuvimba wamapolisa wenkcazelo.
Kwizehlo apho kubekho khona ilahleko yemali, amagosa woBumeli-Lizwe kumazwe angaphandle ayakugqithisa imiqulu kwi-SAPS kwisithuba seeyure ezingama 48 ifunyenwe imiqulu.

Iindleko 

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Iifom ezigcwaliswayo 

Azikho, kodwa kubalulekile uchaze apha kwimiqulu ukubangaba ufumene ilahleko yemali.

Iinkcukacha zonxulumano







